Ubundlobongela Nokubuphembelela

Iinkcukacha zepolisi

TSHINTSHA ILOGU
Izizathu Zepolisi
Sizimisele ukuthintela ubundlobongela obunokwenzeka ngaphandle kwi-intanethi obusenokuba nento yokwenza nekhontenti ekwiiplatfomu zethu. Nangona siqonda ukuba abantu ngokuqhelekileyo babonisa indlela abadelela ngayo okanye abangavumelani ngayo nento ngokwenza izoyikiso okanye bahlabe ikhwelo lokuba kwenzie ubundlobongela ngeendlela ezingekho nzulu kangako, siyasisusa isigama esiphembelela okanye esiququzelela ubundlobongela obunzulu nezoyikiso kuwonkewonke okanye kukhuseleko lobuqu. Oku kuquka intetho enobundlobongela ejoliswe kumntu okanye kwiqela labantu ngokusekelwe kuphawu (kwiimpawu) zabo ezikhuselweyo okanye imo yakhe yokufudukela kwelinye ilizwe. Siyayisusa ikhontenti, siyekise iiakhawunti size sisebenze nabonyanzeliso lomthetho xa sikholelwa ukuba kukho umngcipheko wokwenene womonzakalo wokoqobo okanye isoyikiso esingqalileyo sokhuseleko lukawonke wonke. Kwakhona sizama ukuqwalasela intetho esetyenziswayo nomongo ukuze sahlule phakathi kwamazwi ayincoko nje engephi nekhontenti eyenza kubekho isoyikiso esinesihlahla kuwonkewonke okanye kukhuseleko lomntu. Xa sisenza isigqibo sokuba isoyikiso esithile sinesihlahla, sisenokuqwalasela inkcazelo eyongezelelekileyo njengokujonga ukuba loo mntu ubonakala njani kuwonkewonke nemingcipheko enokubakho kubo ngokwasemzimbeni.
Kwezinye iimeko, sibona izoyikiso zobundlobongela ekukho abanqwenela ukubenza okanye obunokwenzeka, kuquka amazwi abonisa ukuba ngaske kwenziwe ubundlobongela, ajoliswe kubanqolobi nabanye abantu abenza ubundlobongela (umz., "Abanqolobi kufuneka babulawe," "Ingaske abanqolobi babulawe"). Sizijonga ngenye indlela ezo zinto zingenabungqina bunokuthenjwa nobungathanga ngqo.
Siyazisusa:
Siyazisusa izisongelo zobundlobongela ezijoliswe kubantu abahlukahlukeneyo. Izisongelo zobundlobongela ngamazwi athethwayo okanye imifanekiso emela injongo, ukuzimisela, okanye ahlaba ikhwelo lokuba kwenziwe ubundlobongela kumntu ajoliswe kuye, ibe izisongelo zingenziwa ngeendlela ezahlukeneyo kuquka amazwi achaza injongo, ukuhlaba ikhwelo, ukumela, ukuvakalisa ithemba, amazwi okuzimisela namazwi abeka imiqathango.
Asizithinteli izisongelo xa zisherwa kwimeko yokulumkisa okanye yokuzigxeka, xa izisongelo ezingekho qatha zisenziwa kwimeko yemidlalo, okanye izisongelo ezithile nxamnye nabantu abanobundlobongela, njengamaqela abagrogrisi.
Ukukhuselwa ngokupheleleyo komntu wonke
Wonke umntu ukhuselwe kwezi zisongelo zilandelayo:
  • Izisongelo zobundlobongela ezingakhokelela ekufeni (okanye ezinye iintlobo zobundlobongela obunzulu kakhulu)
  • Izisongelo zobundlobongela ezingakhokelela kumonzakalo onzulu (ubundlobongela obuphakathi ukuya kobunzulu). Siyazisusa izisongelo esijoliswe kubantu abadumileyo namaqela kungasekelwanga kwiimpawu zomntu xa kufanlekile, kwaye siyazisusa xa zijoliswe komnye umntu (kuquka amaqela ngokusekelwe kwiimpawu ezikhuselweyo) kungakhathaliseki ngokufaneleka kwazo
  • Ukuvunywa kobundlobongela obunzulu kakhulu okanye obuphakathi (ngohlobo olubhaliweyo okanye lomlomo, okanye olubukelwayo oluboniswe ngumntu obuphembelelayo okanye isinxulumani), ngaphandle kwaxa kukwikhontenti esherwayo yokukhululwa, ukuzikhusela, ezemidlalo enidibanayo ngomzimba (eziphakathi ukuya kwezinzulu okanye ngaphantsi), okanye xa zisenziwa ngabezonyanzeliso lomthetho, abezomkhosi okanye abasebenzi bezokhuselo eburhulumenteni
  • Izisongelo okanye ukuboniswa ukuxhwilwa okanye ukuqweqwediswa xa kucacile ukuba loo khontenti ayichazwa lixhoba okanye lusapho kuba kucelwa uncedo, okanye isherwa njengenkcazelo, igxekwa okanye kusaziswa abantu ngayo
Ukhuseleko olongezelekileyo kuBantu Babucala, Bonke Abantwana, abantu abakumngcipheko omkhulu nabantu okanye amaqela ngokusekelwe kwiimpawu zabo ezikhuselweyo:
Ukongezelela ekukhuselweni ngokupheleleyo komntu wonke, bonke abantu babucala (xa umntu exele ngokwakhe), abantwana nabantu okanye amaqela abantu ekujoliswe kubo ngokusekelwe kwiimpawu zabo ezikhuselweyo, bakhuselwe kwizisongelo zobundlobongela obungekho qatha.
Obunye Ubundlobongela
Ukongezelela kulo lonke ukhuseleko oludweliswe ngasentla, siyazisusa ezi zinto zilandelayo:
  • Ikhontenti ecela, eofarisha, okanye evumayo ukuba iye yaofarisha ngeenkonzo kubundlobongela obuyingozi kakhulu (ngokomzekelo, umbulali othengwayo, amajoni athunyelwa kwamanye amazwe aye kubulala, abantu abathengelwa ukubulala abezopolitiko, abantu abasika amalungu enzala wabasetyhini) okanye ukukhuthaza ukusetyenziswa kwezi nkonzo
  • Imiyalelo ngendlela yokwenza okanye ukusebenzisa izixhobo apho isigama esisetyenziswayo sichaza ngokuphandle usukelo lokwenzakalisa ngokunzulu okanye ukubulala abantu, okanye imifanekiso ebonisa okanye ekhuthaza isiphumo sokwenziwa kwento, ngaphandle kokuba umongo uhambisana neenjongo ezingenabundlobongela ezifana nokufundiswa ukuzikhusela (ngokomzekelo, ukuqeqeshelwa ukulwa emkhosini, imartial arts) nokuqeqeshwa kwezomkhosi
  • Imiyalelo yendlela yokwenza okanye yokusebenzisa iziqhushumbisi, ngaphandle kokuba umongo waloo khontenti wenzelwe iinjongo ezingenabundlobongela ezifana nokusetyenziselwa ukuzonwabisa (ngokomzekelo, iifireworks okanye imidlalo yeedividiyo yezorhwebo, ukuloba)
  • Izisongelo zokuba kusetyenziswe izikhali okanye kuziwe nezikhali kwindawo ethile okanye kungenwe ngenkani kwiindawo ezithile (eziquka iindawo zonqulo, amaziko ezemfundo, iindawo zokuvota okanye indawo ekubalelwa kuzo iivoti okanye ekulawulwa kuyo unyulo, phofu zingaphelelanga kwezo kuphela), okanye iindawo apho kukho iisayini zokwexeshana zokuba kungakho umngcipheko omkhudlwana wobundlobongela.
  • Izisongelo zobundlobongela ezinokuthanani nokuvota, ukubhalisela ukuvota, okanye ulawulo okanye iziphumo zonyulo, kwanaxa kungekho mntu kujoliswe kuye ngokuthe ngqo.
  • Ukunconywa kobundlobongela obusekelwe kubuni obuthile obusenokuba benziwa liqabane elisondeleyo okanye obusekelwe ekufumaneni imbeko kumntu othile
Kule Migangatho Yoluntu ilandelayo, sidinga inkcazelo eyongezelelekileyo kunye/okanye ingcombolo ethile ukuze sikwazi ukunyanzelisa ipolisi ethi:
Siyazisusa:
  • Izisongelo ezijoliswe kumagosa ezonyanzeliso lomthetho okanye amagosa onyulo, kungakhathaliseki ukuba badume kangakanani okanye eso sisongelo sibonakala sisemthethweni kangakanani.
  • Amazwi aneekhowudi ezithile apho kungachazwanga ngokuphandle xa kuthethwa ngobo bundlobongela, kodwa isisongelo sifihlakele okanye siphandle, njengokuba kuboniswe ngumxube weesiginali ezidweliswe apha ngezantsi.
    • Isisongelo: amazwi akwekwayo anenye yezi zinto zilandelayo:
      • Asherwe kwimeko yempindezelo (umz. ukuchaza umnqweno wokwenza into eyenzakalisayo kwabanye ngenxa yesikhalazo esithile okanye isoyikiso esenzeke ngokoqobo, esicingelwayo okanye esilindelweyo)
      • Akuthetha ngeziganeko zobundlobongela zembali okanye zamabali angeyonyani (umz., ikhontenti eyoyikisa abantu ngokuthetha ngeziganeko zembali yobundlobongela ezaziwayo eziye zaqhubeka kwimbali iphela okanye kwimeko yamabali abaliswayo)
      • Izenzo ezinjengezoyikiso ezimemeza ukuba kwenziwe into ethile (umz. ikhontenti emema okanye ekhuthaza abanye ukuba benze izenzo ezenzakalisayo okanye bajoyine ekwenzeni izenzo eziyingozi)
      • Abonisa ukuba kukho into oyaziyo ngenkcazelo okanye ashera inkcazelo engabeka abanye esichengeni somenzakalo (umz., ikhontenti esenokuba iphawula okanye inento ediza ukwazi ngenkcazelo yobuqu esenokuveza isoyikiso sobundlobongela obenziwa emzimbeni bukholeleke ngakumbi. Oku kuquka ukuchaza ngokungangqalanga ukuba uyayazi iadresi ahlala kuyo umntu othile, indawo aphangela kuyo okanye afunda kuyo, indlela ahamba ngayo yonke imihla okanye indawo akuyo ngoku)
    • Imeko
      • Into yasekuhlaleni okanye ubugcisa buqinisekisa ukuba la mazwi angakhokelela kubundlobongela obukhawulezileyo.
      • Umntu ejoliswe kuye ikhontenti okanye ummeli ogunyazisiweyo exela loo khontenti kuthi.
      • Kujoliswe emntwaneni.
  • Izisongelo ezingangqalanga zokuba kuziwe nezikhali kwindawo ethile eziquka iindawo zonqulo, amaziko ezemfundo, iindawo zokuvota okanye indawo ekubalelwa kuzo iivoti okanye ekulawulwa kuyo unyulo, (okanye ukukhuthaza abanye ukuba benze okufanayo) okanye iindawo apho kukho iisayini zokwexeshana zokuba kungakho umngcipheko omkhudlwana wobundlobongela.
  • Amabango okanye uqikelelo oluphathelele urhwaphilizo oludibene nonyulo, amagingxigingxi, okanye ukuthatha icala elithile kudityaniswa iimpawu ezibonisa ukuba ikhontenti ethile isengaba sisisongelo sobundlobongela (umz. izisongelo zokuba kuthathwe okanye kuziwe nezikhali, imifanekiso ebonakalayo yezikhali, ukuthetha ngokutshiswa kwezindlu, ubusele, ukuzonakalisa), kuquka:
    • Ukujolisa kumntu (kubantu) abathile
    • Ukujolisa kwindawo ethile (ilizwe okanye ilizwana)
    • Apho angachazwanga ngqo ekujoliswe kuye
  • Ukuthetha ngeembutho eziphathelele unyulo okanye iziganeko ezithi xa zidityaniswe neempawu ezibonisa ukuba zinganobundlobongela (umz., izisongelo zokuba kuthathwe okanye kuziwe nezikhali, imifanekiso ebonakalayo yezikhali, ukuthetha ngokutshiswa kwezindlu, ubusela, ukuzonakalisa).
  • Izisongelo zobundlobongela obuqathu ngezinga eliuphezulu okanye eliphakathi bokuzikhusela okanye bokukhusela omnye umntu xa ezi zinto zijongwayo zingezantsi zifikelelwa.
    • Nxamnye nomntu nomntu othile (ngaphandle kwabantu onokubabona ebusweni ukuba bangoobani, abantu ekujoliswe kubo ngenxa yeempawu ezukhuselwayo, nabantwana)
    • Kwimeko yokungena ekhaya okanye ubundlobongela obuphakathi kwabantu obulingana nobundlobongela ekusatyelwa kubo nobusisisongelo esikhawulezileyo
    • Ifuthe elingakho ekukwazini komntu ukuveza izimvo zakhe lingaphezu komngcipheko wobundlobongela obuza kwenzeka kungekudala
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Inkcazelo
Jonga Ingxelo Yonyanzeliso LweMigangatho Yoluntu yakutshanje
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo ngobundlobongela nokubuphembelela
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu