Ukunyhasha Ilungelo Lepropati Yomnye Umntu Aziyilele Yona

Iinkcukacha zepolisi

TSHINTSHA ILOGU
Izizathu Zepolisi
UMeta uthatha amalungelo abantu ngepropati abaziyilele yona njengebalulekileyo ibe uzibophelele ekuwakhuseleni la malungelo ngoxa epromowutha ukuveza kwabantu izimvo, ubugcisa, nokuveliswa kwezinto ezintsha kwindawo esekelwe ekuthembaneni koluntu.
Ngenxa yesi sizathu, siyayinyanzelisa ipolisi elwa nokupowustwa kwekhontenti enyhasha ilungelo lomntu ngepropati aziyilele yona umntu, kuquka ilungelo lokukhuphela, uphawu lokurhweba, okanye elinye ilungelo lomthetho. Sipapasha inkcazelo ephathelele ukuxelwa kokunyhashwa kwamalungelo abantu ngeepropati abaziyilele zona esikufumanayo kwiNgxelo Yokuchaza Izinto Ekuhleni Engeepropati Zabantu Abaziyilele Zona.
Ukuze uxele ikhontenti ovakalelwa kukuba ingaphazamisana namalungelo akho epropati oziyilele yona ngengqondo yakho, nceda undwendwele Iziko Lokunceda Ngepropati Yomntu Aziyilele Yona, undwendwele ikhasi lokuKhusela Amashishini, okanye ucinge ngokufaka isicelo sokukwazi ukungena kuKhuselo Lwamalungelo Ebhrendi.
Sakuba sifumene ingxelo evela kumnini lungelo okanye kummeli ogunyazisiweyo, siza kususa okanye sibeke isithintelo kwikhontenti ebandakanya:
  • Ukunyhashwa kwelungelo lokhuphela.
  • Ukunyhashwa kophawu lorhwebo.
  • Ukuthengisa okanye ukupromowutha impahla yomgunyathi
  • Ukuxoka uthi usebenzisana nebhrendi ethile (neebhrendi ezithile)
  • Nakuphina okunye ukunyhasha okanye ukwaphulwa kwamalungelo epropati yomntu aziyilele yona okanye nawaphi na amalungelo obumnini
Sikwayisusa nekhontenti ethi:
  • Ibe neempawu ezinento ebonisa ukuba loo khontenti ithengisa okanye ipromowutha impahla yomgunyathi efakwe iibhrendi
  • Ibe neelinki ezingaphandle kweplatfomu eziya kwiiwebhusayithi ezenzelwe ukuthengisa okanye ukupromowutha izinto ezirhaneleka ukuba zezomgunyathi
  • Ithengise okanye ipromowuthe impahla erhaneleka ukuba yeyomgunyathi eyeleleyo okanye efana twatse nekhontenti eye yaxelwa ngaphambili njengeyezinto zomgunyathi ngumnini lungelo
  • Ishere, ipromowuthe, okanye iququzelele into erhaneleka njengokunyhashwa kwelungelo lokukhuphela
Siyazisusa iiakhawunti ezithi:
  • Ziphindaphinde ukunyhasha le polisi.
Siyayivumela ikhontenti egunyaziswe ngumnini lungelo nelandela imigaqo yokusebenzisa ngendlela efanelekileyo
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo ngokuNyhashwa Kwepropati Umntu Aziyilele Yona Liqela Lesithathu
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu