Ukuxhatshazwa Kwabantu

Iinkcukacha zepolisi

TSHINTSHA ILOGU
Izizathu Zepolisi
Ngelinge lokuphazamisa nokuthintela umenzakalo, siyayisusa ikhontenti eququzelela okanye eceba ngokuchuliweyo ukuxhatshazwa kwabantu, kuquka ukuthengiswa kwabantu. Ukuthengiswa kwabantu singakuchaza sithi lishishini lokuvimba umntu inkululeko ngenxa yengeniso. Kukuxhatshazwa kwabantu ukuze banyanzelwe ukuba bathengise ngemizimba, basebenze, okanye benze izinto ezithile bengathandi. Kwenziwa ngokuthi kuqhathwe, kunyanzelwe, kuze kugxagxanyiswe, kuze kuthotywe isidima sabantu ngokuvinjwa inkululeko yabo ngoxa abanye bona bexhamla kwezoqoqosho okanye befumana izinto ngabo.
Ukuthengiswa kwabantu kuziintlobontlobo kwaye kusemhlabeni wonke; kungachaphazela nabani na kungakhathaliseki ukuba ungakanani, umi njani kwezentlalo nezoqoqosho, ubuzwe abubo, ubuni abubo okanye indawo ahlala kuyo. Kuziindidi ezininzi, kwaye nayiphi na imeko yokuthengiswa kwabantu ingabandakanya amanqanaba awahlukeneyo ophuhliso. Ngenxa yokuba amaxhoba enyanzelwa kule mpathombi, awakwazi ukunikeza imvume.
Nangona kufuneka silumke singadibanisi ukuthengisiwa kwabantu nokuthutyeleziswa kwabo, kungayelelana kude kuhambe kudibane. IZizwe Ezimanyeneyo zithi xa zichaza ukuthutyeleziswa kwabantu zithi lushishino okanye kukuququzelelwa kokungeniswa ngokungekho mthethweni kwilizwe elithile kuyo yonke imida yamazwe ngamazwe. Nangona kusenokungafuneki bagxagxanyiswe okanye banyanzelwe, kusenokuphumela ekubeni kuxhatshazwe abantu abahlelelekileyo abazama ukuphuma kwilizwe labo, amaxesha amaninzi befuna ubomi obungcono. Ukuthubelezisa abantu lulwaphulo mthetho nxamnye norhulumente, oluxhomekeke ekuhambiseni abantu, kwaye ukuthengiswa kwabantu lulwaphulo mthetho nxamnye nomntu lowo, luxhomekeke ekumxhaphazeni.
Ukongeza kwikhontenti egxeka, okanye eyazisa, okanye iindaba ezibika imiba yokuthengiswa kwabantu okanye ukuthutyeleziswa kwabantu, siyayivumela ikhontenti ecela okanye eshera inkcazelo ephathelele ukhuseleko lomntu othile nokunqumla imida, kukhangelwa indawo elikhusi nendlela yokuphuma kwilizwe elithile.
Ungayipowusti:
Ikhontenti, isenzo okanye uthethwano olugaya abantu, oluququzelela okanye oluxhaphaza abantu ngayo nayiphi kwezi ndlela zokuthengiswa kwabantu:
  • Ukuthengisa abantu ngeenjongo zesondo (naziphi na izenzo zokuthengisa isondo nomntwana okanye nakuphi na ukuthengiswa kwesondo nomntu omdala apho kubandakanyeke ukwenziswa ngenkani, ubuqhophololo okanye ukunyanzelwa).
  • Ukuthengiswa kwabantwana okanye ukuadoptha ngendlela engekho mthethweni.
  • Ukuthengisa abantwana kusetyenziswa umzi ogcina iinkedama nokukhenketha njengevolontiya kumzi ogcina iinkedama.
  • Ukutshatiswa ngenkani (kuquka imitshatho yabantwana)
  • Ukuxhatshazwa emsebenzini (kuquka ukwenza abantu amakhoboka de babhatale ityala)
  • Ukuba namakhoboka ekhayeni.
  • Ukuthengiswa kwamalungu omzimba angazikhuleliyo ngaphandle kwaxa esuswa, kunikelwa ngawo, okanye edluliselwa komnye umntu kwimeko yokunikela ngelungu lomzimba engenanto yakwenza nokuxhatshazwa kwabantu
  • Ukunyanzelwa kwabantu ukuba benze izenzo zokwaphula umthetho (umzekelo, banyanzelwe ukuba bangqibe, banyanzelwe ukuba bathubelezise iziyobisi).
  • Ukugaywa kwamajoni angabantwana.
Ikhontenti apho omnye umntu egayela, eququzelela okanye exhamla (imali okanye enye into) kwizenzo zokuthengiswa kwesondo
Ikhontenti eofarisha okanye eququzelela ukungeniswa kwabantu elizweni ngondlela mnyama
Ikhontenti ecela iinkonzo zokungenisa abantu elizweni ngondlela mnyama
Siyayivumela ikhontenti egutyungelwa yile polisi xa ipowustwe kwimeko yokuyigxeka, yokufundisa ngayo, yokwazisa abantu ngayo okanye xa iziindaba.
Phantsi kweepolisi zethu zokuXhatshazwa Kwabantu, abahloli bethu kunye neenkqubo zekhompyutha bangaqwalasela uthotho lweesignali zezenzo ukuze babhaqe baze bathathele amanyathelo iiakhawunti ezinyhashayo.
  • Singazisusa iiakhwunti ngenxa yokuqhubana kwazo nezinye iiakhawunti ezinyhasha ipolisi, ukukhangela okanye iinkqubano nekhontenti enyhashayo, okanye ukuba lilungu kuluntu (umz. Amaqela) esiye salisusa ngenxa yokunyhasha iipolisi zethu.
Kule Migangatho Yoluntu ilandelayo, sidinga inkcazelo eyongezelelekileyo kunye/okanye ingcombolo ethile ukuze sikwazi ukunyanzelisa ipolisi ethi:
Singayisusa ikhontenti eofarisha umsebenzi kwiindawo ezinomngcipheko ophezulu wokwenziwa kwabantu amakhoboka xa loo nto ingqinwe ngabanyanzelisi bomthetho, yimibutho yasekuhlaleni engeyiyo ekarhulumente, okanye ngabanye esisebenzisana nabo esibathembileyo
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo ngokuxhatshazwa kwabantu
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu