Ikhontenti, Iimveliso, Okanye Iinkonzo Ezingekho Mthethweni Ekuhlaleni

Iinkcukacha zepolisi

TSHINTSHA ILOGU
Izizathu Zepolisi
Xa abalawuli okanye amaziko karhulumente ekholelwa ukuba ikhontenti ekwiinkonzo zethu ingqubana nomthetho, bangasicela ukuba siyibekele izithintelo loo khontenti. Amaziko angengawo akarhulumente namalungu kawonkewonke nabo bangathumela iingxelo ezithi ikhontenti ethile ayikho mthethweni. Sikwanako nokufumana imiyalelo yenkundla.
Xa sifumana ingxelo okanye umyalelo, siqala siyihlole siyithelekisa neMigangatho Yoluntu. Ukuba sifumanisa ukuba ikhontenti iyangqubana neepolisi zethu, siyayisusa. Ukuba ikhontenti ayingqubani neepolisi zethu, ngokuvumelana nokuzibophelela kwethu njengelungu leGlobal Network Initiative kunye nePolisi Yamalungelo Abantu Enkampanini, siye senze uhlolo lwezomthetho olucokisayo kwaye siphande nangamalungelo abantu ukuze sifumanise enoba loo ngxelo leyo iyasebenza kusini na.
Kwiimeko apho sikholelwa ukuba iingxelo azikho mthethweni, zinabe kakhulu, okanye azihambisani nemigangatho yamalungelo abantu yamazwe ngamazwe, singacela ingcaciso okanye singathathi nyathelo.
Xa sithathela amanyathelo ikhontenti ngenxa yomthetho wasekuhlaleni kungekhona ngenxa yeMigangatho Yoluntu yethu, siye sizame ukubeka isithintelo sokufikelela loo khontenti kuloo ndawo kuthiwa yaphula umthetho kuyo ibe asiye sohlwaye mntu okanye sibeke izithintelo kwiifitsha ezithile. Kwakhona siye siyazise loo user ichaphazelekayo.
Kwakhona sipapasha iingxelo ezichaza ngokweenkcukacha indlela esihlola ngayo ikhontenti enyhasha umthetho wasekuhlaleni nezihlando apho siye sabeka izithintelo ukuze ungakwazi ukufikelela kwikhontenti xa kukho ezo meko, ezifumaneka apha.
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo ngokuphathelele ikhontenti, iimveliso, okanye unikezelo lweenkonzo olungekho mthethweni
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu yethu.
Ndwendwela Iziko Loncedo lethu