Ispam

Iinkcukacha zepolisi

TSHINTSHA ILOGU
Izizathu Zepolisi
Asiyivumeli ikhontenti eyenziwe ngenjongo yokuqhatha, ukukhohlisa, okanye ukudika iiuser ukuze unyuse amanani abantu abayibukelayo. Le khontenti iphazamisa ukukwazi kwabantu ukuqhubana ngendlela enobunyani kwiiplatfomu zethu ibe ingasisisongelo kukhuseleko, kuzinzo nasekusebenzisekeni kweenkonzo zethu. Kwakhona sifuna ukuthintela imikhwa yokusebenzisa kakubi izinto, njengokusasaza iilinki ezikhohlisayo ukuze utsalele iiuser ezingalindelanga kwizinto okanye kwikhowudi ezikhohlisayo, okanye uzenze idomeyini ethenjiweyo.
Ispam esikwi-intanethi lishishini elinemali eninzi. Iipolisi zethu nokukwazi ukusibhaqa zimele zihlale ziphuculwa ukuze kulungiselwe imikhwa namaqhinga amatsha espam. Ngokuthatha amanyathelo okulwa nespam, sifuna ukubhalansisa ukunyusa iindleko kubavelisi nakubasasazi baso kwiiplatfomu zethu, nokukhusela izinto ezibangela umdla, ezinobunyani ezenziwa luluntu lwethu.
Asikuvumeli:
  • Ukupowusta, ukushera, ukuzibandakanya nekhontenti okanye ukuyila iiakhawunti, Amaqela, Amakhasi, Iziganeko okanye ezinye iiasethi, ngokwakho okanye ngokuzenzekelayo, uphindaphinda kaninzi.
    • Singabeka izithintelo kwiiakhawunti eziphindelela ngokuphantsi xa kukho ezinye izinto ezibonisa iSpam (umz., ukupowusta ikhontenti ephindaphindayo) okanye iisignali zokungabikho kobunyani.
  • Ukuzama ukuthengisa okanye ukuphumelela ekuthengiseni, ekuthengeni, okanye ekutshintshiseni iiasethi zeplatfomu, njengeeakhawunti, amaqela, amakhasi, njalo njalo.
  • Ukuzama ukuthengisa okanye ukuphumelela ekuthengiseni, ekuthengeni, okanye ekutshintshiseni iinyhweba ozinikiweyo yisayithi, ezinjengokuba ngumlawuli okanye ukuba ngumlamli, okanye imvume yokupowusta kwiindawo ezithile.
  • Ukuzama ukuthengisa okanye ukuthengisa, ukuthenga, okanye ukutshintshisa ngekhontenti ukuze ufumane into enexabiso lemali, ngaphandle kweKhontenti Ebhrendiweyo ephawulwe ngokucacileyo, ngendlela echazwe yiPolisi Yekhontenti Ebhrendiweyo yethu.
  • Ukuzama ukuthengisa okanye ukuphumelela ekuthengiseni, ekuthengeni, okanye ekutshintshiseni iinkqubano, ezinjengokuthanda, ukushera, ukujongwa, ukulandelwa, ukuklikwa, ukusetyenziswa kweehashtag ezithile, njalo njalo. Oku kuquka:
    • Ukuofarisha izinto zasimahla (oko kukuthi, ukuofarisha abanye abantu ithuba lokuwina) imali okanye into elingana nemali ethile ukuba nje bangaqhubana nawe. (umz., "Nabani na othanda ikhasi lam uza kufakwa ukuze awine i$500")
    • Ukuofarisha nantoni na enexabiso lemali ukuba umntu uza kuqhubana nawe. (umz., "Ukuba ungathanda ikhasi lam, ndiza kukunika i-iPhone!")
  • Ukufuna okanye ukwenza ibango lokuba iiuser kufuneka ziqhubane nekhontenti (umz., zithande, zishere) ngaphambi kokuba zikwazi ukujonga okanye ukuzibandakanya naloo khontenti ithenjiswayo.
  • Ukushera iiURL, iidomeyini, okanye iiaplikheyishini eziqhathayo okanye ezikhohlisayo kuquka:
    • Ukumfamekisa: Ukumfamekisa lilo naliphi na ilinge lokuphepha iipolisi zekhonteni zethu ngokuthi ngabom ubonise ikhontenti ekwiplatfomu eyenye, efana neeURL okanye iiapp, eyahlukileyo kwiinkqubo zethu zokuthembeka xa zithelekiswa noko kubonwa ziiuser.
    • Iilinki Eziqhathayo: Ikhontenti enelinki ethembisa uhlobo oluthile lwekhontenti kodwa ikunike into eyahluke kakhulu kuleyo.Oku kungaquka ikhontenti ekwiapp okanye kwisoftwe ethenjisiweyo.
    • Izenzo zokudlulisela kwenye isayithi ezikhohlisayo: Iiwebhusayithi ezifuna isenzo (umz. ezinocaptcha, bukela isibhengezo, klika apha) ukuze ubone ikhasi obulindele ukuba uza kungena kulo kwaye igama ledomeyini yeURL liyatshintsha emva kokuba kwenziwe le nto ifunwayo, okanye ezidlulisela iiuser ngokuzenzekelayo kwidomeyini eyahluke kakhulu ngaphandle kwenyathelo elithathwe yiuser.
    • Ikroba lokuthanda/lokushera: Kufuna ukuba iiuser zizibophelele (kuhlobo oluthile lwezithandwayo, ezisherwayo, ezilandelwayo, okanye nazo naziphi na iintlobo zokuzibophelela) ukuze zifikelele kwikhontenti ethile, nekhetheke ngendlela eyodwa.
    • Imisebenzi ekhohlisayo yeplatfomu - Ukulinganisa iifitsha okanye imisebenzi yeenkonzo zethu engasebenziyo, njengokulinganisa ukunyuswa kwengxowamali, uhlolozimvo ngeintanethi, amaqhosha athi Thanda apho loo msebenzi ungekhoyo, ukuze wenze umntu alandele ilinki ethile.
    • Umzebenzi wekhasi ekufikelwa kulo okhohlisayo: Iiwebhusayithi ezineuser interface ekhohlisayo, ezibangela ukuba abantu bangene bengazimiselanga (umz., iipop-up/under, iclickjacking, njalo njalo). Oku kuquka amaqhinga afana nokurhintyela, apho kuvele kuthi gqi iipop-up ezingadibananga nale nto uyifunayo xa umntu ezama ukushiya elo khasi lokufikela.
    • Ikhasi ofikela kulo okanye ukwenza idomeyini yomnye umntu ngathi yeyakho - Ikhasi ofikela elingaphandle kwamaqoanga, iURL, okanye iwebhusayithi okanye idomeyini yangaphandle eyenziwe ngathi yeyebrendi okanye inkonzo edume kakuhle ngokusebenzisa igama, idomeyini okanye ikhontenti epelwe kakubi okanye ezinye iindlela zokwenza ngathi izinto zivela kwiiwebhusayithi, iidomeyini okanye ibrhendi ezaziwa kakuhle usebenzisa ikhasi ofikela kulo elifanayo nelo laloo sayithi ifanayo okanye enye ethenjwayo.
    • Ezinye iindlela eziqhathayo zokusebenzisa iiURL okanye iilinki ezifana kakhulu nezi zichazwe ngasentla.
  • Nangona kunjalo, asikuthinteli
    • Ukupromowutha into ekwenye iindawo okungabangelwa yintlawulo eya komnye umntu
    • Ukutransfera iimbopheleleko zokuba ngumlawuli okanye umlamli wekhasi okanye weqela kwenye iuser ngenxa yokuba enomdla kwelo khasi okanye iqela, kunokuba kutshintshiselwana ngento enexabiso.
    • Ukupowusta okanye ukushera Ikhontenti Ebhrendiweyo ephawulwe ngokucacileyo.
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Inkcazelo
Jonga Ingxelo Yonyanzeliso LweMigangatho Yoluntu yakutshanje
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo ngespam
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu