Ukwenziwa kweakhawunti yesikhumbuzo

Iinkcukacha zepolisi

TSHINTSHA ILOGU
Izizathu Zepolisi
Xa umntu esweleka, abahlobo nosapho bangacela ukuba senze iakhawunti yakhe ibe yeyesikhumbuzo. Xa yenziwe iakhawunti yesikhumbuzo, igama elithi "Sikhumbula" liza kubonakala phezu kwegama leprofayili yalo mntu ukwenzela ukuba ngoku loo akhawunti ibe yindawo yesikhumbuzo. Ukwenza iiakhawunti zibe zezesikhumbuzo kunceda ekuyileni indawo yokukhumbula izihlobo kwaye kukhusela kwimizamo yokuloga nakwizenzo zobuqhophololo. Ukuze sihloniphe okukhethwe ngumntu esaphila, sizimisele ukugcina iakhawunti yakhe kungatshintshwa nto kuyo emva kokusweleka kwakhe.
KuFacebook, siye savulela abantu ithuba lokuba xa beye basweleka bazikhangelele ngokwabo umntu wokujongana neakhawunti yongasekhoyo. Ukuze kuxhaswe abaswelekelweyo, kwezinye iimeko, sisenokususa okanye sitshintshe ikhontenti ethile xa sicelwa ngojongene neakhawunti yongasekhoyo okanye amalungu osapho.
Izicelo zokwenza iiakhawunti zikaFacebook okanye ezikaInstagram zeeuser ezingasekhoyo zibe zezesikhumbuzo zingenziwa xa kukho inkcazelo efunwayo:
  • Ngabahlobo bakaFacebook
  • Ngabalandeli bakaInstagram
  • Ngamalungu osapho anamaxwebhu afanelekileyo
Kumaxhoba okubulawa nokuzibulala siza kuyisusa le khontenti ilandelayo kuFacebook nakuInstagram ukuba ibonakala kwifoto yeprofayili kamfi, kwifoto yekhava, okanye kwiipowusti zakutshanje ezikwitimeline xa usapho lomfi lusicela ukuba sizisuse. Sisenokuyisusa le khontenti kuFacebook naxa sicelwa ngumntu ojongene neakhawunti kaFacebook yongasekhoyo:
  • Ikhontenti edibene nokufa kukamfi
  • Ukunconywa okanye ukuxhaswa kokufa, isifo, okanye umonzakalo kamfi
  • Ukuboniswa kwento eye yasetyenziswa xa kubulawa umfi.
  • Imifanekiso yomntu ofunyaniswe enetyala okanye otyholwa ngokubulala umfi.
  • Isteyithasi solwalamano okanye isteyithasi somntu obanjelwe okanye otyholwa ngokubulala umfi
Kule Migangatho Yoluntu ilandelayo, sifuna inkcazelo eyongezelelekileyo kunye/okanye umongo ukuze senze olu tshintsho lulandelayo xa sicelwa ngummeli ogunyazisiweyo wongasekhoyo naxa sicelwa ngojongene neakhawunti yongasekhoyo, kuFacebook kuphela:
  • Ukususa iikhomenti ezinyhashayo kwiprofayili yesikhumbuzo, nto leyo ngokuqhelekileyo ebiya kufuna yena loo mntu azixele ukuze sizazi ukuba azifanelekanga.
  • Ukutshintsha iisetingi zeemfihlo zikamfi zisuke kuwonkewonke ziye kubahlobo bodwa xa kukho ikhontenti eyonzakalisayo kule profayili.
  • Ukutshintsha igama kwiprofayili ukuba linyhasha iMigangatho Yoluntu yethu, ngokuhambisana nepolisi yoBunyani Bamagama
  • Ukufaka abahlobo okanye abalandeli beprofayili ukuba bebeye basuswa emva kokusweleka kongasekhoyo
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo ngokwenziwa kweakhawunti yesikhumbuzo
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu