Ikhontenti Enobundlobongela Nehlasimlisayo

Iinkcukacha zepolisi

TSHINTSHA ILOGU
Izizathu Zepolisi
Siyaqonda ukuba abantu abafani ngendlela abanochuku ngayo ngokuphathelele imifanekiso ehlasimlisayo nenobundlobongela. Ukuze sikhusele iiuser kwikhontenti enjalo, siyayisusa eyona khontenti imanyumnyezi size sifake ileyibhuli elumkisayo kwezinye iintlobo zekhontenti ukuze abantu bazi ukuba inganochuku ngaphambi kokuba baklike kuyo. Siyazithintela iiuser eziselula ekuboneni ikhontenti esenokuba ayizifanelanga okanye ayibufanelanga ubudala bazo. Xa sisenjenjalo, injongo kukwenza iiuser zibone izinto ezizifaneleyo, ngoxa sihubeka nokunika iiuser zethu isithuba sokuveza izimvo zazo.
Siyaqonda ukuba iiuser zingashera ikhontenti ukuze zilumkise abantu okanye zigxeke izenzo ezifana nokunyhashwa kwamalungelo abantu okanye imfazwe. Iipolisi zethu ziyayigqala ikhontenti xa isherwa kule meko zize zivule umtyhi wengxoxo nokwazisa abantu ngendlela efanelekileyo.
Kwizibhengezo ezibhatalelweyo, sinikela ngokhuseleko olongezelekileyo. Ngokomzekelo, ikhontenti eye yagqalwa njengenochuku ayifaneleki ukuba ivezwe kwizibhengezo. Kwakhona asizivumeli izibhengezo ukuba ziquke imifanekiso neevidiyo ezimasikizi, ezihambis' umzimba, okanye ezenzelwe ukubaxa izinto. Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi, nceda ujonge Imigangatho Yokubhengeza yethu.
Ungayipowusti:
Imifanekiso yabantu
Iividiyo zabantu, bephila okanye beswelekile, kwimeko engeyiyo eyonyango, ebonisa:
  • Ukunqunyulwa kwamalungu omzimba.
  • Amalungu omzimba angaphakathi, njengamalungu, amathambo, okanye izihlunu ezibhencekileyo zabantu abaphilayo okanye abaswelekileyo;
  • Abantu abatshayo okanye abatshe baba mnyama; okanye
  • Ukunqumla umqala.
Ukustrinywa ngokuthe ngqo kokuxhonywa kwabantu.
Amazwi Avisa Ubuhlungu
Amazwi avisa kabuhlungu ngamagqabaza – anjengamagama achaza umfanekiso okanye iikhomenti –avakalisa ukuvuyiswa okanye ukuyoliswa yintlungu okanye kukuhlazeka kwabantu okanye kwezilwanyana.
Siyawasusa
  • Amazwi avisa kabuhlungu abhekiswa kumfanekiso (kokubini kwividiyo nakwimifanekiso engashukumiyo) aye afumane iskrini esilumkisayo phantsi kwale polisi, eyazisa abantu ukuba loo khontenti kungenzeka ibaphazamise; ngaphandle kokuba loo mfanekiso ubonisa izenzo zokuzikhusela (umz., ividiyo yomntu ozikhusela kumkhuthuzi oxhobileyo) okanye ikwimeko yezamayeza (umz., umfanekiso womsebenzi wezamayeza esenza utyando).
  • Amazwi avisa kabuhlungu ngokuphandle ebhekiswa kwizilwanyana ezisentlungwini eziboniswe emfanekisweni, nemifanekiso ebonisa izilwanyana zisifa.
  • Ukuofarisha okanye ukucela imifanekiso edilithiweyo okanye efumana iskrini esilumkisayo phantsi kwale polisi, xa loo nto ikhatshwa ngamazwi anjongo yawo ikukuvisa kabuhlungu nokuhlaza.
Kule khontenti ilandelayo, siquka iskrini esilumkisayo ukuze abantu bazi ukuba loo khontenti inganochuku. Kwakhona le khontenti siyibekela umda wokuba ibukelwe ngabantu abadala kuphela, abaneminyaka eli18 nangaphezulu:
Imifanekiso yabantu
Iividiyo zabantu, bephila okanye beswelekile, kwimeko yonyango, ebonisa:
  • Ukunqunyulwa kwamalungu omzimba.
  • Ukubonakala kwamalungu omzimba angaphakathi, njengamalungu, amathambo, okanye izihlunu ezibhencekileyo zabantu abaphilayo okanye abaswelekileyo;
  • Abantu abatshayo okanye abatshe bamnyama, kuquka kwimeko yecremation; okanye
  • Ukunqumla umqala.
Imifanekiso engashukumiyo yabantu, bephila okanye beswelekile, ebonisa:
  • Ukunqunyulwa kwamalungu omzimba.
  • Amalungu omzimba angaphakathi, njengamalungu, amathambo, okanye izihlunu ezibhencekileyo zabantu abaphilayo okanye abaswelekileyo;
  • Abantu abatshayo okanye abatshe baba mnyama; okanye
  • Ukunqumla umqala.
Imifanekiso (kokubini iividiyo nemifanekiso engashukumiyo) ebonisa ukufa komntu ngendlela enobundlobongela (kuquka ixesha afa ngalo okanye emva koko) okanye umntu esehlelwa yinto esongela ubomi bakhe (njengokutshayiswa yimoto, ukuwa esuka kwindawo ephezulu, okanye esehlelwa yenye into ebisenokusuba ubomi bakhe).
Imifanekiso ebonisa ukuxhonywa komntu (ngaphandle kokustrima ngokuthe ngqo).
Imifanekiso ebonisa izenzo zobundlobongela obumasikizi (umz., izenzo zobundlobongela okanye ukusongela ngokubulala abantu ababotshiweyo) ezenziwa emntwini okanye kwiqela labantu.
Imifanekiso ebonisa izinto ezingenanto yakwenza nonyango (umz., iimela, izikhonkwane, okanye ezinye izinto zentsimbi) zigqobhoze ulusu lomntu.
Imifanekiso ebonisa amazinyo ophukileyo, ophayo, akhutshiweyo apho kukho igazi; okanye ukufakwa kwezinto emazinyweni okanye kwiintsini.
Imifanekiso ebonisa iimveku neentsana ezingaphandle kwesibeleko eziswelekileyo, ngaphandle kokuba kukho omnye umntu kuloo mfanekiso.
Imifanekiso yezilwanyana
Nayiphi imifanekiso yezilwanyana, enoba zisaphila okanye zifile, - ebonisa ukunqunyulwa kwamalungu, ukubonakala kwamalungu angaphakathi, ukutsha okanye ukutsha kwiindawo ezithile, okanye zibiliswa ziphila.
Imifanekiso yezilwanyana ezifayo.
Imifanekiso yabantu besenza izenzo zenkohlakalo kwizilwanyana eziphilayo (umzekelo, bezikhaba, bezintywilisela, okanye bezixhwitha iintsiba).
Kule khontenti ilandelayo, sivumela kuphela ukuba ibe ziiuser ezineminyaka eli18 nangaphezulu eziyibonayo:
Imifanekiso yabantu
Imifanekiso ebonisa umntu oswelekileyo ogqunywe kancinci okanye ongagqunywanga ngokupheleleyo, kwanaxa kungekho zinto zibonakalayo zibonisa ukubulawa ngobundlobongela.
Imifanekiso ebonisa iimveku neentsana ezingaphandle kwesibeleko eziswelekileyo, ngoxa kukho omnye umntu kuloo mfanekiso.
Imifanekiso ebonisa iinaliti zigqobhoza ulusu lomntu ngaphandle kwaxa kugonywa, kusenziwa iacupuncture okanye ukuhlatywa inaliti ukulwa iintlungu, kusenzelwa itatoo okanye ukugqobhoza njengaxa kuza kufakwa icici.
Umfanekiso obonisa abantu abonzakeleyo kwimeko yezonyango xa bebonakala besentlungwini okanye ukudakumba, ukugruzuka, okanye ukuhanjiswa kweegesi ngeetyhubhu ebusweni kunye/okanye ezandleni.
Imifanekiso ebonisa ilindle lomntu nolwelo lomzimba (umz., ituwa, umchamo, umgabho, incindi yendlebe, umkhunyu, into efunxwe emathunjini, okanye igazi).
Imifanekiso ebonisa iimoto ezitshayo okanye eziqhushumbayo, okanye ebonisa ukutshayisa kwemoto ebibaleka ngesantya esiphezulu okanye emva kokutshayisa kwezinye izinto apho loo moto iye yaphuma kwindlela yayo yaye / okanye iindawo ezihlala umqhubi okanye umkhweli ziye zonakala kakhulu.
Imifanekiso yezilwanyana
Imifanekiso ebonisa izilwanyana, eziphilayo okanye ezifileyo, apho kubonakala khona igazi.
Imifanekiso ebonisa izilwanyana ezizalayo (umz., kubekho igazi okanye kuvele amathumbu azo).
Imifanekiso ebonisa izilwanyana, eziphilayo okanye ezifileyo, apho kubonakala izinambuzane ziphuma kuzo (umz., iimpethu okanye imibungu).
Imifanekiso ebonisa izilwanyana ezonzakeleyo zisentlungwini.
Imifanekiso Yasentsomini
Umfanekiso obonisa abantu basentsomini, kwezi meko zilandelayo:
  • Ukunqunyulwa kwamalungu omzimba;
  • Ukubonakala kwamathumbu, njengamalungu, amathambo, okanye izihlunu ezibhencekileyo;
  • Abantu abatshayo okanye abatshe baba mnyama;
  • Ukunqumla umqala; okanye
  • Ukufa ngobundlobongela okanye isiganeko esisongela ubomi.
Imifanekiso ebonisa abantu basentsomini (apho loo mifanekiso ibonakala ngathi okanye ifana kakhulu nefoto okanye ividiyo yomntu wokwenene), kwezi meko zilandelayo:
  • Izinto ezingezizo ezonyango (umz. iimela, izikhonkwane, okanye ezinye izinto zesinyithi) zigqobhoza ulusu;
  • Ilindle lomntu nolwelo lomzimba (umz., ituwa, umchamo, umgabho, incindi yendlebe, umkhunyu, into efunxwe emathunjini), ngaphandle kwegazi;
  • Abantwana okanye iintsana eziswelkileyo esele ziphumile kwisibeleko;
Umfanekiso obonisa izilwanyana zasentsomini, kodwa zibe zibonakala zingumfanekiso wokwenene, ezikwezi meko zilandelayo:
  • Ukunqunyulwa kwamalungu omzimba;
  • Ukubonakala kwamathumbu, njengamalungu, amathambo, okanye izihlunu ezibhencekileyo;
  • izilwanyana ezitshayo okanye ezitshe zaba mnyama;
  • Izilwanyana ezibiliswa ziphila;
  • Kukho igazi;
  • Izilwanyana ezifayo;
  • Abantu abenza inkohlakalo (umzekelo, ukukhaba, ukuntywilisela, okanye ukuxhwitha iintsiba) kwizilwanyana eziphilayo;
  • Izilwanyana ezonzakeleyo ezisentlungwini
  • Izilwanyana ezinezinambuzane eziphuma kuzo ngaphakathi (umzekelo, iimpethu okanye iintshulube).
Kule Migangatho Yoluntu ilandelayo, sidinga inkcazelo eyongezelelekileyo kunye/okanye ingcombolo ethile ukuze sikwazi ukunyanzelisa ipolisi ethi:
Asiyivumeli:
Imifanekiso okanye iodiyo, kodwa kungekhona ukuboniswa, kokufa komntu ngendlela enobundlobongela xa ukufa kwaloo mntu kuqinisekiswa yirekhodi yabanyanzelisi bomthetho, sisatifikethi sokufa, yingxelo yePatnari Ethenjiweyo, okanye yingxelo yabeendaba kwaye ilungu lentsapho kamfi licela isuswe.
Ividiyo yabantu abatshe bamnyama okanye abatshayo kwimeko yokuzintumeka ngomlilo njengesenzo sokuqhankqalaza.
Sisenokuyivumela:
Imifanekiso yomntu ofa ngobundlobongela okanye isehlo esibeka ubomi engozini apho loo mfanekiso wenzeke ngamabonandenzile
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Inkcazelo
Jonga Ingxelo Yonyanzeliso LweMigangatho Yoluntu yakutshanje
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo ngekhontenti enobundlobongela nehlasimlisayo
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu