Inkcazelo engeyonyani
Iinkcukacha zepolisi
TSHINTSHA ILOGU
Namhlanje
8 uApr 2025
14 uMatshi 2025
8 Januwari 2025
19 Julayi 2024
10 Julayi 2024
11 Juni 2024
21 Meyi 2024
7 Februwari 2024
6 Disemba 2023
30 Septemba 2023
15 Julayi 2023
Izizathu Zepolisi
Inkcazelo engeyonyani yahlukile kwezinye iintlobo zezinto ezithethwayo ezishukuxwe kwiMigangatho Yoluntu yethu kuba akunakukwazeka ukuchaza uluhlu olupheleleyo lwezinto ezingavunyelwayo. Ngokomzekelo, xa kufikwa kubundlobongela okanye kwizenzo ezinentiyo, iipolisi zethu ziyayichaza ikhontenti esingayivumeliyo, ibe nkqu nabantu abangavumelaniyo nezo polisi bangakwazi ukuzilandela. Kodwa ke, xa kufikwa kwinkcazelo engeyonyani, asikwazi kukrwela umgca ngolo hlobo. Ihlabathi lihlala litshintsha, ibe into eyinyani ngalo mzuzu kungenzeka ibe ingabiyonyani kumzuzu olandelayo. Enye into nabantu banamanqanaba angafaniyo enkcazelo ngehlabathi elibajikelezileyo, ibe bangayikholelwa into njengeyinyani ngoxa ingeyonyani. Ipolisi eyalela nje "inkcazelo engeyonyani" ayiyi kubanceda bazi abantu abasebenzisa iinkonzo zethu kwaye ayinakukwazi ukunyanzeliswa, kuba asikwazi kuyifikelela ngokugqibeleleyo inkcazelo.
Kunoko, iipolisi zethu zichaza iindidi ngeendidi zenkcazelo engeyonyani zize zizame ukunikela ngokhokelo olucacileyo ngendlela esiyiphatha ngayo intetho enjalo xa siyibona. Kudidi ngalunye, indlela esenza ngayo ibonisa ukuzama kwethu ukubhalansisa imigangatho yethu yokuveza izimvo, ukhuseleko, isidima, ubunyani, nobumfihlo.
Siyayisusa inkcazelo engeyonyani xa kusenokwenzeka ifake isandla ngokungqalileyo kumonzakalo wasemzimbeni okhawulezileyo. Siyayisusa ikhontenti naxa emaninzi amathuba okuba ifake isandla ngokungqalileyo ekuphazamiseni iinkqubo zepolitiki. Xa kugqitywa ukuba yintoni inkcazelo engachananga kwezi ndidi, sisebenzisana neengcali ezizimeleyo ezinolwazi nobugcisa bokuhlola inyaniso ngaloo khontenti nokuba maninzi na amathuba okuba ifake isandla ngokungqalileyo kumonzakalo oza kwenzeka msinya. Oku kuquka, ngokomzekelo, ukusebenzisana nemibutho yamalungelo abantu ephakathi kwabantu elizweni ukuze sigqibe ngobunyani bamarhe emfazwe yamakhaya.
Kuyo yonke enye inkcazelo engeyonyani, sijolisa ekunciphiseni ukunwenwa kwayo okanye ekuyileni imeko edala uthethwano oluncedayo. Siyazi ukuba abantu badla ngokusebenzisa inkcazelo engeyonyani ngeendlela ezingeyongozi, njengokubaxa izinto xa kuncokola ("Eli qela lineyona rekhodi imbi kwimbali yemidlalo!") okanye xa kuqhulwa okanye kuhlekiswa ("Umyeni wam usandula ukuphumelela iwonga loMyeni Wonyaka.") Kwakhona bangabalisa amava abo ngamabali aquka izinto ezingachananga. Kwezinye iimeko, abantu baveza iimbono zabo ezendeleyo ezigqalwa ngabanye abantu njengezibubuxoki okanye bashere inkcazelo abakholelwa ukuba iyinyaniso kodwa abanye bona bayigqale njengengaphelelanga okanye elahlekisayo.
Ngenxa yokuba siyiqonda indlela exhaphake ngayo intetho elolu hlobo, sijolisa ekunikeni iiuser inkcazelo eluncedo xa kunokwenzeka kubekho ikhontenti engeyonyani okanye edidayo. Njengenxalenye yaloo mzamo, kwiindawo ezingaphandle kwelizwe laseUnited States sisebenzisana neminye imibutho ehlola ubunyani kwiinxalenye zehlabathi ezininzi ukuze zihlolisiswe uze ureyithe ukuchana kweyona khontenti isasazekileyo kwiiplatfomu zethu (jongaapha uze ujonge nalapha ubone indlela esisingatha ngayo izinto eUnited States). Ukuqala eUnited States, iprogramu yeCommunity Notes ivumela abantu bongeze ingcombolo engakumbi kwiipowusti zikaFacebook, uInstagram noThreads ezisenokulahlekisa okanye zidide abantu (jonga apha). Kwakhona sibonelela ngezinto zokusebenza ukuze ikhule into yokufundiswa kwabantu ngemidiya nezedijithali ukuze benze isigqibo sokufunda, ukuthemba, kunye nokukwazi ukushera ngokwabo. Siye sifune ukuba abantu bachaze, besebenzisa isixhobo sethu sokuchaza seAI, xa bepowusta ikhontenti yokoqobo enevidiyo ebonakala iyeyokwenyani okanye eneodiyo evakala iyeyokwenyani kodwa iyilwe okanye itshintshwe ngedijithali, ibe sisenokukhupha izohlwayo xa bengayenzi loo nto. Singayifaka neleyibhuli kwikhontenti ethile eyilwe okanye yatshintshwa ngedijithali enyusa umngcipheko wokulahlekisa abantu kuba obalulekileyo kuwonkewonke.
Okokugqibela, asiyivumeli ikhontenti nezenzo kwezinye iinkalo edla ngokugudla ukusasaza inkcazelo engeyonyani. Ngokomzekelo, Imigangatho Yoluntu yethu iyazalela iiakhawunti zobuxoki, ubuqhinga, kunye nendlela yokuziphatha engafanelekanga echuliweyo.
Njengoko okwenzeka kwi-intanethi nangaphandle kwayo kutshintsha yaye kuhambela phambili, siza kuqhubeka sihambela phambili nathi kwezi polisi. Iiakhawunti ezishera ngokuphindiweyo inkcazelo engeyonyani edweliswe ngezantsi zingathi, ukongezelela ekunyanzelisweni kwepolisi kwikhontenti yazo, zenziwe zingabonwa ngabantu abaninzi, zibekelwe izithintelo zokupapasha izibhengezo, okanye zisuswe kwiiplatfomu zethu. Inkcazelo engakumbi ngoko kwenzekayo xa uMeta esusa ikhontenti ungayifumana apha.
Izikhokelo
Inkcazelo engeyonyani esiyisusayo:
Siyazisusa ezi ntlobo zilandelayo zenkcazelo engeyonyani:
I. Ukonzakalisa emzimbeni okanye ubundlobongela
Siyayisusa inkcazelo engeyonyani okanye amarhe angaqinisekiswanga eziye iingcali zethu zagqiba kwelokuba maninzi amathuba okuba ifake isandla kumngcipheko wobundlobongela okanye ukwenzakalisa abantu emzimbeni okusele kuza kwenzeka. Inkcazelo engeyonyani siyichaza ngokuthi yikhontenti eyenza ibango elifunyaniswe libubuxoki ngomnye umntu onikwe igunya. Sichaza amarhe angaqinisekiswanga ngokuthi libango elinomthombo ongqinwe ziingcali njengokunzima kakhulu okanye ekungenakwenzeka ukuba ufunyanwe, elingenamithombo enegunya, apho kungekho kungekho nto inesihlahla enokuphikiswa njengobubuxoki, okanye apho ibango lingakholeleki kakhulu okanye lingavakali tu.
Siyazi ukuba ngamanye amaxesha inkcazelo engeyonyani engabonakala ingenabuzaza inako, kwimeko ethile, ukufaka isandla kumngcipheko wokoqobo, oquka izisongelo zobundlobongela ezingafaka isandla ekunyuseni umngcipheko wokufa, umenzakalo onzulu, okanye omnye umenzakalo wasemzimbeni. Sisebenza nenetwekhi esehlabathini jikelele yemibutho engeyokarhulumente (iiNGO), imibutho engenzelwanga ngeniso, imibutho yokunceda abahlelelekileyo, nemibutho yamazwe ngamazwe eziingcali kwezi meko zasekuhlaleni.
Kumazwe anomngcipheko ophezulu wobundlobongela ekuhlaleni, sisebenza nabasekuhlaleni ukuze siqonde kusengaphambili ukuba ngawaphi amabango angafaka isandla ngokungqalileyo kumngcipheko womonzakalo emzimbeni. Emva koko siye sisebenzele ukufumana nokususa ikhontenti eyenza loo mabango kwiplatfomu yethu. Ngokomzekelo, emva kokuthetha neengcali zasekuhlaleni, singayisusa imidiya engangeniyo kuloo meko ezenza ngathi ibonisa izenzo zobundlobongela, amaxhoba okanye abenzi bobundlobongela, izixhobo, okanye izinto zasemkhosini.
II. Inkcazelo engeyonyani eyonzakalisayo yezempilo
Sithethana nemibutho yezempilo ephambili ukuze sifumane inkcazelo engeyonyani yezempilo esenokufaka isandla ngokungqalileyo kumonakalo okhawulezileyo kwimpilo nakukhuseleko lukawonkewonke. Inkcazelo engeyonyani yezempilo eyingozi esiyisusayo iquka ezi zinto zilandelayo:
- Inkcazelo engeyonyani ngezitofu zokugonya. Siyayisusa inkcazelo engeyonyani ngokuyintloko ethetha ngezitofu zokugonya xa abasemagunyeni bezempilo begqibe kwelokuba loo nkcazelo ibubuxoki kwaye maninzi amathuba okuba ifake isandla ekubeni abantu bangavumi ukugonywa. Iquka ethi:
- Izitofu zokugonya zibangela iautism (Umzekelo: "Abantwana abaninzi beneautism nje zezi zitofu zokugonya zandileyo.")
- Izitofu zokugonya zidala Isigulo Sokusweleka Kwemveku Ngesiquphe (iSudden Infant Death Syndrome (Umzekelo: "Anazi na ukuba zizitofu zokugonya ezibangela iSIDS?"
- Izitofu zokugonya zibangela izifo ezenzelwe ukuba zikhusele kuzo, okanye zenza umntu ofumene eso sitofu sokugonya abe namathuba amaninzi okufumana isifo. (Umzekelo: "Eyona nto yenziwa kukugonywa kukunyusa nje amathuba okufumana izifo kuba zinentsholongwane yeso sifo ngaphakathi kwazo. Lumkani!")
- Izitofu okanye izinto ezenziwe ngazo ziyabulala, zinetyhefu, ziyenzakalisa, okanye ziyingozi (Umzekelo: "Kulungile ke, ungagonya, ukuba phofu ayikukhathazi into yokufaka ityhefu emzimbeni wakho.")
- Ukukwazi komzimba ukulwa iintsholongwane ngokwendalo kukhuseleke ngaphezu koko kubangelwa zizitofu zokugonya (Umzekelo: "Eyona nto ikhuselekileyo kukusifumana isifo kunokugonya.")
- Kuyingozi ukufumana izitofu eziliqela ngexeshana elifutshane, kwanokuba loo nto icetyiswa ngabezamayeza (Umzekelo: "Ungaze uhlabe isitofu sokungonya esingaphezu kwesinye ngexesha, yingozi loo nto - andikhathali nokuba uthini ugqirha wakho!")
- Izitofu zokugonya azizithinteli izifo ekuthiwa ziyazinqanda. Kodwa ke, kwiCovid-19, iflu, nesifo seengcongconi, asiwasusi amabango athi ezo zitofu zokugonya azimthinteli umntu ekosulelweni zezo ntsholongwane. (Imizekelo: Siyalisusa elithi – “Isitofu sokugonyela ipolio asikunqandi tu ukuba ukuba ungasifumani esi sifo"; Siyalisusa elithi – “Izitofu zokugonya azikuthinteli ekubeni ufumane izifo"; Siyalivumela elithi – “Izitofu zokugonya azikunqandi ukuba ungafumani iCOVID-19, yiloo nto kusafuneka umele kude nabanye abantu kwaye ufake imaski xa ukunye nabanye abantu.")
- Ukosulelwa yimasisi akubulali (kufuneka inkcazelo engakumbi kunye/okanye imeko) (Umzekelo: "Ungakhathazeki ngokosulelwa yimasisi, ayibulali.")
- UVithamin C usebenza kanye njengezitofu zokugonya ekuthinteleni izifo ezithintelwa zizifo ezinezitofu zokugonya.
- Inkcazelo engeyonyani engezempilo ebudeni bexesha bemeko yongxamiseko yezempilo echaphazela uwonkewonke. Siyayisusa inkcazelo engeyonyani ebudeni bemeko yongxamiseko yezempilo echaphazela uwonkewonke xa abasemagunyani bezempilo baseburhulumenteni begqiba kwelokuba loo nkcazelo ibubuxoki kwaye maninzi amathuba okufaka isandla kumenzakalo wasemzimbeni, kuquka ukufaka isandla kumngcipheko wokuba abantu bafumane okanye basasaze isifo esiyingozi okanye bangavumi ukunikwa isitofu sokugonya esinxulumene naso. Iimeko zongxamiseko ezibandakanya impilo kawonkewonke sizigqala sisebenzisana nabasemagunyeni bezempilo behlabathi jikelele nabasekuhlaleni.
- Ukupromowutha okanye ukuthethelela amayeza ommangaliso ayingozi ukuze kunyangwe iingxaki zempilo. La mayeza aquka unyango apho indlela yokulisebenzisa, kwimeko yezempilo, kungenzeka ukuba ifake isandla kumngcipheko womonzakalo onzulu okanye ekufeni, kwaye olo nyango lungenzelwanga injongo evakalayo yezempilo (Umzekelo: ibleach, idisinfectant, iblack salve, icaustic soda).
III. Ukuphazamisana Nabavoti Okanye Nokubalwa Kwabantu
Ngelizama ukukhuthaza ukuthembeka konyulo nokokubalwa kwabantu, siyayisusa inkcazelo engeyonyani apho emaninzi amathuba okuba ifake isandla kumngcipheko wokuphazamisana nokukwazi kwabantu ukuthatha inxaxheba kwezo nkqubo. Oku kuquka ezi zinto zilandelayo:
- Inkcazelo engeyonyani ngemihla, iindawo, amaxesha, neendlela zokuvota, ukubhalisela unyulo, okanye ukuthatha inxaxheba ekubalweni kwabantu.
- Inkcazelo engeyonyani malunga nokuba ngubani ongavota, ukuba zithini iimfaneleko zokuvota, ukuba ngaba ivoti iza kubalwa, nokuba yeyiphi inkcazelo okanye zeziphi izinto omele uze nazo ukuze uvote.
- Inkcazelo engeyonyani malunga nokuba umntu othile uzigqatsele ukunyulwa okanye akunjalo.
- Inkcazelo engachananga engokuba ngoobani abangathatha inxaxheba ekubalweni kwabantu nokuba yeyiphi inkcazelo okanye izinto amele umntu eze nazo ukuze athathe inxaxheba.
- Inkcazelo engachananga ngokubandakanyeka kukarhulumente ekubalweni kwabantu, kuquka, xa kusebenza oku, into yokuba inkcazelo yobalo yomntu iza kusherwa nenye iarhente karhulumente (engeyiyo eyobalo lwabantu).
- Amabango obuxoki nangaqinisekiswanga okuba i-Immigration and Customs Enforcement (ICE) yaseUnited States ikwindawo yonyulo.
- Amabango axoka ngokuphandle athi abantu baza kosulelwa ngeCOVID-19 (okanye ngesinye isifo esosulelayo) ukuba bathatha inxaxheba kwinkqubo yokuvota.
- Amabango obuxoki angeemeko yelo xesha yendawo ekuvotelwa kuyo eUnited States enokudala ukuba kungakwazeki tu ukuvota, aqinisekiswe ligunya lonyulo.
Sineepolisi ezingakumbi ezenzelwe ukugubungela ukuhlatywa kwekhwelo lokuba kwenziwe ubundlobongela, ukukhuthaza ukuthatha inxaxheba kwinto engekho mthethweni, nokuhlatywa kwekhwelo lokuba kusetyenziswane ekuphazamiseni unyulo, zinto ezo ezivelisiweyo kwamanye amacandelo eMigangatho Yoluntu yethu.
Kule khontenti elandelayo, siquka ileyibhuli enikela ngeenkcazelo:
Imidiya Esetyenziweyo
Imidiya iyakwazi ukuedithwa ngeendlela ezahlukeneyo. Kwiimeko ezininzi, olu tshintsho alunabuzaza, njengaxa ikhontenti isikiwe kwakho inxalenye engavelanga okanye yenziwe mfutshane ukuze ibe ntle okanye kufakelwe umculo. Kwezinye iimeko, kusenokungacaci ukuba isetyenziwe kwaye isengalahlekisa abantu.
- Ikhontenti Eyilwe Okanye Etshintshwe Ngedijithali Engalahlekisa Abantu. Kwikhontenti engayaphuliyo Imigangatho Yoluntu, singafaka ileyibhuli enenkcazelo phambi kwalo khontenti – okanye siyikhabe ikhontenti efakwe njengesibhengezo – xa loo khontenti ingumfanekiso okanye ividiyo yento yokwenene, iyiodiyo evakala iyeyokwenene, eyilwe okanye etshintshwe ngendlela yedijithali kwaye inyusa umngcipheko wokukhohlisa uwonkewonke kumba obalulekileyo kuwonkewonke.
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo malunga nenkcazelo engeyonyani
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu