Ukuququzelela Ukonzakalisa Nokupromowutha Ukwaphulwa Komthetho

Iinkcukacha zepolisi

TSHINTSHA ILOGU
Izizathu Zepolisi
Ngelinge lokuthintela nokuphazamisa umenzakalo osengenzeka ngokoqobo nokulinganiswa kwento embi, asivumi ukuba abantu baququzelele, balungiselele, bakhuthaze okanye bavume izenzo ezithile zolwaphulomthetho okanye ezenzakalisayo ezijoliswe ebantwini abathile, amashishini, ipropati okanye izilwanyana. Siyabavumela abantu babe nengxoxo mpikiswano ngokuphathelele ukuba semthethweni kolwaphulomthetho oluthile nezenzo eziyingozi, kwakunye nokuqwalasela izenzo eziyingozi nezolwaphulomthetho abasenokuba baye bazibona okanye zenzeka kubo lo gama nje bengakhuthazi okanye beceba ngokuchuliweyo ukwenzakalisa.
Siyakususa:
Ukonzakalisa abantu
  • Ikhontenti ediza ukuba ngubani okanye uhlala phi umntu otyholwa:
    • Ngokuba lilungu leqela elisemngciphekweni wokudizwa; kunye/okanye
    • Ukushera ukuzalana kunye/okanye ukuthandana nomntu olilungu leqela elisemngciphekweni wokudizwa; kunye/okanye
    • Ngokwenza imisebenzi eprofeshinali exhasa iqela elisemngciphekweni wokudizwa (ngaphandle kwabezopolitiko)
  • Ngokudiza umsebenzi oyintlola kwezonyanzeliso lomthetho, umkhosi, okanye ezokhuselo xa ikhontenti negama lelo gosa, ubuso balo okanye ibheji kunye nayo nayiphi na kwezi zilandelayo:
    • Umbutho wearhente yabo nabaphi na abezonyanzeliso lomthetho
    • Umsebenzi wearhente yabo nabaphi na abezonyanzeliso lomthetho
    • Ukuchazwa ngokuphandle kwemeko yabo yomsebenzi owenziwa emfihlekweni
  • Ukuququzelela, ukusongela, ukuxhasa, okanye ukuvuma ukufowunela abezongxamiseko ubabhanxa ngaphandle kwaxa kulunyukiswa abantu okanye igxekwa loo nto, isteyijiwe okanye umntu ezihlamba etyaleni.
  • Ukubonisa, ukupromowutha, ukumela okanye ukukhuthaza inxaxheba kwitshalenji engundaba mlonyeni ebeka umntu emngciphekweni ophezulu ngaphandle kwaxa kusenzelwa ukulumkisa okanye ukugxeka. Apho kuboniswa imifanekiso kwezi meko, siye siquke ileyibhuli ukwenzela abantu bazi ukuba le khontenti isenokuba nochuku.
Ukonzakalisa izilwanyana
  • Ukuququzelela, ukusongela, ukuxhasa okanye ukuvuma izenzo zokonzakalisa izilwanyana emzimbeni (ngokubhala, ngemifanekiso okanye ngokuthetha) ngaphandle kwakwimeko apho:
    • Kusaziswa abantu okanye kugxekwa
    • Umntu ezihlamba etyaleni
    • Ukusindisa okanye ukukhusela isiqu sakho, omnye umntu okanye esinye isilwanyana
    • Kwiimeko zasentsomini ezisteyijiweyo NGAPHANDLE kwaxa kuboniswa imilo yezilwanyana esteyijiweyo okanye xa kusenziwa ngathi kusindiswa izilwanyana
    • Kuzingelwa okanye kulotywa iintlanzi
    • Kusenziwa idini lonqulo
    • Kulungiswa okanye kuproseswa ukutya
    • Izinambuzane okanye izityalo ezimosha izityalo
    • Ukuzibulala xa zisentlungwini kwaye zingenakuncedakala
    • Ukuthelekisa iinkunzi zeenkomo
  • Ukuququzelela, ukusongela, ukuxhasa, ukubonisa okanye ukuvuma ukusteyija imilo yezilwanyana okanye ukubonisa ividiyo yemifanekiso yokuhlangulwa kwezilwanyana kobuxoki ngaphandlle kwaxa kulunyukiswa abantu okanye kugxekwa okanye kuhlanjwa izono.
Ukonakalisa ipropati
  • Ukuququzelela, ukusongela, ukuxhasa okanye ukuvuma ukuba wenze izenzo zokonakalisa impahla, ubusela okanye ukuhekha okuyingozi (ngokubhala, imifanekiso okanye ukuthetha), ngaphandle kwakwimeko apho
    • Kulunyukiswa abantu okanye kugxekwa,
    • Umntu ezihlamba etyaleni,
    • Iyimeko yasentsomini okanye esteyijiweyo,
    • Ukuvuma kwimeko yokuzikhusela, okanye yokukhusela omnye umntu
    • ukubonisa ukonakaliswa kwempahla kwimeko yoqhankqalazo,
    • ukubonisa igraffiti, okanye
    • Ukuthetha kakuhle ngokonakaliswa kwezinto nobusela obenziwe ngabanye
Ubuqhinga obudibene nonyulo kunye/okanye nokubalwa kwabantu
  • Iiofa zokuthenga okanye ukuthengisa iivoti ngemali, izipho, iinkonzo okanye ezinye iimpahla eziphathekayo, ngaphandle kwaxa zigxekwa, ukwaziswa kwabantu, iingxelo zeendaba, okanye ukuhlekisa okanye umongo wokuphoxisa.
  • Ukukhuthaza, ukunikela imiyalelo, okanye ukubonisa injongo ecace phandle yokuthatha inxaxheba ngokungekho mthethweni ekuvoteni (ngokomzekelo, ukuvota kabini okanye ukwenza ubuqhinga uzenze ufanelekele ukuvota) okanye kwinkqubo yobalo bantu (ngokomzekelo, ukunikeza ingxelo yobuxoki ngemvelaphi yobuntu bakho okanye inani labantu abakwakho), ngaphandle kokuba oko kusherwa kuba kugxekwa, kuncedwa abantu bazi ngako, kwingxelo kwiindaba, okanye kuhlekiswa okanye kuphoxiswa ngako.
Kule khontenti ilandelayo, siquka ileyibhuli ukuze abantu bazi ukuba loo khontenti kusengenzeka ibe nochuku:
  • Imifanekiso ebonisa itshalenji eyingozi engundaba mlonyeni ukuba isherwa namagama acacisayo ayigxekayo okanye yazisa abantu ngemingcipheko edibene nayo.
Kule khontenti ilandelayo, sivumela abantu abadala kuphela ukuba bayibone, abaneminyaka eli18 ubudala nangaphezulu:
  • Imifanekiso ebonisa iintlobo eziyingozi zokuqhuba imoto ezinokukhokelela kumenzakalo osongela ubomi okanye ukufa komqhubi okanye abanye, ngaphandle kwaxa oko kusherwa kwiimeko zento engeyonyani okanye kwizinga lezobungcali.
Kule Migangatho Yoluntu ilandelayo, sidinga inkcazelo eyongezelelekileyo kunye/okanye ingcombolo ethile ukuze sikwazi ukunyanzelisa ipolisi ethi:
Siyazisusa:
  • Ukudizwa kweemfihlo: ukudiza iinkcukacha zomntu nokumbeka engozini yokonzakala:
    • Amalungu eLGBTQIA+
    • Amabhinqa angazigqumanga ubuso
    • Abantu abangekafunyaniswa benetyala lokuba zizaphuli mthetho ezidibene nesondo xa amapolisa eqhuba Iphulo Lokubambisa izaphuli mthetho zesondo
    • Abantu ababandakanyeke kumatyala ezomthetho, xa kungavumelekanga ukuba kwaziwe ukubandakanyeka kwabo kuwonkewonke
    • Amangqina, iintlola, abazabalazi, abantu abavalelwe entolongweni okanye abathinjwa
    • Abanxaxhi, xa bexelwe liziko elithembekileyo likarhulumente
    • Amabanjwa emfazwe, kwimeko yemfazwe yezigalo
  • Imifanekiso ekungenzeka iqhathe uwonkewonke malunga nemvelaphi yayo ukuba:
    • Umbutho obonisiweyo okanye ummeli wayo ogunyazisiweyo uyayikhaba loo mifanekiso, kwaye
    • Loo mifanekiso kungenzeka idale umonakalo kuwonkewonke.
  • Amazwi abonisa ukuzimisela, ukuhlatywa kwekhwelo, okanye ukukhuthaza ukuba:
    • Kubhlokwe indlela yokufikelela kwiinkonzo ezingundoqo xa kukho isiqinisekiso okanye isiqinisekiso esifumanekayo kuwonkewonke sokuba izithuthi zemo yongxamiseko zibhlokiwe, OKANYE
    • Kujoliswe kumntu othile okanye kwiqela labantu ngokubhloka indlela yokufikelela kwiinkonzo ezibalulekileyo okanye indlela yokungena engavalwanga nto leyo enokubeka engozini ukhuseleko lwabo
  • Ukuphazamisana nonyulo okanye ukubalwa kwabantu, kuquka:
    • Ukuhlatywa kwekhwelo lokwenziwa kweenzame eziza kuphazamisa ukukwazi komntu ukuthatha inxaxheba kunyulo olusemthethweni okanye ekubalweni kwabantu.
    • Amabango okuba ukuvota nokubalwa kwabantu kungenzeka kuphumele ekubeni bathathelwe amanyathelo ngabanyanzelisi bomthetho (umzekelo, babanjwe, babuyiselwe kwilizwe labo okanye bavalelwe entolongweni).
    • Izisongelo zokuya kwisiza ekuvotelwa kuso ukuya kubeka iliso okanye ukubukela abavoti okanye izinto ezenziwa ngamagosa onyulo xa kwezo zisongelo kukho namazwi athi (umz., "Masibabonise ukuba ngubani ophetheyo,", "Bafuna imfazwe? Baza kuyifumana imfazwe.”).
    • Izisongelo zokuya kwindawo yezinto eziza kwenziwa emva konyulo xa zihambisana nezoyikiso (umz., "Masibabonise ukuba ngubani ophetheyo!", "Bafuna imfazwe? Baza kuyifumana imfazwe.”).
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo ngokuceba ngokuchuliweyo ukonzakalisa nokukhuthaza ukwaphulwa komthetho
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu