Ukuqhatha, Ubuqhinga, Nezenzo Zokukhohlisa
Iinkcukacha zepolisi
TSHINTSHA ILOGU
Namhlanje
7 Juni 2025
3 Oktobha 2024
19 Julayi 2024
5 Agasti 2023
29 uApr 2022
24 Disemba 2021
25 Novemba 2021
29 Oktobha 2021
27 Agasti 2021
5 Meyi 2020
18 Disemba 2020
19 Novemba 2020
17 Disemba 2019
4 Septemba 2019
Izizathu Zepolisi
Sizimisele ukukhusela iiuser namashishini angaqhathwa kuthathwe imali yabo, ipropati yabo okanye inkcazelo yobuqu. Oku sikwenza ngokususa ikhontenti nokuphelisa indlela yokuziphatha ethi ngabom isebenzise amaqhinga - njengokuzenza umntu ongenguye ngabom, inkcazelo ebiweyo namabango abaxiweyo - ukwenza ubuqhinga okanye ukuqhatha iiuser namashishini, okanye ukubanyanzela bazibophelele. Iquka ikhontenti ezama ukuququzelela okanye ukukhuthaza ezo zenzo isebenzisa iinkonzo zethu. Siyabavumela abantu bazise baze bafundise abanye abantu baze kananjalo bazikhalimele ezi zenzo.
Asiyivumeli:
Ikhontenti ezama ukusebenzisa ubuqhinga okanye ukuqhatha iiuser kunye/okanye namashishini ngezi ndlela:
Ubuqhophololo Nobuqhinga Bemalimboleko
Ikhontenti ethi:
- Iofarishe imalimboleko efuna ukuba iuser ibhatale imali ethi ngaphambili ukuze ibolekwe imali.
- Iofarishe imalimboleko enegaranti okanye ephantse igarantwe ukuba iza kugunyaziswa, eqondwa ngokuphandle okanye ngokungangqalanga ngokusekelwe kwimeko (njengebango lokugunyazisa imalimboleko ngaphandle kokufuna inkcazelo yemali).
- Phawula: Siyazikhangela nezinye iimpawu ukuze sigqibe enoba loo mntu upowusta ikhontenti eyiyo, engenabuqhophololo, njengaxa iyinkampani eqinisekisiweyo nebhanki okanye iziko lemali.
Ubuqhophololo Nobuqhinga Obudibene Nokungcakaza
Ikhontenti ethi:
- Iofarishe iinkonzo zokungcakaza ngemali yokoqobo ("Imali yokoqobo" yimali yamanyhani enokusetyenziswa ukuthenga izinto okanye iinkonzo ngendlela eqhelekileyo, kuquka iimali zamazwe ezifana neDola YaseMerika kunye neemali ezingaphathekiyo ezifana neBitcoin):
- kukho isiqinisekiso sokuwina.
- kuvezwa okanye kuvunywa ukuba kuye kwajijwa iziphumo zomdlalo.
- kucelwa abantu ukuba benze indlela yokuba kufikswe umdlalo okanye kufunwa uncedo okanye amacebiso endlela yokufiksa imetshi okanye umdlalo.
Imidlalo yentlalo yekhasino elinganisa ukungcakaza kube kungekho thuba lakuwina imali yokoqobo iwela phantsi kweMigangatho Yoluntu yethu emalunga neMpahla Neenkonzo Ezibekelwe Isithintelo.
Ubuqhophololo Nobuqhinga Obudibene Notyalomali Okanye Imali
- Amathuba Okutyala Imali. Ikhontenti ethi:
- Iofarishe amathuba okutyala imali apho imbuyekezo yotyalomali iqinisekiswa okanye ingenamngcipheko.
- Iofarishe amathuba okutyala imali apho imbuyekezo yotyalomali okanye intlawulo isekelwe ngokuyinxalenye okanye ngokupheleleyo ekubeni ugaye abanye ukuba bathathe inxaxheba kuloo nto.
- Iofarishe amathuba okutyala imali apho elo thuba "ikukuba sisityebi bumini" kunye/okanye namabango okuba utyalomali oluncinane luza kujikwa lube yimali enkulu.
- Ukuflipa Imali. Ikhontenti ethi:
- Iofarishe ukutshintsha isixa semali sibe sesemali eninzi ngokuyiflipa okanye ngeqhinga okanye indlela ebandakanya ukuthetha amazwi athi "cash flip," "money flip," okanye amagama ayeleleyo.
Ubuqhophololo Nobuqhinga Bokuthubelezisa Neendlela Zokufihla Umthombo Wemali
- Ukuthubelezisa Imali. Ikhontenti ethi:
- Iofarishe okanye icele ukuthutyeleziswa kwemali (ibangele amaxhoba ukuba athathe inxaxheba engazi ekufihleni umthombo wemali okanye ekusherweni kwengeniso ukuba wona angavumela abantu basebenzise iiakhawunti zawo zebhanki okanye atransferele abantu imali).
- Iofarishe okanye icele ukuthutyeleziswa kwemali ngokuofarisha ukuze kwamkelwe yaye kutransferwe imali iye kwabanye abantu kusetyenziswa iakhawunti yebhanki yexhoba.
- Iindlela Zokufihla Umthombo Wemali. Ikhontenti ethi:
- Ecela, okanye eofarisha ukuququzelela ukufihlwa kwemithombo yemali, nto leyo elilinge lokwenza imali efunyenwe ngondlela mnyama ibonakale ifunyenwe ngendlela esemthethweni ngokufihla imvelaphi yaloo mali ngeetransekshini ezintsonkothileyo zemali, eziquka nayiphi kwezi ndlela zilandelayo:
- Ukufuna ukutransferwa kwemali ngeSWIFT (iSociety for Worldwide Interbank Financial Telecommunications) okanye ngeendlela ezifanayo,
- Ukufuna okanye ukuofarishwa kweenkcukacha ngeentlobo zeeakhawunti zebhanki ezifumanekayo ezixhasa ukwamkela okanye ukutransfera imali.
Ubuqhophololo Nobuqhinga Bezazisi Zomgunyathi
Ikhontenti ethi:
- Imizamo yokwenza ubuqhinga okanye bokwenza ubuqhophololo kwiiuser ngokuxoka xa uchaza ukuba ungubani lowo upowustayo okanye uhlobo lwesicelo:
- Ubuqhophololo Nobuqhinga bemibutho enceda abahlelelekileyo, obuzizicelo zobuqhophololo zemali okanye zeminikelo yokunceda abahlelelekileyo kunye namabango okuba loo minikelo ingxamisekile kwaye kuqukwa inkcazelo, enjengeeakhawunti zebhanki, apho inokuthunyelwa khona le mali.
- Ubuqhophololo Nobuqhinga bezothando, obuyimizamo enobuqhophololo yokuthandana nabantu ngeintanethi ngokufuna ubuhlobo okanye ukuthandanda obungadibenanga nokwabelana ngesondo nokuofarisha okanye ukucela imali okanye into elingana nayo ngenxa yaloo nto.
- Ubuqhophololo Nobuqhinga Beshishini/Bombutho Omileyo, obubandakanya ukuxoka ubange ukuba umela, okanye uthetha egameni leshishini okanye umbutho omileyo , ngelizama ukwenza ubuqhinga okanye ubuqhophololo.
Ubuqhophololo Nobuqhinga Bemveliso Okanye Bomvuzo
- Ubuqhophololo Nobuqhinga Begranti Karhulumente. Ikhontenti ethi:
- Ixoka iofarishe imali evela kwiigranti zikarhulumente okanye kuwo nawuphi umthombo karhulumente wemali. Sijonga iimpawu ezahlukeneyo ukuze sigqibe enoba umbutho upowusta ikhontenti esemthethweni nengeyoyabuqhophololo, njengaxa ivela kumbutho oqinisekisiweyo.
- Ubuqhophololo Nobuqhinga Bezinto Ezibambekayo, Ezokomoya Okanye I-illuminati. Ikhontenti ethi:
- Iofarishe umvuzo obambekayo, njengemali, impahla, okanye iinnkonzo ezinexabiso lemali kuquka imali yokoqobo, yedijithali okanye engeyoyokoqobo, kunye nempahla neenkonzo zokoqobo okanye zedijithali xa usiba lilungu okanye ujoyina umbutho, ihlelo, iqela lonqulo (ngokomzekelo, ubuzalwana beIlluminati).
- Iofarishe umvuzo xa usebenzisa umlingo okanye ukuthakatha okanye izinto zomlingo (ngokomzekelo, ukuthakatha, izinto zokwenza ithamsanqa, izinto ezifakwa ezingalweni, iithokeni, amayeza, iwalethi yobugqi, njalo njalo).
- Ubuqhophololo Nobuqhinga Beinshorensi. Ikhontenti ethi:
- Iofarishe i-inshorensi yobuxoki, ehliswe kakhulu ixabiso ehamba nesicelo sokuba kubhatalwe imali kuqala (imali yeadmin, okanye idiphozithi, okanye enye).
- Iofarishe i-inshorensi yobuxoki, ehliswe kakhulu ixabiso ehamba nezithembiso zokonga imali eninzi kwi-inshorensi xa kuthelekiswa neenkampani zeinshorensi eziqhelekileyo (ubuncinane ubhatala imali engaphantsi nge30%).
- Phawula: Siyazikhangela nezinye iimpawu ukuze sigqibe enoba loo mntu upowusta ikhontenti eyiyo, engenabuqhophololo, njengaxa iyinkampani eqinisekisiweyo nebhanki okanye iziko lemali
- Ubuqhophololo Nobuqhinga Bengqesho. Ikhontenti ethi:
- Iofarishe umsebenzi ochazwa ngendlela engacacanga okanye engaqondakaliyo kunye namathuba okuba sisityebi bumini athembisa imali ungasebenzisanga xesha kwaye ungezanga mzamo mkhulu.
- Iofarishe ithuba lengqesho elingenankcazelo yomsebenzi, kuchazwe nje izithuba zomsebenzi.
- Iofarishe ukusebenzela ekhaya kodwa ube umsebenzi wona ucaca ukuba awunakwenziwa usekhaya.
- Iofarishe imisebenzi uthenjiswa ngokubhatalwa umvuzo kwangaphambili.
- Iofarishe imisebenzi eqinisekisiweyo.
- Iofarishe imisebenzi efuna ubhatale imali ngaphambi kokuba ufumane loo msebenzi.
- Phawula: Siyazikhangela nezinye iimpawu ukuze sigqibe enoba loo mntu upowusta ikhontenti eyiyo, engenabuqhophololo, njengaxa iyinkampani eqinisekisiweyo
- Ubuqhophololo Nobuqhinga Bokuhlangulwa Ematyaleni Nokulungiselwa Ikhredithi. Ikhontenti ethi:
- Ithembise ukudilitha okanye ukususa okanye ukunciphisa ityala ngemali ethile ngexesha elithile.
- Ithembise ukuyekisa okanye ukudilitha konke ukuqokelelwa kwamatyala okanye ukumangalelwa.
- Ithembise ngokuxolela okanye ngokucima ityala "ngeprogramu entsha karhulumente" okanye ngomthetho otshintshileyo okanye ngamazwi afana nala.
- Ithembise ukudilitha okanye ukususa inkcazelo yekhredithi kwiingxelo zekhredithi okanye ukuyila "igama elitsha lekhredithi".
- Phawula: Siyazikhangela nezinye iimpawu ukuze sigqibe enoba loo mntu upowusta ikhontenti eyiyo, engenabuqhophololo, njengaxa iyinkampani eqinisekisiweyo nebhanki okanye iziko lemali
- Ubuqhophololo Nobuqhinga Bezinto Ekuphiswa Ngazo. Ikhontenti ethi:
- Iofarishe umvuzo oqinisekisiweyo wemali yokoqobo xa iiuser zifuna:
- Ukurejista kwilinki engaphandle kwesayithi.
- Ukushera Inkcazelo Echaza Umntu Ukuba Ungubani okanye Enye Inkcazelo Yobuqu.
- Ukuqhagamshelana ngaphandle kweplatfomu okanye kwiplatfomu ngomyalezo wabucala.
- Ingathathi nyathelo.
- Ubuqhophololo Nobuqhinga Bokubhatalisa Abantu Ngaphambi Kokubenzela Izinto. Ikhontenti ethi:
- Ixoka ithembise imali ukuba umntu uqala abhatale/atransfere imali.
Ubuqhophololo Nobuqhinga Bamaxwebhu Omgunyathi
- Amaxwebhu Omgunyathi Okanye Afojiweyo. Ikhontenti ethi:
- Iofarishe ukucela, ukuyila, ukuthengisa, ukuthenga okanye ukurhweba ngamaxwebhu omgunyathi okanye afojiweyo.
- Iofarishe ukuthengisa iivisa neegreen card.
- Igarante ukugunyaziswa kwevisa okanye kwegreen card.
- Ivumele iiuser ukuba zifumane ugunyaziso lweevisa ngaphandle kokufikelela izinto ezifuneka ngokuqhelekileyo.
- Imali Yobuxoki Okanye Yomgunyathi. Ikhontenti ethi:
- Iofarishe ukuthengisa, ukuthenga okanye ukurhweba ngemali yobuxoki okanye yomgunyathi, ngaphandle kwemali yomdlalo webhodi (umz., imali kaMonopoly) ukuba kuyacaca ukuba injongo yeyomdlalo webhodi.
- Iivawutsha Zobuxoki Okanye Zomgunyathi. Ikhontenti ethi:
- Iofarishe ukushera, ukuthengisa, ukuthenga okanye ukurhweba ngeevawutsha zobuxoki okanye zomgunyathi.
- Ivume, ipromowuthe, icele ukusebenzisa iikhuponi okanye iivawutsha zokoqobo okanye zedijithali ukuze ifumane ixabiso elingaqhelekanga ngokuthi:
- isebenzise iikhuponi okanye iivawutsha ukuze kuthengwe izinto ezo khuponi okanye iivawutsha ezingenzelwanga zona; okanye
- ngokusebenzisa iikhuponi okanye iivawutsha eziphelelweyo.
- Izatifikethi zemfundo nezomsebenzi zomgunyathi okanye ezifojiweyo. Ikhontenti ethi:
- Iofarishe ukuthengisa, ukuthenga okanye ukurhweba ngezatifikethi zemfundo okanye zomsebenzi zomgunyathi okanye ezifojiweyo.
Ubuqhophololo Nobuqhinga Benkcazelo, Impahla Okanye Iinkonzo Ezibiweyo
- Ubuqhophololo Nobuqhinga Bamakhadi. Ikhontenti ethi:
- Ibandakanye ukuthenga, ukuthengisa okanye ukurhweba ngamakhadi ekhredithi okanye ngezinye izixhobo zemali ezingasetyenziswa ukuze kuthengwe izinto ngendlela engagunyaziswanga (okukwabizwa ngokuthi "carding").
- Ubuqhophololo Nobuqhinga BePII. Ikhontenti ethi:
- Iofarishe ukuthenga, ukuthengisa okanye ukurhweba ngeNkcazelo Echaza Umntu Ukuba Ungubani Personal Identifiable Information (PII) okanye Enye Inkcazelo Yobuqu ngaphandle kokuba yeyomntu wasentsomini.
- Ubuqhophololo Nobuqhinga Bezimvo Zomgunyathi. Ikhontenti ethi:
- Ukucela ukuba kuthengwe, kuthengiswe okanye kurhwetywe ngezimvo/ngeereyithingi zeemveliso.
- Ukuvuza iiuser ngokuphandle okanye ngokungangqalanga ngezaphulelo, ukubuyiselwa imali okanye ngezinto zasimahla xa zibhala izimvo.
- Ubuqhophololo Nobuqhinga Beesabskripshini. Ikhontenti ethi:
- Iofarishe ukuthenga, ukuthengisa okanye ukurhweba ngeekhridenshiyali zeenkonzo zesabskripshini (iikhridenshiyali zokuloga kwiinkonzo zeintanethi ezifuna ukumane zihlawulwa ngamaxesha athile) ngokuthetha ngenkonzo yeintanethi ebhatelweyo, enoba ichazwa ngegama okanye kusherwa ilogo yayo.
- Phawula: Siyazikhangela nezinye iimpawu ukuze sigqibe enoba loo mntu upowusta ikhontenti eyiyo, engenabuqhophololo, njengaxa iyinkampani eqinisekisiweyo nebhanki okanye iziko lemali.
- Ubuqhophololo Nobuqhinga Bokukopa. Ikhontenti ethi:
- Ibandakanye ukushera, ukuthengisa, ukurhweba, okanye ukuthenga:
- amaphepha eemviwo okanye eempendulo zexesha elizayo.
- Iimveliso okanye iinkonzo ezenza abantu bakwazi ukukopa iimviwo.
- Iimveliso okanye iinkonzo ezenza abantu bakwazi ukupasa xa bevavanywa ukuba bayazisabenzisa na iziyobisi ezingavumelekanga
Ubuqhophololo Nobuqhinga Bokusebenzisa Iidivayisi Ngendlela Engagunyaziswanga
- Ubuqhophololo Nobuqhinga Bokuphathaphatha Iidivayisi. Ikhontenti ethi
- Ihlabe ikhwelo lokuba kuthengwe, kuthengiswe, kurhwetywe okanye kusherwe naziphi na iidivayisi zokumejarisha ezitshintshiweyo, zaguqulwa, okanye ezomgunyathi.
- Ivume, ipromowuthe okanye icele ukuphathaphathwa kweedivayisi ukuze zikhuphe ixabiso elingachananga.
- Ubuqhophololo Nobuqhinga Bekhontenti Yedijithali. Ikhontenti ethi
- Iofarishe okanye icele iimveliso eziququzelela okanye ezikhuthaza ukungena kwikhontenti yedijithali ngendlela engagunyaziswanga. Ezi ziquka kodwa zingaphelelanga kwezi: iiset top box ezitshintshiweyo, iibhokisi ezifakelweyo ezilowudwe ngokupheleleyo/ezeKODI kunye neenkonzo zeKODI.
Izenzo Zokuqhatha Nokulahlekisa
- Izenzo Zezempilo Ezilahlakisayo. Ikhontenti ethi
- Ipromowuthe amabango neegaranti zobuxoki okanye eziqhathayo kwimeko yokuslima ngokusebenzisa iindlela zokutsala abantu ukuba baklike ilinki, njengokusebenzisa isigama esitsalayo esenza amabango abaxiweyo okanye agqithiseleyo
Kule khontenti ilandelayo, sivumela abantu abadala kuphela ukuba bayibone, abaneminyaka eli18 ubudala nangaphezulu:
Ikhontenti ethi
- Ithembise iziphumo ezithe ngqo ezinxulumene nokuslima ngexesha elithile kungabikho ngcaciso okanye ukuzikhulula etyaleni.
Nangona zinjalo ezi zinto zingasentla, asiyithinteli ikhontenti egxeka, eyazisa abantu okanye efundisa abantu ngobuqhophololo nobuqhinga, ukuba ayichazi inkcazelo enochuku okanye ipromowuthe ubuqhophololo okanye ubuqhinga
Kule Migangatho Yoluntu ilandelayo, sidinga inkcazelo eyongezelelekileyo kunye/okanye ingcombolo ethile ukuze sikwazi ukunyanzelisa ipolisi ethi:
- Singayisusa ikhontenti:
- Ebandakanya ubuqhophololo/ubuqhinga exelwe ngumbutho othenjiweyo.
- Edibene nokunyoba okanye nokuba imali oyiphathisiweyo.
- Eofarisha izitofu zokugonya ngelizama ukwenza ubuqhinga okanye ubuqhophololo kwiiuser.
- Ezama ukusungula umntu ongekhoyo, ukuzenza umntu odumileyo, okanye isebenzise umfanekiso womntu odumileyo ngaphandle kokugunyaziswa ngelizama ukwenza ubuqhinga okanye ubuqhophololo.
- Eofarisha okanye ecela iimveliso okanye iinkonzo ezenzelwe ukuququzelela ukujonga okanye ukurekhoda abantu uzifihlile, umz., ikhamera zokufota ngokufihlakeleyo, izixhobo zokutreka iifowumi zemobhayili (kuquka ezo zivumela ukutrekwa kweenombolo zefowuni ezingaziwayo), okanye ezinye izixhobo ezifihlakeleyo zobuntlola.
- Eofarisha amathuba okugaya abamangali abajoyina iqela labamangali ngokuzenza umbutho karhulumente okanye ijelo leendaba, ngokusebenzisa isigama esitsalayo, okanye ngokwenza amabango abaxiweyo.
- Eofarisha iinkonzo zesabskripshini eziyalela iiuser ukuba zifake Inkcazelo Yobuqu.
- Asizivumeli iientity ukuba zithathe inxaxheba okanye zenze ibango lokuba zenza Ubuqhophololo okanye Ubuqhinga obuhleliweyo, kuquka ukusebenzisa iiakhawunti eziliqela kwiinkonzo zethu ukuze ziphumeze izenzo zobuqhophololo.
Kwiimeko ezithile, siyayivumela ikhontenti ngokuqhelekileyo ebiya kuyinyhasha imigangatho yoluntu xa kuye kwacaca ukuba ikhontenti yayo yenzelwe ukuqhula. Ikhontenti iya kuvunyelwa kuphela ukuba izinto ezinyhashayo kuyo ziyaqhula okanye zayanyaniswa nento okanye nomnye umntu ukuze kuhlekiswe ngaye okanye agxekwe.
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo ngobuqhinga, ubuqhophololo, nezenzo zokukhohlisa
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu