Impahla Neenkonzo Ezibekelwe Isithintelo

Iinkcukacha zepolisi

TSHINTSHA ILOGU
Izizathu Zepolisi
Ukukhuthaza ukhuseleko nokuthintela izinto ezisenokuba nobungozi, siyawalela amalinge enziwa ngabantu, ngabavelisi, nabathengisi okuthenga, ukuthengisa, ukuthengisa amatikiti, isipho, ukutransfera okanye ukuthengisa impahla neenkonzo kwiqonga lethu. Asikunyamezeli ukutshintshisa okanye ukuthengisa iziyobisi ezisenokuphumela ekubeni kusetyenziswe kakubi iziyobisi ekuthethwe ngako kwiipolisi zethu ezingezantsi. Abathengisi basengabhengeza izixhobo zokulwa, utywala, necuba abazithengisayo kwizakhiwo zabo naonline hayi ngeenkonzo zethu; kodwa ke, sibeka imida ukuba loo khontenti ingabonwa ngabantwana abancinane. Siyazivumela iingxoxo ezingokuthengiswa kwale mpahla ezivenkileni okanye ngabathengisi abakwi-intanethi, ukulwela utshintsho kwimimiselo yeempahla neenkonzo eziphantsi kwale polisi, nokulwela okanye ukuxhalabela ukusetyenziswa kwamayeza kwimeko yonyango, kuquka iingxoxo ezingemiphumo engacetywanga emzimbeni okanye engqondweni.
Iimpahla Neenkonzo Ezibekelwe Isithintelo ziba nezi khathegori zilandelayo:
  • Iziyobisi Neenkampani Zamachiza
  • Izixhobo, Iimbumbulu okanye Iziqhushumbisi
  • Icuba Neemveliso Ezihambisana Nalo
  • Utywala
  • Impilo Nempilontle
  • Ukungcakaza Nemidlalo Ekwi-intanethi
  • Izinto ezisemngciphekweni nezikhuselweyo (izilwanyana nezityalo)
  • Ezobugcisa Zembali
  • Impahla Nemathiriyali Eyingozi
  • Amalungu Nolwelo Lomzimba
Ikhathegori nganye icaciswe apha ngezantsi.
Iziyobisi Neenkampani Zamachiza
Asiyivumeli:
Iziyobisi ezinomgcipheko ophezulu (iziyobisi ezisengozini ephezulu yokusetyenziswa kakubi, yokukhobokisa, okanye ezinxulumene nokubeka impilo kumngcipheko onzulu, kuquka ukuselwa de kugqithiswe; umz., icocaine, ifentanyl, iheroin).
Ikhontenti ethi:
  • Izame ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukuququzelela ukurhweba, ukunikela, ukuphisa okanye ukucela iziyobisi ezinomngcipheko ophezulu.
  • Ivume ukuba ithenga, irhweba okanye iququzelela ukurhweba ngeziyobisi ezisemgciphekweni ophezulu kwalowo upowuste le khontenti ngokwakhe okanye esebenzisa abanye abantu.
  • Ivume ukusetyenziswa ngokobuqu kodwa ingatsho okanye ingathethi ngokuchacha, unyango, okanye olunye uncedo olulwa ukusetyenziswa kwazo. Le khontenti ayimele ithethe kakuhle, ikhuthaze, iququzelele okanye inikele ngemiyalelo yendlela yokwenza okanye yokusebenzisa iziyobisi ezinomngcipheko ophezulu..
  • Iququzelele okanye ipromowuthe (xa sisitsho ke sithetha ngokuncoma, ukukhuthaza ukusebenzisa, okanye ukunikela ngemiyalelo yokusebenzisa okanye yokwenza) iziyobisi ezinomngcipheko ophezulu.
  • Phawula: Iingxoxo mpikiswano okanye ukumela ukuba semthethweni nokushukuxwa kokufaneleka ngokwesayensi okanye ngokwezonyango kwamayeza anomngcipheko ophezulu. Oku kuquka iindaba nezaziso zikawonkewonke.
Iziyobisi ezingezizo ezonyango (amachiza okanye imichiza engasetyenziselwa iinjongo zamayeza ezenzelwe zona okanye ezisetyenziselwa ukuze umntu aqhunywe - oku kuquka iikhemikhali enziwa ngazo la mayeza.)
Ikhontenti ethi:
  • Izame ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukuququzelela ukurhweba, ukunikela, ukuphisa okanye ukucela iziyobisi.
  • Ivume ukuba ithenga, irhweba okanye iququzelela ukurhweba ngeziyobisi kwalowo upowuste le khontenti ngokwakhe okanye esebenzisa abanye abantu.
  • Ivume ukusetyenziswa ngokobuqu kodwa ingatsho okanye ingathethi ngokuchacha, unyango, okanye olunye uncedo olulwa ukusetyenziswa kwazo. Le khontenti ayimele ithethe kakuhle, ikhuthaze, iququzelele okanye inikele ngemiyalelo yendlela yokwenza okanye yokusebenzisa iziyobisi.
  • Iququzelele okanye ipromowuthe (xa sisitsho ke sithetha ngokuncoma, ukukhuthaza ukusebenzisa, okanye ukunikela ngemiyalelo yokusebenzisa okanye yokwenza) iziyobisi ezingezizo ezonyango.
  • Imizamo yokuthengisa okanye ukupromowutha izinto zokusebenzisa iziyobisi ezingezizo ezonyango.
  • Ziqulathe izinto ezibonisa iziyobisi ezingezizo ezonyango.
Iziyobisi ozibhalelwe ngugqirha (iziyobisi ekufuneka uzibhalelwe ngugqirha okanye ingcali yezonyango ukuba uzisebenzise)
Ikhontenti ethi:
  • Izame ukuthenga, ukuthengisa okanye ukurhweba ngamayeza amele abhalwe ngugqirha ngaphandle kwaxa:
    • Ukudwelisa ixabiso lezitofu zokugonya kwimeko ecacileyo yemfundo okanye kwingxoxo xa ibonwa ngabaneminyaka eli18 ubudala nangaphezulu kuphela.
    • Ukuofarisha idilivari xa ipowustwe ngamashishini asemthethweni e-e-commerce xa iza kubonwa ngabaneminyaka eli18 nangaphezulu kuphela. Le khontenti imele iquke namazwi engcaciso athi makudityanwe nomsebenzi wezempilo onelayisensi okanye kufunyanwe ipriskripshini esemthethweni.
  • Ukuzama ukunikela okanye ukuphisa ngamayeza epriskripshini, ngaphandle kwaxa kukho isiganeko sezoqoqosho, sezempilo, sezentlalo okanye iintlekele zemveli.
  • Icele iziyobisi ezimele zibhalwe ngugqirha ngaphandle kwaxa ikhontenti ithetha ngokufikeleleka kwamaxabiso azo, ukufumaneka okanye ukusebenza kweziyobisi ezimele zibhalwe ngugqirha kwimeko yezonyango.
  • Phawula: Iingxoxo mpikiswano okanye ukumela ukuba semthethweni nokushukuxwa kokufaneleka ngokwesayensi okanye ngokwezonyango kwamayeza epriskripshini kuvumelekile. Oku kuquka iindaba nezaziso zikawonkewonke.
Iientheogen
  • Ikhontenti ezama ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukunikela okanye ukuphisa okanye ecela imichiza yemvelo eyenza abantu babe nemibono (iientheogens).
  • Phawula: Iingxoxo mpikiswano okanye ukumela ukuba imichiza yemvelo eyenza abantu babe nemibono yenziwe ibe semthethweni okanye ukushukuxa ukufaneleka kwayo ngokwesayensi okanye ngokwezamayeza kuvumelekile.
Intsangu Neemveliso Eziveliswe Ngentsangu
  • Ikhontenti ezama ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukunikela okanye ukwenza isipho sentsangu nemveliso eneTHC kuyo okanye enokuthanani neekhontenti ezisebenza engqondweni .
Le khontenti ilandelayo, sivumela ukuba ibonwe kuphela ngabantu abadala abaneminyaka eli18 nangaphezulu:
Iientheogen
  • Ikhontenti ebonisa ukuvunywa kokusetyenziswa ngokobuqu, ukuququzelelwa okanye ukupromowuthwa (xa sisitsho sithetha ngokuncoma), okanye ukukhuthaza ukusetyenziswa kwemichiza yemvelo eyenza abantu babe nemibono (iientheogen).
    • Ngaphandle kwaxa nayiphi na kwezi zinto zingentla isenzeka kwimeko yentsomi okanye yedokhyumentari.
Intsangu Neemveliso Eziveliswe Ngentsangu
  • Ikhontenti eququzelela okanye epromowutha (xa sisitsho ke sithetha ngokuncoma, ukukhuthaza ukusetyenziswa, okanye enikela ngemiyalelo yokusebenzisa okanye ukwenza) intsangu neemveliso ezineTHC okanye ezinokuthanani neekhomponenti ezisebenza engqondweni.
  • Ikhontenti enokwenza namashishini epowustwe ngabasasazi bentsantu apho kungekho mizamo yokuthenga, ukuthengisa okanye ukurhweba ngentsangu neemveliso ezineTHC okanye iikhomponenti ezenza umntu aqhunywe.
  • Ikhontenti ezama ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukunikela okanye ukuphisa okanye ecela izinto ezinentsangu eziginywayo (CBD) okanye iimveliso ezifanayo nezinto ezinentsangu.
  • Ikhontenti ezama ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukunikela okanye ukuphisa okanye ecela izinto ezinentsangu ezingaginywayo (CBD) okanye iimveliso ezifanayo ezinentsangu.
  • Ikhontenti eyenza amabango athile ngesifo enento yokwenza nentsangu engaginywayo (CBD) okanye iimveliso ezifanayo ezinentsangu.
  • Ikhontenti ebonisa izinto zokutshaya intsangu.
Amayeza epriskripshini
  • Ikhontenti ezama ukuthenga, ukuthengisa okanye ukurhweba ngamayeza epriskripshini kuyo nayiphi imeko, kuquka xa ipowustwe ngamashishini ezempilo asemthethweni e-e-commerce.
  • Ikhontenti ezama ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukunikela, ukuphisa okanye ecela amayeza athengiswa ekhawuntarini.
  • Ikhontenti equka ukwamkela okanye ukusebenzisa amayeza epriskripshini.
Izixhobo, Iimbumbulu okanye Iziqhushumbisi
Asiyivumeli:
Ikhontenti ethi:
  • Izame ukuthenga, ukuthengisa, okanye ukurhweba, imipu, iipart zemipu, iimbumbulu, iziqhushumbisi, okanye izixhobo ezibulalayo ngaphandle kwaxa zipowustwe kwezi meko zilandelayo:
    • zipowustwe liKhasi, liQela okanye yiprofayili kaInstagram emela ishishini lokwenene elisemthethweni, kuquka iivenkile, iiwebhusayithi zokwenene, iibhrendi, okanye iiarhente zikarhulumente (umz. amasebe amapolisa, isebe lezomlilo) okanye umntu oshera ikhontenti egameni le-entity yokwenene esemthethweni; kwaye zibonwa kuphela ngabantu abadala abaneminyaka engama21 ubudala nangaphezulu.
  • Izama ukunikela okanye ukuphisa ngemipu, iipart zemipu, iimbumbulu, iziqhushumbisi, okanye izixhobo ezibulalayo ngaphandle kwaxa zipowustwe kwezi meko zilandelayo:
    • Ukunikela, ukurhweba okanye ukuthenga kwakhona imipu neembumbulu likhasi, iqela okanye yiprofayili kaInstagram emela ishishini elisemthethweni, kuquka iivenkile, iiwebhusayithi, iibhrendi okanye iiarhente zikarhulumente, okanye umntu oshera ikhontenti egameni lamashishini asemthethweni; kwaye zibonwa kuphela ngabantu abadala abaneminyaka engama21 ubudala nangaphezulu.
    • Ifandesi okanye ilothari yemipu eyenziwa ziientity zokwenene ezisemthethweni, kuquka iivenkile, imibutho enxulumene norhulumente okanye imibutho engenzi ngeniso, okanye ngabantu babucala abanxulumene okanye abaxhaswa ngamashishini okwenene asemthethweni; kwaye ibonakala kuphela kubantu abadala abaneminyaka engama21 nangaphezulu.
  • Icele imipu, iipart zemipu, iimbumbulu, iziqhushumbisi, okanye izixhobo ezibulalayo.
  • Izame ukuthenga, ukuthengisa, ukuphisa, ukutshintshisa, ukutransfere, ukuququzelela, ukutyibela, ukuntyontyela ukusetyenziswa okanye yenze kufikeleleke ukuprintwa nge3D okanye imiyalelo yokuvelisa imipu okanye iipart zemipu ngoncedo lwekhompyutha kungakhathaliseki ukuba imeko ithini okanye ipowustwa ngubani.
  • Izame ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukunikela, ukuphisa, ukucela okanye umntu avume ukuba uneedivayisi zokutshintsha umpu ube yimachine gun.
Kwezi meko zilandelayo, sivumela ukuba zibonwe kuphela ngabantu abadala abaneminyaka engama21 nangaphezulu:
Izixhobo, Iimbumbulu okanye Iziqhushumbisi
  • Ikhontenti epowustwe okanye epromowuthwa yivenkile yokwenene esemthethweni, yimibutho, equka amashishini athengisayo, iiwebhusayithi, iibhrendi, okanye iiarhente zikarhulumente ezizama ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukunikela, ukuphisa okanye ukucela (kuquka nakwimeko yefandesi okanye yelothari) ngemipu, iipart zemipu, iimbumbulu, iziqhushumbisi, okanye izixhobo ezibulalayo.
Le khontenti ilandelayo, sivumela ukuba ibonwe kuphela ngabantu abadala abaneminyaka eli18 nangaphezulu:
Izinto ezinebhleyidi nezinye izixhobo zokulwa:
  • Ikhontenti ezama ukuthenga, ithengise, irhwebe, iququzelele, inikele, yenze isipho okanye icele: izinto ezineebhleyidi nazo naziphi na izixhobo (umz. iipepper spray okanye iringi ezihlabayo zaseminweni).
  • Ikhontenti etyibela, enikela ngemiyalelo yokusebenzisa okanye ekhuthaza ukusetyenziswa kwemipu, iipart zemipu, iimbumbulu, iziqhushumbisi, izixhobo ezibulalayo, okanye izinto ezinebhleyidi kwiimbono zemveliso
  • Iiofa zentengiso nokupromowuthwa kweaksesori ezingabulaliyo
Icuba Neemveliso Ezihambisana Nalo
Asiyivumeli:
Ikhontenti ethi:
  • Iinzame zokuthenga, zokuthengisa okanye zokurhweba ngemveliso zecuba/inicotine, okanye iimveliso ezikhuthaza ukutshaya, kuquka zonke iintlobo zesishunqulelo soonobumba abathi "ENDS" Electronic Nicotine Delivery Systems Products (umz., isigareti ze-electroniki, iivapes neevapes ezinengayo inicotine).
    • Ngaphandle kwaxa Ipowustwe liKhasi, liQela, okanye yiprofayili kaInstagram emela ishishini lokwenene elisemthethweni, kuquka iivenkile, iiwebhusayithi okanye iibhrendi, okanye umntu eshera ikhontenti egameni leshishini lokwenene elisemthethweni kuquka ukuofarisha iinkonzo zezothutho nezipho zebhrendi.
  • Iinzame zokunikela okanye ukuphisa ngeemveliso zecuba/inicotine, okanye iimvleiso "ze-ENDS".
    • Ngaphandle kwaxa Ipowustwe liKhasi, liQela, okanye yiprofayili kaInstagram emela ishishini lokwenene elisemthethweni, kuquka iivenkile, iiwebhusayithi okanye iibhrendi, okanye umntu eshera ikhontenti egameni leshishini lokwenene elisemthethweni kuquka ukuofarisha iinkonzo zezothutho nezipho zebhrendi.
  • Icele iimveliso zecuba/inicotine, okanye iimveliso ezikhuthaza ukutshaya, kuquka zonke iindidi zeemveliso "ze-ENDS" (iivapes ezingenayo inicotine).
Le khontenti ilandelayo, sivumela ukuba ibonwe kuphela ngabantu abadala abaneminyaka eli18 nangaphezulu:
  • Ikhontenti epowustwe okanye epromowutha amashishini okwenene asemthethweni, kuquka amashishini athengisayo, iiwebhusayithi okanye iibhrendi zeevenkile, ezizama ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukunikela okanye ukuphisa ngeemveliso zotywala okanye zecuba.
  • Ikhontenti ebonisa ukusetyenziswa kwecuba, inicotine, iimveliso zenicotine, okanye iimveliso "ze-ENDS".
  • Ikhontenti eququzelela okanye ekhuthaza ukusetyenziswa kwecuba, iimveliso zenicotine, iimveliso "ze-ENDS", okanye iibhrendi zecuba.
  • Ikhontenti ebonisa Iimveliso Zokuyeka Icuba
  • Ikhontenti ethetha okanye epromowutha ukusetyenziswa kwecuba, izinto zokutshaya icuba, okanye iibhrendi zecuba.
  • Ikhontenti yemidiya ebonisa ukutshaya okanye ukusetyenziswa kwecuba kwimeko engeyiyo eyasentsomini
    • Ngaphandle kwakwimeko yamaphulo alwa ukutshaya, iinkonzo zoluleko kumakhoboka ecuba, neenkqubo zokunceda iintshayi ziyeke icuba, okanye kwimeko yePSA.
Utywala
Asiyivumeli:
Ikhontenti ethi:
  • Izame ukuthenga, ukuthengisa okanye ukurhweba ngotywala ngaphandle kwaxa:
    • Ipowustwe liKhasi, liQela, okanye yiprofayili kaInstagram emela ishishini lokwenene elisemthethweni, kuquka iivenkile, iiwebhusayithi okanye iibhrendi, okanye xa ingumntu eshera ikhontenti egameni leshishini lokwenene elisemthethweni, kuquka ukuofarisha iinkonzo zokudiliva nezokuphisa ngebhrendi.
    • Ikhontenti ibhekisela kutywala okanye ukunikelwa kwesimemo sokuza kwindawo eza kuba notywala xa utywala kuza kutshintshiswa ngabo okanye buselelwe kwindawo enesiganeko, irestyurenti, ibar, okanye ipati.
  • Izama ukunikela okanye ukuphisa ngotywala okanye ngecuba xa ipowustwe liKhasi, liqela, okanye yiprofayili kaInstagram emela amashishini okwenene asemthethweni, kuquka iivenkile, iiwebhusayithi okanye iibhrendi, okanye xa umntu eshera loo khontenti egameni lee-entity zokwenene ezisemthethweni.
  • Ecela iimveliso zotywala neziselo.
Le khontenti ilandelayo, sivumela ukuba ibonwe kuphela ngabantu abadala abaneminyaka eli18 nangaphezulu:
  • Ikhontenti epowustwe okanye epromowutha amashishini okwenene asemthethweni, kuquka amashishini athengisayo, iiwebhusayithi okanye iibhrendi, ezizama ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukunikela okanye ukuphisa ngeemveliso zotywala okanye iziselo.
  • Ikhontenti ebonisa ukuselwa kweemveliso zotywala okanye iziselo okanye ukushera iiresipi zotywala.
  • Ikhontenti ebhekisela kwiimveliso zotywala okanye ukuofarisha izimemo kwindawo ekuselelwa kuyo apho utywala kuza kutshintshiswana ngabo okanye buselwe.
Impilo Nempilontle
Le khontenti ilandelayo, sivumela ukuba ibonwe kuphela ngabantu abadala abaneminyaka eli18 nangaphezulu:
Iimveliso okanye iinkonzo zokuslima okanye zokwandisa umzimba
Ikhontenti ethi:
  • Izame ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukunikela okanye ukuphisa okanye ukucela iimveliso okanye iinkonzo zokuslima okanye zokongeza imithende.
  • Ivume okanye ibonise ukusetyenziswa kweemveliso zokuslima okanye zokongeza umzimba, kwimeko evumayo okanye exubusha ngeziphumo ezisecaleni zayo.
  • Ibonise ukuququzelelwa okanye ukupromowuthwa (xa sisitsho ke sithetha ngokuncoma, ukukhuthaza ukusetyenziswa okanye inikele ngemiyalelo yokusebenzisa okanye yokuyenza) imveliso yedayethi.
  • Ibe namazwi ajongela phantsi umntu ngenxa yenkangeleko yakhe (oko kukuthi, amagama, iingcaciso, okanye imibuzo ebuyisa negxeka inkangeleko yomntu, amalungu athile omzimba, okanye ukucoceka komzimba), okanye ukuboniswa ngokusondeleyo kwendawo ethile yomzimba ebonisa ukushwabana ngenxa yokutyeba.
  • Amabango okuba iziphumo zingafikelelwa ngokusebenzisa iimveliso ezinxitywayo, njengejuwelari okanye iipetshi.
  • Isebenzise amacebo okulobela ukuba uklikhe kwimeko yokuslima okanye yokongeza umzimba, njengolwimi olubaxekileyo olunamabango ephindaphindiweyo okanye amaxakeke ezempilo, okanye izibongo zeziphumo ezikhethekileyo kwisithuba esichazwe ngaphandle kokuba kukho izilumkiso okanye izichaza.
Iimveliso, Iiprosija, Okanye Utyando Lokuzenza Mhle
Ikhontenti ethi:
  • Izame ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukunikela, ukuphisa, ukuthetha, okanye ukucela iimveliso zokuzenza mhle, iinkqubo, okanye utyando. Oku kuquka:
    • Iimveliso Zokwenza Ulusu Lube Mhlophe ezifana neekhrimu zokublitsha ulusu.
    • Iiprosija zokuzenza mhle ngenjongo yokunyanga, okanye ukubuyisela ukusebenza, okanye ukumila kobuso okanye komzimba.
  • Evumayo okanye ebonisa ukusetyenziswa kweprosija okanye utyando lokuzenza mhle, ibalaselisa ifuthe elihle okanye elibi, okanye iziphumo ezisecaleni.
  • Ebonisa ukuququzelelwa okanye ukupromowuthwa (xa sisitsho ke sithetha ngokuncoma, ukukhuthaza ukusetyenziswa okanye inikele ngemiyalelo yokusebenzisa okanye yokwenza imveliso yokudayetha okanye yokwenza iindlela zokuzenza mhle) kwenkqubo okanye utyando lokuzenza mhle.
  • Kuquka amazwi ajongela phantsi umntu ngenxa yenkangeleko yakhe, (oko kukuthi, amagama, iingcaciso, okanye imibuzo ebuyisa negxeka inkangeleko yomntu, amalungu athile omzimba, okanye ukucoca)
Phawula: Ukupromowutha iindlela zokuzilolonga (ezifana neePilates) okanye izinto zokuzenza mhle okwexeshana (ezifana nemakeup) azigutyungelwa yile polisi.
Imikhwa Yezempilo Elahlekisayo
  • Amabango okuba (kuquka avela kwiingcali zezonyango okanye imibutho yezempilo) kuphiliswa, kunyangwa, okanye zibethwa ziphele naziphi na kwezi zigulo zilandelayo zinganyangekiyo kunye/okanye nezigulo ezibulalayo (uludwe lwazo olude): Phawula: Oku akuze kusebenze kwimabango emalunga nokunyanga okanye ukulawula iimpawu zale meko.
    • Isifo Seswekile
    • Iherpes
    • Ithyroid
    • Ipsoriasis
    • Iebola
    • Umhlaza
    • Iautism
    • Ialzheimer's
    • IParkinson's
    • Iamyotrophic Lateral Sclerosis (ALS)
    • Isandulela sikaGawulayo (HIV)
  • Isebenzise amacebo okukulobela ukuba uklikhe kwimeko yezempilo, njengokuthetha ngendlela eza kukwenza uthabatheke enamabango ezempilo abaxekileyo okanye agqithiseleyo, okanye izibonelelo zeziphumo ezithe ngqo ezinxulumene nezempilo kwisithuba esichazwe ngaphandle kokufaka isilumkiso okanye inkcazelo eyinyani.
Iimveliso zokuvuselela umntu omdala ngokwesondo
Ikhontenti ethi:
  • Imizamo yokuthenga, ukuthengisa, ukukhuthaza, ukurhweba, ukunikela, ukuphisa okanye ukucela iimveliso zokuvuselela umntu omdala ngokwesondo, apho eyona njongo iphambili ikukwandisa uyolo lwesondo okanye zandise indlela umntu avuseleleka ngayo ngokwesondo, kwimeko yasentsomini okanye kwengeyiyo eyasentsomini. Oku kuquka:
    • Iithoyi zesondo
    • Imveliso ezivuselela iimvakalelo zesondo
    • Imveliso zokukhulisa amalungu esondo ngaphandle kotyando, njengeemveliso ezikhulisa umdla wesondo okanye eziphucula indlela umntu enza ngayo isondo
    • Imveliso ezijoliswe ngokuyintloko ekukhuliseni umdla wesondo okanye ukuvuselela
    • Ukuboniswa kweethoyi zesondo kungekho mongo ucacileyo
Iimveliso Zempilo Okanye Zempilontle Yamalungu Okuzala
Ikhontenti ethi:
  • Izame ukuthenga, ukuthengisa, ukupromowutha, ukurhweba, ukunikela, ukuphisa okanye ukucela iimveliso zezenzala okanye zempilontle yokulawula inzala. Oku kuquka:
    • Iimveliso Zempilo Okanye Zempilontle Yezenzala xa zijoliswe kuyolo lwesondo kungekhona ezeenzuzo zezempilo, kuquka ezo zinezinto ezimile okwelungu lobudoda okanye elobufazi
    • Iimveliso ezinyanga izigulo ezidibene namalungu enzala esondo
    • Utyando lwamalungu esondo ukwenzela ukulungisa umzimba
    • Utyando lwamalungu esondo olwenzelwa abantu abadala
    • Imfundo yezesondo ejoliswe kuyolo lwesondo
    • Iimveliso zehomoni (umz., izinto ezinceda i-testosterone)
Amashishini esondo alungiselelwe abantu abadala kuphela
Ikhontenti ethi:
  • Izame ukuthenga, ukuthengisa, ukupromowutha, okanye ukucela amashishini abantu abadala esondo, anokuthi andise uyolo lwesondo okanye andise indlela umntu avuseleleka ngayo ngokwesondo. Oku kuquka:
    • Amashishini okonwabisa abantu abadala kuphela
    • Iindawo ezenzelwe abantu abadala kuphela
    • Iinkonzo zokufundisa ngesondo
Ukungcakaza Nemidlalo Ekwi-intanethi
Le khontenti ilandelayo, sivumela ukuba ibonwe kuphela ngabantu abadala abaneminyaka eli18 nangaphezulu:
Ukungcakaza Nemidlalo Ekwi-intanethi
  • Ikhontenti ezama ukuthengisa, ukurhweba, ukwenza umfanekiso okanye ukupromowutha ukungcakaza ngeintanethi neenkonzo zokungcakaza apho nantoni na enexabiso lemali (kuquka imali yokoqobo okanye iimali zedijithali/ezingezizo ezokoqobo, umz. ibitcoin) iyimfuneko ukuze udlale kwaye nantoni na enexabiso lemali isiba yinxalenye yebhaso. Oku kuquka ezi zinto zilandelayo, kodwa akupheleli kuzo:
    • Imidlalo yobuchule, iilottery/iiraffle, ukubheja, ukubheja kwezemidlalo, imidlalo yekhasino, imidlalo kaqashqash, okanye ukutsalwa kweesweepstake/amabhaso.
    • Imidlalo Yokungcakaza eofarisha ixesha lokulinga elisikelwe umda nefuna intlawulo kamva.
Imidlalo Yekhasino Yezentlalo
  • Ikhontenti ezama ukuthengisa, ukurhweba, ebonisa okanye epromowutha imidlalo yokuzonwabisa yekhasino elinganisa imidlalo yokungcakaza enfana noomatshini bokungcakaza, apho kungekho thuba lokuphumelela imali okanye into elingana nemali. Oku kuquka ikhontenti ebonisa ithuba lokuwina “iikhoyini” ezingenaxabiso lemali.
Imidlalo edlalwa simahla engathi kukuNgcakaza
  • Ikhontenti ezama ukuthengisa, ukurhweba, ebonisa okanye epromowutha imidlalo yasimahla elinganisa imidlalo yokungcakaza, apho kungafuneka nantoni na enexabiso lemali ukuze udlale loo mdlalo, kodwa kusenokubakho ithuba lokuwina imali okanye into enexabiso elilingana nemali.
Izinto ezisemngciphekweni nezikhuselweyo (izilwanyana nezityalo)
Asiyivumeli:
Ikhontenti ethi:
  • Izame ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukunikela, okanye ukuphisa okanye ukucela izilwanyana nezityalo ezisemngciphekweni wokuphela okanye amalungu azo okanye izityalo ezikhuselwe ukuba zingade ziphele.
  • Ivume ukuba okanye ikhuthaze ukuzingela ngokungekho mthethweni, ukuthenga okanye ukurhweba ngezilwanyana nezityalo ezisemngciphekweni wokuphela okanye ngamalungu azo. Le nto ayiquki ukuboniswa kwemifanekiso yabantu abangaziwayo abazingela ngokungekho mthethweni.
  • Ibonise lo mntu uyipowustileyo ngokwakhe okanye oogxa bakhe bezingela ngokungekho mthethweni izilwanyana nezityalo ezisemngciphekweni wokuphela okanye amalungu azo.
  • Ibonisa ukuququzelelwa okanye ukupromowuthwa (xa sisitsho ke sithetha ngokuncoma, ukukhuthaza ukuzingelwa ngokungekho mthethweni, okanye ukunikela ngemiyalelo) yokusebenzisa okanye yokwenza iimveliso ezithathwe kwizilwanyana nezityalo ezisemngciphekweni wokuphela okanye amalungu azo, okanye nazo naziphina izilwanyana okanye izityalo ezisengozini yokuphela.
Izilwanyana ezingekho ngozini yokuphela
  • Ikhontenti ezama ukuthenga, ukuthengisa okanye ukurhweba ngezilwanyana eziphilayo ezingekho sengozini yokuphela ngaphandle kwaxa:
    • Ipowustwe liKhasi, liQela okanye yiprofayili kaInstagram emela ishishini lokwenene elisemthethweni, kuquka iivenkile, iiwebhusayithi zokwenene, iibhrendi, okanye iindawo zokugcina izilwanyana ezilahliweyo ukuze zifunyanelwe amakhaya, okanye xa umntu eshera ikhontenti egameni leshishini lokwenene elisemthethweni.
    • Ipowustwe kwimeko yokuba kuadopthwe, kuphiswe, kucelwe umnikelo okanye kubuyiselwe ekhayeni laso isilwanyana esingekho sengozini yokuphela, kuquka iindleko zokusibuyisela ekhaya ukuze samkelwe zezinye ezifana naso
    • Ukuthengisa isilwanyana ukwenzela idini lonqulo, okanye ukukhupha umvuzo othile xa unokufumana isilwanyana sasekhaya esilahlekileyo.
    • Ipowustwe kwimeko yokuthengiswa kwemfuyo.
    • Kupowustwe kwimeko yokuthenga, ukuthengisa okanye ukuphisa, kucelwa, kunikelwa ngeempondo zesilwanyana, amaungu, imilenze, izidumbu, itaxidermy, ilindle (kuquka umgquba okanye isichumisi).
    • Kupowustwe kwimeko yokuofarisha iimveliso ezinento yokwenza nezilwanyana ukuze zityiwe ngabantu ezifana nezi: amaqanda, iintlanzi, njl.
Ezobugcisa Zembali
Asiyivumeli:
Ikhontenti ezama ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukunikela okanye ukuphisa okanye ecela izinto zubugcia zembali.
Impahla Nemathiriyali Eyingozi
Asiyivumeli:
Ikhontenti ezama ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukunikela okanye ukuphisa okanye ecela izinto neemathiriyeli eziyingozi.
Amalungu Omzimba Nolwelo Lomzimba Womntu
Asiyivumeli:
Ikhontenti ethi:
  • Izame ukuthenga, ukuthengisa okanye ukurhweba ngamalungu omzimba womntu, kwanaxa ingeyokhontenti yokuthengiswa kwabantu okuthintelwayo phantsi kwepolisi yokuXhatshazwa Kwabantu.
  • Icele ukutshintshiselana ngolwelo lomntu.
  • Izame ukuthenga, ukuthengisa, okanye ukurhweba ngolwelo lomzimba womntu.
  • Ngaphandle kwaxa kupowustwe ngenjongo yokunikela ngolwelo lomntu olufana namadlozi okanye iplasma yegazi.
Impahla Ebuyiselwa Kwindawo Eyenziwe Kuyo
Asiyivumeli:
Ikhontenti ethi izame ukuthenga, ukuthengisa, ukurhweba, ukuququzelela ukurhweba, ukunikela, ukuphisa okanye ukucela iimpahla ekucelwe ukuba zibuyiswe.
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Inkcazelo
Jonga Ingxelo Yonyanzeliso LweMigangatho Yoluntu yakutshanje
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo ngeempahla neenkonzo ezibekelwe isithintelo
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu