Imibutho Nabantu Abayingozi
Iinkcukacha zepolisi
TSHINTSHA ILOGU
Namhlanje
19 uMatshi 2026
8 Februwari 2024
29 Disemba 2023
29 Agasti 2023
27 uApr 2023
23 Disemba 2021
24 Novemba 2021
15 Oktobha 2021
26 Agasti 2021
23 Juni 2021
22 Oktobha 2020
27 Agasti 2020
27 Februwari 2020
10 Oktobha 2019
27 Septemba 2019
28 Disemba 2018
Izizathu Zepolisi
Ngelinge lokuthintela nokuphazamisa umonakalo wokoqobo, asiyivumeli imibutho okanye abantu ababalaselisa imisebenzi ethile yobundlobongela okanye ababandakanyeke kubundlobongela babe nendawo kwiiplatfomu zethu. Ezi entity siye sizihlole ngokusekelwe kwindlela aziphatha ngayo kwi-intanethi nangaphandle kwayo, ubukhulu becala, ukuzidibanisa kwawo nobundlobongela. Phantsi kwale polisi, sityumba abantu abathile, imibutho, neenetwekhi zabantu. Oku kutyumba sikwahlula kube ngamanqanaba amabini nto leyo ebonisa izinga lonyanzeliso lomthetho wekhontenti, kwinqanaba 1 unyanzeliswa kakhulu gqitha umthetho kulo kuba sikholelwa ukuba le mibutho yeyona inento eyidibanisa ngokuthe ngqo nomenzakalo ongenzeka ngokoqobo.
Inqanaba 1 lijolisa kumaziko abandakanyeka kumenzakalo onzulu wokoqobo - kuquka ukulungiselela okanye ukukhuthaza ubundlobongela kubahlali, ukuthoba isidima okanye ukukhuthaza ukwenzakaliswa okuqhubekayo kwabantu ngenxa yeempawu ezikhuselweyo, okanye ukubandakanyeka kwimisebenzi echuliweyo yolwaphulomthetho. Inqanaba 1 libandakanya imibutho ekhuthaza intiyo; imibutho yolwaphulomthetho, kuquka leyo igqalwa ngurhulumente waseUnited States njengabaququzeleli abakhethekileyo beziyobisi (iiSDNTK); imibutho yabagrogrisi, kuquka amaziko nabantu abagqalwa ngurhulumente waseUnited States Njengemibutho Yabagrogrisi Yamanye Amazwe (iiFTO) okanye Abagrogrisi Behlabathi Abagqalwa Ngokukhethekileyo (iiSDGT). Siyakususa Ukutyibelwa, Ukuxhaswa, Nokumelwa kwamaziko akwinqanaba 1, iinkokheli, abaseki, okanye amalungu adumileyo awo, kuquka nezinto ezingacacanga ezithethwayo ngawo.
Ukongezelela, asiyivumeli ikhontenti etyibela, exhasa, okanye emela iziganeko uMeta azigqala njengeziganeko zobundlobongela ezophula umthetho - eziquka uhlaselo lwabagrogrisi, iziganeko ezinentiyo, ubundlobongela obunamaxhoba amaninzi okanye ilinge lobundlobongela obunamaxhoba amaninzi, ukubulala ngokuphindaphinda, ulwaphulomthetho olunentiyo. Kwaye asikuvumeli (1) Ukutyibelwa, Ukuxhaswa, okanye Ukumelwa komenzi (kwabenzi) bolo hlaselo; (2) ikhontenti eveliswe ngabahlaseli edibene nolo hlaselo; okanye (3) imifanekiso evela kwabanye abantu ebonisa xa bekusenzeka olo hlaselo kumaxhoba abonakalayo. Siyayisusa nekhontenti Etyibela, Exhasa okanye Emela iingcamango ezikhuthaza intiyo, efana nobunazi nokucinga ukuba abamhlophe luhlanga olubhetele. Siyayisusa into engacacanga ethethwa ngezi ziganeko okanye ngezi ngcamango.
Inqanaba 2 liquka Imibutho Enobundlobongela Engeyokarhulumente eqhuba ubundlobongela nxamnye norhulumente okanye nomkhosi kwimfazwe yezigalo kodwa ingajolisi ngabom kuluntu. Likwaquka Iientity Eziqhwaya Ubundlobongela ezibandakanyeke ekulungiseleleni okanye ekuthetheleleni ubundlobongela bexesha elizayo kodwa zibe zingekabuphumezi ubundlobongela ngelo xesha. Le ikwaziientity enokubandakanyeka ngokuphindaphindiweyo ekwaphuleni iipolisi zethu ezilwa Intetho Enentiyo okanye Imibutho Nabantu Abayingozi kule platfomu okanye ngaphandle kwayo. Siyakususa Ukutyibelwa, Ukuxhaswa okubonakalayo, Nokumelwa kwale mibutho, iinkokeli zayo, namalungu adumileyo ayo.
Siyaqonda ukuba iiuser zingashera ikhontenti equka ukuthetha ngale mibutho nabantu abachongiweyo kwikhontenti yeencoko ngezentlalo nezopolitiko. Ezi ziquka ingxelo yekhontenti, ukuxoxa kungathathwa cala okanye ukugxeka kabukhali imibutho eyingozi nabantu okanye izinto azenzayo.
Iindaba eziquka inkcazelo esherwayo ukwenza abantu bazi ngeziganeko ezenzeka ekuhlaleni nasemhlabeni wonke apho kukho amaqela nabantu abayingozi abachongiweyo.
- Umz. "Iindaba Ezintsha: IAl-Shabab ichaze ukuba yiyo ebangele uhlaselo eSomalia"
- Umz. “Ezisematheni nohlalutyo lwengcali: Indlela olwenzeke ngayo udubulo eBuffalo Supermarket noko kuthethwe ngumhlaseli enkundleni”
Ingxoxo engathathi cala idla ngokuba ngamazwi anezibakala, ukukhomenta, imibuzo, kunye nenye inkcazelo engakhuphi mazwi alincomayo elo qela okanye loo mntu uchongwe njengoyingozi nendlela yakhe yokuziphatha.
- Umz. “IAl Qaeda ayinabungozi bungako xa ithelekiswa neISIS ngenxa yokungabi nabunkokheli nezimali”
- Umz. “UAnders Breivik ngomnye wemizekelo yendlela enokuba nzima ngayo inkqubo yotshintsho olumandla lwezopolitiko”
Ukugxeka kabukhali kuquka ukungayamkeli, ukuyicekisa, ukuyikhaba, ukuyigxeka, ukuhlekisa, kunye namanye amazwi athetha kakubi ngeqela okanye umntu ochongiweyo njengoyingozi nendlela aziphethe ngayo.
- Umz. “Ndidikiwe lulwaphulomthetho lukaSalvador Ramos. Amazwi ejaji angene nzulu kakhulu kum. Kufuneka inkundla ingabi nalusini tu kuye"
- Umz. “Ulwaphulomthetho olwenziwe nguHitler soze lulibaleke noba kutheni. Ezi yayizezona ntsuku zakha zanzima ezimbalini"
Iipolisi zethu ziyilwe ngendlela yokuba zivulele ithuba lokuba neengxoxo ezinje ngoxa kwangaxeshanye kubekwa umda kwimingcipheko yomenzakalo wokoqobo osengakho. Ngoko ke sifuna abantu bayibonise ngokucacileyo injongo yabo xa beyila okanye beshera ikhontenti enjalo. Ukuba iinjongo zeuser zibambe macala okanye azicacanga, siza kuwela kwicala lokuyisusa loo khontenti.
Ngokuvisisana nomthetho wamazwe ngamazwe wamalungelo abantu, iipolisi zethu zivumela iingxoxo eziphathelele amalungelo wabantu okanye amalungu emibutho echongwe njengeyingozi, ngaphandle kokuba ikhontenti iquka ukutyibela, ukuxhasa, okanye ukumelwa kwemibutho echongiweyo okanye okunye ukuvukelwa kwepolisi, njengokuphembelela ubundlobongela.
Nceda ujonge Ipolisi Yamalungelo Abantu Enkampanini ukuze ufumane inkcazelo ephathelele ukuzibophelela kwethu kumalungelo wabantu amkelwe kumazwe ngamazwe.
Siyazisusa:
Sisusa Ukutyibelwa, Ukuxhaswa Nokumelwa ngendlela ebonakalayo kwemibutho nabantu abayingozi abahlukeneyo. Ezi ngcamango zisebenza kwimibutho ngokwayo, izinto ezenzayo, namalungu ayo. Ezi ngcamango aziyaleli ukuthethelelwa ngendlela enoxolo kweziphumo zopolitiko ezithile.
Ukutyibela, kuchazwa ngokuthi yiyo nayiphi kwezi zingezantsi:
- Ukuzenza zibonakale zifanelekile okanye ukuthethelela izenzo ezinobundlobongela okanye ezinentiyo zombutho ochongiweyo ngokwenza ibango elithi ezo zenzo ziyathetheleleka ngokwemigaqo yokuziphatha, ngokwepolitiki, ngokwengqondo okanye enye into zize zibonakale zamkelekile okanye zinezizathu ezivakalayo.
- Umz. "Akukho nto iphosakeleyo eyenziwa nguHitler."
- Ukuchaza okanye ukubhiyozela ubundlobongela okanye ukuthiywa kombutho ochongiweyo njengento ephunyeziweyo okanye efikelelweyo;
- Umzekelo "IHizbul Mujahideen iyayiphumelela imfazwe yokunika iKashmir inkululeko nozimele geqe"
- Amazwi axhasayo okubonisa ukuba ulilungu okanye amazwi abonisa ukuba ubungathanda ukuchazwa njengombutho othile okanye ukuba ngumphembeleli wesiganeko sokuvukela umthetho.
- Umz. "Akwaba bendingajoyina i-ISIS ndize ndibe yinxalenye yeKhilafah"
Siyakususa ukutyibelwa kwemibutho neziganeko zeNqanaba 1 nezeNqanaba 2.
Kwimibutho neziganeko ezichongiweyo zeNqanaba 1, singawasusa namagama angacacanga okanye angenamongo abhekisela kuyo ukuba injongo yeuser ayibekwanga yacaca. Oku kuquka uburhatha obungacacanga, amagama angenangcaciso okanye ancomayo angatyibeli ubundlobongela okanye intiyo yaloo mbutho.
Ukuxhasa, okuchazwa ngokuthi yiyo nayiphi kwezi zingezantsi:
- Inkxaso Ebonakalayo
- Nasiphi isenzo esiphucula imo yemali yaloo mbutho – kuquka ukufaka imali, okanye ukuyikhupha kuloo mbutho;
- Umzekelo, "Nikela ngemali kwiKKK!"
- Nasiphi isenzo esinikela ngoncedo olubonakalayo kulo mbutho okanye kweso siganeko;
- Umzekelo, "Ukuba ufuna ukuthumela iipakeji zokubonisa inkathalo kwiSinaloa Cartel, sebenzisa le dilesi:"
- Ukugaya abantu egameni laloo entity okanye leso siganeko;
- Umzekelo, "Ukuba ufuna ukulwela iCaliphate, ndithumelele iDM"
- Enye Inkxaso
- Ukudlulisa inkcazelo okanye izinto zokusebenza, kuquka unxibelelwano olusemthethweni, egameni laloo entity okanye leso siganeko
- Umzekelo, Ukuwucaphula ngokungqalileyo loo mbutho kungekho magama acacisayo awugxekayo, ukuthetha ngawo ungathathi cala, okanye xa kuyinxalenye yeendaba.
- Ukuhlaba ikhwelo lokuba kwenziwe into egameni laloo entity okanye leso siganeko;
- Umz. Umzekelo, “Qhagamshelana neAtomwaffen Division – (XXX) XXX-XXXX”
Siyazisusa zonke izinto Ezixhasa iNqanaba 1 kunye Nenkxaso Ebonakalayo yeNqanaba 2.
Ukumela, okuchazwa ngokuthi yiyo nayiphi kwezi zingezantsi:
- Ukuthi wena ulilungu laloo entity, okanye uyiloo entity;
- Umzekelo, "Mna ndiligongqongqo leKKK."
- Ukuyila ikhasi, iprofayili, isiganeko, iqela, okanye omnye umbutho kaFacebook laloo mbutho okanye elithi lelaloo mbutho okanye elilawulwa egameni lawo, okanye elileleso siganeko okanye elithi leleso siganeko.
- Umzekelo, Ikhasi elibizwa ngokuthi "Umbutho wamaNazi aseMerika."
Siyakususa Ukumelwa kweMibutho neziganeko ezichongiweyo zeNqanaba 1 no2.
Iintlobo namaNqanaba Emibutho Eyingozi
Inqanaba 1: Ubugrogrisi, intiyo ecetyiweyo, izenzo zolwaphulo mthetho ezinkulu, ilinge lobundlobongela obujoliswe kumaxhoba amaninzi, ubundlobongela obunamaxhoba amaninzi, ukubulala abantu uphindaphinda, neziganeko ezinobundlobongela ezinyhasha imigangatho yethu
Asibavumeli abantu okanye imibutho ebandakanyeke kulwaphulo mthetho olucetyiweyo, kuquka leyo igqalwa ngurhulumente waseUnited States njengabaququzeleli abakhethekileyo beziyobisi (iiSDNTK); intiyo; okanye abagrogrisi, kuquka imibutho egqalwa ngurhulumente waseUnited States njengemibutho yabagrogrisi yamanye amazwe (iiFTO) okanye abaNqolobi Behlabathi Abagqalwa Ngokukhethekileyo (iiSDGTs), ukuba babekho kule platfomu. Asibavumeli nabanye abantu abamela le mibutho. Asizivumeli iinkokeli okanye amalungu aphambili ale mibutho ukuba abekho kule platfomu, iimpawu ezimela yona azinakusetyenziswa kule platfomu, okanye ikhontenti eyincomayo okanye encoma izenzo zayo, kuquka nendlela engacacanga yokuthetha ngayo. Ukongezelela koko, siyakususa nakuphi na ukuxhaswa kwaba bantu nale mibutho.
Asiyivumeli ikhontenti etyibela, exhasa, okanye emela iziganeko uMeta azigqala njengohlaselo lobugrogrisi, iziganeko zentiyo, ubundlobongela obunamaxhoba amaninzi okanye ilinge lobundlobongela obunamaxhoba amaninzi, ukubulala ngokuphindaphinda, ulwaphulo mthetho olunentiyo okanye iziganeko ezinobundlobongela ezivukelayo. Kwaye asiyivumeli ikhontenti (1) etyibela, exhasa, okanye emela abantu abaphembeelela uhlaselo olulolo hlobo; (2) ikhontenti eveliswe ngabahlaseli edibene nolo hlaselo; okanye (3) imifanekiso evela kwabanye abantu ebonisa xa bekusenzeka olo hlaselo kumaxhoba abonakalayo.
Kwakhona asikuvumeli Ukutyibelwa, Ukuxhaswa, okanye Ukumelwa kweembono ezikhethiweyo, kwakunye nokuthetha ngazo ngendlela engacacanga.
Imibutho nabantu abangabagrogrisi, echazwa njengemibutho engeyiyo ekarhulumente ethi:
- Ibandakanyeke, ithethelele, okanye ixhase ngokubonakalayo izenzo zobundlobongela zangabom nezicetyiweyo.
- Ibulale okanye izame ukubulala, ukwenzakalisa okanye ukudala umonakalo ebantwini, okanye kuye nabani na ongathathi nxaxheba emlweni kwimeko yemfazwe, kunye/okanye edala umonakalo omkhulu kwipropati onxulumene nokufa, ukonzakala kakhulu okanye umonakalo omkhulu owenzeka ebantwini
- Ibe nenjongo yokunyanzela, ukoyikisa kunye/okanye ukuphembelela uluntu, urhulumente okanye umbutho wamazwe ngamazwe
- Ukuze ifikelele injongo yepolitiki, yonqulo, okanye yengcamango.
Umbutho wentiyo, ochazwa njengombutho okanye umntu osasaza nokhuthaza ukuthiywa kwabanye abantu ngokusekelwe kwiimpawu zabo ezikhuselweyo. Izinto ezenziwa nguloo mbutho zibonakala ubuncinane ngezinye zezi zenzo zilandelayo:
- Ubundlobongela, izisongelo, okanye iintlobo eziyingozi zokuhlupha ezijoliswe ebantwini ngokusekelwe kwiimpawu zabo ezikhuselweyo;
- Ukusebenzisa ngokuphindaphindiweyo intetho enentiyo;
- Ukumelwa Kweengcamango Zentiyo okanye kweminye Imibutho Yentiyo, kunye/okanye
- Ukunconywa okanye ukuxhaswa ngendlela ebonakalayo kweminye imibutho egqalwa njengeyentiyo okanye iingcamango zentiyo.
Imibutho yolwaphulo mthetho, echazwa njengokuhlanganisana kwabantu abathathu nangaphezulu:
- bemanyaniswa ligama, ibala, isimbo sesandla (izimbo zezandla) okanye iimpawu ezaziwayo ngabantu; kwaye
- beye babandakanyeka okanye basongela ngokubandakanyeka kwizenzo zolwaphulo mthetho ezifana nokubulala, ukuthubelezisa iziyobisi, okanye ukuthimba abantu ngenjongo yokufuna bakhululwe ngentlawulo.
Ubundlobongela obunamaxhoba amaninzi nokubulala ngokuphindaphindayo
- Siye sigqale isiganeko njengobundlobongela obunamaxhoba amaninzi okanye ilinge lobundlobongela obunamaxhoba amaninzi ukuba sibangela ukuba kubekho amaxhoba amathathu okanye ngaphezulu, okuchazwa njengokufa okanye ukonzakala kakhulu. Nabani na oye wenza olo hlaselo ugqalwa njengomenzi okanye obelinga ukwenza ubundlobongela obunamaxhoba amaninzi.
- Sigqala nabani na oye wabulala kabini okanye ngaphezulu kwiziganeko nakwiindawo ezahlukeneyo njengombulali ophindaphindayo.
Iingcamango ezinentiyo
- Ngoxa ukugqala kwethu imibutho nabantu njengabayingozi kujoliswe kwizenzo, siyaqonda nokuba zikho ezinye iiingcamango neenkolelo umthetho wazo ezinxibelelene nobundlobongela nemizamo yokuqokelela abantu kuhlatywe ikhwelo lokwenza ubundlobongela lokubukula abantu ngenxa yeempawu zabo ezikhuselweyo. Kwezi meko, sigqala ingcamango leyo ngokwayo size sisuse ikhontenti exhasa loo ngcamango kwiplatfomu yethu. Ezi ngcamango ziquka:
- UbuNazi
- Into yokuba abamhlophe babhetele kunezinye iintlanga
- Ubuzwe babamhlophe
- Ukwahlulwa Kwabamhlophe
- Siyakususa Ukutyibelwa ngokuphandle, Ukuxhaswa, Nokumelwa kwezi ngcamango, kwaye siyabasusa abantu nemibutho ezayamanisa nenye okanye nezingaphezu kwezi ngcamango zinentiyo.
Imibutho Yenqanaba 2: Imibutho Enobundlobongela Engeyiyo Ekarhulumente kunye Nemibutho Eqhwaya Ubundlobongela
Imibutho nabantu abagqalwa nguMeta njengeMibutho engeyokarhulumente enobundlobongela ayivumelekanga ukuba ibekho kuFacebook, okanye ubukho bayo bugcinwe ngabanye abantu besenjenjalo egameni layo. Ekubeni olu luntu luqhubeka lusenza ubundlobongela, lusilwa norhulumente okanye nomkhosi kungquzulwano olwenziwa kuxhotyiwe (Abenzi Bobundlobongela Abangengabo Abakarhulumente) okanye abalungiselela okanye abamela okanye abadala iimeko zokuba kubekho ubundlobongela kwixesha elizayo (Imibutho Eqhwaya Ubundlobongela), ukuxhaswa kwale mibutho akuvumelekanga. Kwakhona siza kukususa nokutyibelwa kobundlobongela obenziwe yile mibutho.
Imibutho Enobundlobongela Engeyokarhulumente, echazwa njengawo nawuphi umbutho ongengokarhulumente othi:
- Ubandakanyeke kwizenzo ezineenjongo nezicetyiweyo zobundlobongela obuqatseleyo ezijoliswe kurhulumente, kumkhosi okanye kwamanye amaqela axhobileyo athatha inxaxheba ngokungqalileyo kumlo kwimeko yomlo wezigalo, nengahlaseli ngabom nangokuphandla abantu ngobundlobongela obuqatseleyo; KUNYE/OKANYE
- Ubandeze uluntu ekufikeleleni iziseko zeenkonzo ezibalulekileyo okanye ubuncwane bemvelo; KUNYE/OKANYE
- Ebandakanyeka kwizenzo zokuhlasela ezinjongo yazo ikukonakalisa iziseko zeenkonzo onganxulunyaniswa nokufa, ukonzakala kakhulu okanye umonakalo oqatha kubantu.
Umbutho Oqhwaya Udushe uchazwa ngale ndlela ilandelayo:
Ientity Eqhwaya Ubundlobongela (Ngokubanzi) ngumbutho ongengokarhulumente othi:
- Zinenjongo echaziweyo okanye umsebenzi ezijolise kuwo wokuba, kusetyenziswa ubundlobongela, kubonelelwe ngemisebenzi enyanzelisa urhulumente (njengamapolisa, umkhosi, ezokufudukela kwamanye amazwe) kuthathwa indawo okanye kusongezwa kuloo msebenzi karhulumente sele ukho, okanye kuphazanyiswe kusetyenziswa ubundlobongela umsebenzi onyanzelisa urhulumente;
- Zithatha inyathelo elikhulu ukuphumeza le njongo ichaziweyo kwiiplatfomu zikaMeta; kunye
- Ziye zazidibanisa nezenzo ezahlukahlukeneyo zokusongela okanye ukuqhwaya ubundlobongela obunzulu kakhulu (ngaphakathi okanye ngaphandle kwi-intanethi);
Ientity Ethintelwe Ngenxa Yentiyo ngumntu okanye liqela elingelolikarhulumente eliye:
- Obandakanyeke ngokuphindaphindiweyo kwizenzo nakwiintetho ezinentiyo, kodwa zingade zinyukele kumgangatho wombutho okwiNqanaba 1 ngenxa yokuba zingabandakanyekanga okanye zingabuthethelelanga ngokuphandle ubundlobongela, okanye kuba zingenanxibelelwano lwaneleyo nemibutho okanye nabantu abebekade begqalwa njengabakolu luhlu.
Kule Migangatho Yoluntu ilandelayo, sidinga inkcazelo eyongezelelekileyo kunye/okanye ingcombolo ethile ukuze sikwazi ukunyanzelisa ipolisi ethi:
- Kwiimeko ezithile, siza kuyivumela ikhontenti ngokuqhelekileyo ebiya kuyinyhasha imigangatho yoluntu xa kuye kwacaca ukuba ikhontenti yayo yenzelwe ukuqhula. Ikhontenti iya kuvunyelwa kuphela ukuba izinto ezinyhashayo kuyo ziyaqhula okanye zayanyaniswa nento okanye nomnye umntu ukuze kuhlekiswe ngaye okanye agxekwe.
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Inkcazelo
Jonga Ingxelo Yonyanzeliso LweMigangatho Yoluntu yakutshanje
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo ngabantu nemibutho eyingozi
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu