Izenzo Ezinentiyo

Iinkcukacha zepolisi

TSHINTSHA ILOGU
Izizathu Zepolisi
Sikholelwa ekubeni abantu basebenzise amazwi abo baze bakonekthe nabanye ngokukhululekileyo xa bengaziva behlaselwa ngenxa yokuba bangoobani. Yiloo nto singazivumeli izenzo ezinentiyo kuFacebook, kuInstagram, kuThreads.
Sichaza izenzo ezinentiyo njengokuhlaselwa ngokungqalileyo kwabantu — kunokuba ibe ziingcamango okanye amaziko — ngokusekelwe koko sikubiza ngokuthi ziimpawu ezikhuselweyo iiprotected characteristics (iiPC): ibala, uhlanga, ilizwe avela kulo, ukhubazeko, unqulo akhonza kulo, iwonga, ukhetho kwezesondo, isini, ubuni azibiza ngabo nesifo esiyingozi. Ukongezelela koko, sigqala ubudala njengophawu olukhuselweyo xa bukhankanywa kunye nolunye uphawu olukhuselweyo. Siyazikhusela neembacu, abantu abafudukela kwelinye ilizwe, abantu abafudukela kweli ilizwe neembacu ezibaleka intshutshiso kolona hlaselo luqatha (Inqanaba 1 ngezantsi), nangona sizivumela iikhomenti nokugxekwa kweepolisi zokufudukela elizweni. Ngokufanayo, siyazikhusela nezinye iimpawu ezingakhuselwanga ezinjengomsebenzi, xa kuthethwa ngabo kunye nophawu olukhuselweyo. Ngamanye amaxesha, ngokuya ngokweemeko zasekuhlaleni, sigqala amagama okanye amabinzana athile asetyenziswa kakhulu njengezikweko zeempawu ezikhuselweyo.
Siyayisusa intetho eyenza abantu babe ngathi zizilwanyana, izityholo zokungaziphathi ngandlela okanye zokwaphula umthetho, nezithuko ezikwekwayo. Siyakususa nokusetyenziswa kweendlela zokugqala abantu eziyingozi, esizichaza njengothelekiso oluthoba ubuntu oluye ngaphambili lwasetyenziswa ukuhlasela, ukoyikisa, okanye ukubukula amaqela athile abantu, noludla ngokunxulunyaniswa nobundlobongela bokoqobo. Okokugqibela, siyazisusa izithuko ezinzulu, amazwi avakalisa indelelo nokwenyanya, ukuthuka, nokuhlaba ikhwelo lokuba kubukulwe okanye kucalulwe abantu xa ejoliswe kubantu ngokusekelwe kwiimpawu ezikhuselweyo. Siyayahlula le ntetho ibe ngamanqanaba amabini obuqatha, achazwe ngezantsi.
Siyaqonda ukuba ngamanye amaxesha abantu bashera ikhontenti equka izithuko ezikwekwayo okanye intetho yomnye umntu ngenjongo yokuyigxeka loo ntento okanye yokwazisa abantu okanye ukuyixela. Kwezinye iimeko, intetho, kuquka izithuko ezikwekwayo, ebezinokujongwa njengezinyhasha imigangatho yethu zisetyenziswa xa umntu ezibhekisa kuye okanye ngendlela enika abantu igunya. Siyaluvumela olu hlobo lwentetho xa injongo yesithethi icacile. Ukuba injongo ayicacanga, singayisusa loo khontenti.
Ngamanye amaxesha abantu basebenzisa isigama esisetyenziswa ngabantu bobuni obuthile kuphela xa bethetha ngokungena kwiindawo ezidla ngokusetyenziswa ngabantu bobo buni, njengokungena kwindlu yangasese, izikolo ezithile, iindima ezithile zasemkhosini, zabanyanzelisi bomthetho, okanye zootitshala, namaqela empilo okanye enkxaso. Kanti ngamanye amaxesha, baye bathi bahlabe ikhwelo lokuba kubukulwe okanye basebenzise isigama esithukayo xa kuthethwa ngemiba yepolitiki okanye yonqulo, njengaxa kuthethwa ngamalungelo abantu abanobuni obahlukileyo kwinto abayiyo ngokoqobo, iimbacu, okanye ubufanasini. Okokugqibela, ngamanye amaxesha abantu baye bathuke abantu bobuni obuthile kwimeko yokwahlukana kwabantu abathandanayo. Iipolisi zethu zenzelwe ukuvumela abantu umtyhi kwezi ntlobo zentetho.
Ungayipowusti:
Inqanaba 1
Ikhontenti ejoliswe kumntu okanye kwiqela labantu (ngaphandle kwachazwa njengaye enza izenzo zolwaphulomthetho olunobundlobongela okanye ezidibene nesondo okanye amela abangaphezu kwesiqingatha seqela) ngokusekelwe kwezi zinto zikhankanyiweyo ezikhuselwayo okanye imo yemfuduko ebhaliweyo okanye engumfanekiso enezi zinto:
  • Intetho eyenza abantu babe ngathi zizilwanyana ngokubathelekisa okanye ukubafanisa nezilwanyana, iintsholongwane, okanye izinto eziphilayo ezingaphantsi kwabantu, kuquka:
    • Izinambuzane (kuquka: amaphela, iintethe, kodwa akuphelelanga kuzo)
    • Izilwanyana ngokubanzi okanye iintlobo ezithile zezilwanyana ngokuqhelekileyo ezigqalwa njengezingaphantsi (kuquka: ukufanisa abantu abaNtsundu neenkawu okanye nezilwanyana ezifana nazo, kodwa akuphelelanga kuzo; AmaYuda neempuku; AmaSilamsi neehagu; Abantu baseMexico nemibungu)
    • Ibhaktheriya, iintsholongwane, okanye iimayikhrowubhu
    • Ukubachaza njengabangengobantu (kuquka: amazim, oosathana, amagongqongqo, kodwa akuphelelanga kwezi)
  • Izityholo zokwenza izenzo ezinzulu zokungaziphathi ngandlela nokwaluphula umthetho:
    • Abantu abasoloko bekhanuka isondo nabaxhaphaza abantwana ngokwesondo (kuquka ukuthi: amaSilamsi abelana ngesondo neebhokhwe okanye neehagu, kodwa akupheleli kule)
    • Izaphuli mthetho ezinobundlobongela (kuquka: abagrogrisi, ababulali)
  • Ukuhlaba ikhwelo nokuba nethemba loku kwenzakaliswa kulandelayo (izisongelo ezinzulu okanye ezingqalileyo nokuhlaba ikhwelo lobundlobongela kuthethwa ngazo phantsi kwepolisi yethu ethetha ngoBundlobongela Nokubuphembelela):
    • Ukosulelwa sisifo
    • Ukuhlelwa yintlekele yemvelo
    • Ukuzenzakalisa okanye ukuzibulala
    • Ukufa ngaphandle kombulali okanye indlela yokufa
    • Iingozi nezinye iindlela zokuzenzakalisa emzimbeni okungabangelwanga ngumntu okanye sisithixo esithile
  • Ukujonga abantu ngendlela ethile okwenzakalisayo ngokwembali okudityaniswa nokoyikisa okanye nobundlobongela, njengokuPeyinta Ubuso Bube Mnyama; Ukukhanyela iHolocaust; amabango athi amaYuda alawula amaziko emali, epolitiki okanye aweendaba; nokuthi amaDalit zizicaka zokwenza imisebenzi ephantsi; nokufanisa Abantu Abantsundu nezixhobo zokusebenza efama.
  • Ukuhlekisa ngengcamango, ngeziganeko okanye ngamaxhoba olwaphulo mthetho olunentiyo kwanokuba akukho mntu uboniswe kumfanekiso.
  • Ukuhlekisa ngabantu ngenxa yokuba benesifo okanye bekhe banesifo esithile.
  • Ikhontenti echaza okanye ejolise izithuko ezibi ebantwini. Izithuko zinokuchazwa ngokuthi ngamagama adala umoya wokubukulwa nokoyikiswa kwabantu ngenxa yophawu olukhuselweyo, kaninzi loo mazwi adityaniswa nocalulo, ingcinezelo, nobundlobongela zexesha elidluleyo.
Inqanaba 2
Ikhontenti ejoliswe kumntu okanye kwiqela labantu ngokusekelwe kwiimpawu zabo ezikhuselweyo enayo nayiphi kwezi zinto zilandelayo (enoba ibhaliwe okanye ingumfanekiso) ekhatshwa:
  • Kukuhlatywa kwekhwelo okanye kukuxhaswa kokuba kubukulwe okanye kucalulwe okanye amazwi avakalisa injongo yokubukula okanye yokucalula, achazwa ngokuthi:
    • Kukubukelwa ngokubanzi, nto leyo ethetha ukuhlaba ikhwelo lokuba babukulwe ngokubanzi okanye bacalulwe, njengathi "OoX abavumelekanga apha!"
    • Ukubukula kwipolitiki, okuthetha ukwala ukunika umntu ilungelo lokuthatha inxaxheba kwipolitiki okanye ukumela ukuba avalelwe entolongweni okanye anganikwa amalungelo epolitiki.
    • Ukubukula kuqoqosho, okuthetha ukubavalela kwiimfanelo zabo zoqoqosho nokusikela umda ukuthatha kwabo inxaxheba kwiimarike zabasebenzi. Siyayivumela ikhontenti emela ukubekelwa imidla kwabantu bobuni obuthile emkhosini, kunyanzeliso lomthetho, nakwimisebenzi yokufundisa. Siyayivumela nekhontenti efanayo ngokusekelwe kutyekelo lobuni, xa loo khontenti isekelwe kwiinkolelo zonqulo.
    • Ukubukula abantu kwezentlalo, okuthetha ukungabavumeli bangene kwiindawo ezithile (ezokoqobo okanye ezikwi-intanethi) nakwiinkonzo zentlalo, ngaphandle kwaxa umntu ebukulwa ngenxa yobuni kwindawo ngokuqhelekileyo engenwa ngabantu bobuni obuthile kuphela, njengezindlu zangasese, imidlalo neeligi zemidlalo, amaqela empilo nawenkxaso, nezikolo ezithile.
  • Iizithuko, kuquka ezo zimalunga:
    • Nobuntu, kuquka kodwa kungaphelelanga kubugwala, ukungathembeki, ukwaphula umthetho okusisiseko, nokwabelana ngesondo nabantu abahlukeneyo okanye okunye ukungaziphathi kakuhle okudibene nesondo.
    • Iimpawu zengqondo, kuquka izityholo zokuba sisidenge, amandla engqondo, ukugula ngengqondo, nothelekiso olungenasihlahla phakathi kwamaqela ePC ngokusekelwe kubukrelekrele bawo bemvelo, kodwa akuphelelanga kwezi. Siyazivumela izityholo zokugula ngengqondo okanye zokungaphili ncam engqondweni xa zisekelwe kutyekelo lobuni, kwimeko yengxoxo yepolitiki neyonqulo engabantu abanobuni obungafaniyo nobokoqobo nobufanasini nokusetyenziswa okuqhelekileyo okungenzulu kwamagama afana nelithi "abaqhelekanga."
    • Ezinye iinkalo, kuquka izityholo zokungabi naxabiso, ukuba ngungantweni, ububi, ubuxelegu, kodwa aziphelelanga kwezi.
  • Ukuthetha into ebonisa ukuba loo mntu uthetha ngaye ukwenza ugule, kuquka "undenza ndihlanze," kodwa akupheleli kule.
  • Izithuko ezijolisiweyo, ngaphandle kwezithuko ezithile ezisekelwe kubuni xa abantu abathandanayo besohlukana, kuchazwa ngale ndlela:
    • Ukusetyenziswa kwegama elithi "fuck" okujoliswe emntwini okanye ezinye iindlela zokuthi "fuck" ngenjongo yokuthuka, njengokuthi "Fuck abantu [Abanophawu Olukhuselweyo (Protected Characteristic)]!"
    • Amagama okanye amabinzana acela ukuba kwenziwe isenzo sesondo, okanye kuchukunyiswa amalungu angasese, ianus, ilindle okanye umchamo, kuquka: munca umthondo wam, phuza iimpundu zam, yitya ukunya, kodwa awapheleli kula.
Kule Migangatho Yoluntu ilandelayo, sidinga inkcazelo eyongezelelekileyo kunye/okanye ingcombolo ethile ukuze sikwazi ukunyanzelisa ipolisi ethi:
Ungayipowusti:
  • Ikhontenti enikela okanye eofarisha ngokuphandle iimveliso okanye iinkonzo ezinjongo yazo ikukutshintsha utyekelo lwabantu kwezesondo okanye ubuni babo.
  • Ikhontenti ehlasela iingcamango, amaziko, iingcinga, izenzo, okanye iinkolelo ezidibene neempawu ezikhuselweyo, ekungenzeka ifake isandla ekonzakalisweni kwabo emzimbeni, ekoyikisweni okanye ekucalulweni kwabantu abanxulumene nolo phawu lukhuselweyo. UMeta ujonga iimpawu eziliqela ukuze agqibe enoba kukho isisongelo na kwikhontenti. Ezi ziquka: ikhontenti engakhawuleza idale ubundlobongela okanye ukoyikiswa; ngaba kukho ixesha lokujongana ngezikhondo zamehlo njengaxa kukho unyulo okanye kukho ingxwabangxwaba; kwaye ngaba ikhe yenzeka na ngaphambili into yokuba kwenziwe ubundlobongela kwiqela elikhuselweyo ekujoliswe kulo, kodwa akupheleli kwezi. Kwezinye iimeko, singajonga nokuba lo mntu uthetha loo nto ngumntu owaziwayo okanye onegunya na.
Kwiimeko ezithile, siza kuyivumela ikhontenti ngokuqhelekileyo ebiya kuyinyhasha iMigangatho Yoluntu xa kuye kwacaca ukuba ikhontenti yayo yenzelwe ukuqhula. Ikhontenti iya kuvunyelwa kuphela ukuba izinto ezinyhashayo kuyo ziyaqhula okanye zayanyaniswa nento okanye nomnye umntu ukuze kuhlekiswe ngaye okanye agxekwe.
Phawula: ukuba uyiuser ekwiManyano YaseYurophu, kwaye ubona ikhontenti okholelwa ukuba inyhasha imithetho yentetho enentiyo kwilizwe lakho, ungathumela isicelo sokususa ngokusemthethweni kuFacebook okanye kuInstagram.
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Inkcazelo
Jonga Ingxelo Yonyanzeliso LweMigangatho Yoluntu yakutshanje
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo kwizenzo ezinentiyo
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu