Ukuxhaphaza Abantwana Ngokwesondo, Ukuphatha Kakubi Nobuze

Iinkcukacha zepolisi

TSHINTSHA ILOGU
Izizathu Zepolisi
Asiyivumeli ikhontenti okanye izinto ezenziwayo ezixhaphaza okanye ezibeka abantwana engozini ngokwesondo. Xa siye seva ngokuxhatshazwa kwabantwana, siye sikuxele oko kwiNational Center for Missing and Exploited Children (NCMEC), ngokuthobela umthetho osebenzayo. Siyazi ngamanye amaxesha ukuba abantu baye bathumele imifanekiso yabantwana babo abahamba ze ngeenjongo ezintle; kodwa ke, ngokuqhelekileyo siye siyisuse le mifanekiso ngenxa yokuba isengasethubeni lokusetyenziswa kakubi ngabanye abantu kwaye xa senza oko sinceda kuphetshwe ithuba lokuba abanye abantu bayisebenzise kwakhona okanye bayisebenzise ngendlela egwenxa loo mifanekiso.
Sikwasebenza neengcali zangaphandle, kuquka iBhodi KaFacebook Ecebisa Ngokhuseleko, sixoxe size siphucule iipolisi zethu nonyanzliso lomthetho kwimiba engqonge ukhuseleko kwi-intanethi, ingakumbi ngokuphthelele abantwana. Funda okungakumbi ngeteknoloji esiyisebenzisayo ukulwa nokuxhatshazwa kwabantwana.
Musa ukupowusta:
Ukuxhatshazwa kwabantwana ngokwesondo
Ikhontenti, izenzo, okanye iinkqubano ezisongela, ezibonisa, ezincoma, ezixhasa, ezinikela ngemiyalelo, ezivakalisa injongo, ezabantu abavumayo ukuba banenxaxheba, okanye ukushera iilinki zokuxhatshazwa kwabantwana ngokwesondo (kuquka abantwana abasephantsi kwabazali, abantwana abancinci okanye iintsana okanye ukuboniswa kwako kungeyonto eyenzeke ngokwenene kodwa iyimifanekiso yabantu, njengakwimizobo, ikhontenti eveliswa yi-AI, abantu basentsomini, oonodoli, njalo njalo) Oku kuquka ezi zinto zilandelayo, kodwa akupheleli kuzo:
  • Ukwenza isondo nomnye umntu
    • Ukwenza isondo ngokuphandle okanye isondo elenziwa ngomlomo, okuchazwa ngokuthi kukuchukumisa okanye kukungena komlomo okanye kwamalungu angasese kumalungu angasese okanye kwiimpundu zomnye umntu, xa ubuncinane ilungu langasese lomnye libonakala.
    • Ukukwekwa into edibene nokulalana okanye nesondo elenziwa emlonyeni, kuquka naxa kusondele okanye kungabonakali ngokungqalileyo.
    • Ukuvuselela amalungu angasese okanye umva, kuquka xa ezo zenzo zisondele okanye zingabonakali ngokungqalileyo.
    • Nayiphi na kwezi zinto zingasentla ebandakanya izilwanyana.
  • Abantwana abakunye nezinto ezidibene nesondo, eziquka ezi zilandelayo, kodwa zingaphelelanga kuzo:
    • Izinto zokubophelela
    • Iimpawu zokuvuseleleka ngokwesondo
    • Ukujolisa kumalungu angasese okanye ezimpundu
    • Ubukho bomntu omdala ovuselelweyo ngokwesondo
    • Ubukho beethoyi zesondo okanye ukusetyenziswa kwayo nantoni na ukuze kuvuselelwe, kwaneliswe, okanye kuxhatshazwe ngokwesondo
    • Isinxibo esenziwe sadibana nesondo
    • Ukukhulula impahla
    • Imeko esteyijiweyo (ngokomzekelo, ebhedini) okanye efotwe ngabantu abaprofeshinali (ikhwalithi/ukujolisa/iiengile).
    • Ukuphuzana kuvulwa umlomo.
    • Ukuvuselela iingono zomntu okanye ukucofa amabele owasetyhini (NGAPHANDLE kwakwimeko yokuncancisa)
    • Ubukho bezinto eziveliswe kukwenza izenzo zesondo
  • Ikhontenti ebandakanya abantwana abakwimeko yesondo.
  • Ikhontenti exhasa, ekhuthaza, emela okanye intyontyele ukuthatha inxaxheba ekwenzeni izenzo zesondo ebantwaneni ngaphandle kwaxa ishukuxwa kungathathwa cala kwimeko yezempilo
  • Ikhontenti echaza okanye ehlekisa ngabantu ekutyholwa ukuba bangamaxhoba okuxhatshazwa kwabantwana ngokwesondo ngamagama okanye ngemifanekiso.
Ukumetshisa
Ikhontenti ecela ikhontenti yesondo okanye izenzo zesondo ezibonisa okanye ezibandakanya abantwana, ichazwa ngokuthi:
  • Imathiriyeli yokuxhatshazwa kwabantwana ngokwesondo (CSAM)
  • Imifanekiso yabantwana bokwenene okanye abangengabo abokwenene beze
  • Imifanekso ebalaselisa isondo yabantwana bokwenene okanye abangengabo abokwenene
Iinkqubano ezingafanelekanga nabantwana
Ikhontenti ebumba okanye eququzelela iinkqubano ezingafanelekanga nabantwana, ezifana nezi:
  • Ukucela, ukulungiselela okanye ukuceba izenzo zesondo nabantwana
  • Ukurhwebesha abantwana ukuba babandakanyeke kwizenzo zesondo ngeencoko ezigudle isondo okanye ngokuofarisha, ukubonisa, ukufumana okanye ukucela imathiriyali yesondo ebantwaneni, ngokubachanaba ngabom okanye ngemiyalezo yabucala
  • Ukubandakanyeka kwiincoko ezigudle isondo kwimiyalezo yabucala nabantwana
  • Ukufumana okanye ukucela izinto ezinesondo ebantwaneni ngemiyalezo yabucala
Ukusebenzisa imifanekiso eyimfihlo yomntu ukuze umlawule nokufuna imali okanye ukulala nomntu umoyikisa ngokudiza izenzo zakhe zesondo
Ikhontenti ezama ukuxhaphaza abantwana bokwenene ngokuthi:
  • Ifune imali ngesinyanzelo, ukwenzelwa into okanye imifanekiso yokusondelelana ngokwesondo kukho isisongelo sokudiza imifanekiso yokwenene okanye engeyiyo eyokwenene yokusondelelana ngokwesondo okanye
  • Ishere, isongele okanye ivakalise injongo yokushera iincoko zabucala ezidibene nesondo okanye imifanekiso yesondo eyimfihlo yokwenene okanye engeyiyo eyokwenene
Ukwenziwa kwabantwana babe zizinto zesondo
  • Ikhontenti (equka iifoto, iividiyo, imizobo yokoqobo, ikhontenti yedijithali, nezinto ezithethwayo) ezenza abantwana bokoqobo okanye abangengabo abokoqobo babe zizinto zesondo.
  • Amaqela, amakhasi neeprofayili ezizinikele ekwenzeni abantwana bokoqobo nabangengabo abokoqobo babe zizinto zesondo
Ubuze bomntwana
Ikhontenti ebonisa abantwana bokoqobo nabangengabo abokoqobo beze apho ubuze buchazwa ngokuthi:
  • Kukufotela kufutshane amalungu angasese abantwana bokoqobo nabangengabo abokoqobo
  • Ubuze kubantwana abancinci bokoqobo nabangengabo abokoqobo, obubonisa:
    • Amalungu angasese abonakalayo, kwanaxa eye agqunywa okanye asithwa ngempahla ebonisa ubuze
    • IImpundu ngaphakathi ezibonakalayo kunye/okanye nokufotwa ngokusondeleyo kweempundu ezize.
  • Abantwana abasephantsi kwabazali bokoqobo nabangengabo abokoqobo, bebonisa:
    • Amalungu angasese abonakalayo (kuquka amalungu angasese asithwe zizinza okanye yimpahla ebonisa ubuze kuphela)
    • IImpundu ngaphakathi ezibonakalayo kunye/okanye nokufotwa ngokusondeleyo kweempundu ezize.
    • Iingono zebhinqa ezingagqunywanga
    • Ukunganxibi nto ukusuka entanyeni ukuya kutsho emadolweni - kwanokuba akukho malungu angasese okanye zingono zebhinqa ezibonakalayo
  • Ngaphandle kokuba imifanekiso engeyoyokoqobo yenzelwe iinjongo zempilo okanye ibonisa ubuze bomntwana kumzobo wokoqobo ongadibananga nesondo
Ukuxhatshazwa kwabantwana okungadibenanga nesondo
Iividiyo okanye iifoto ezibonisa ukuxhatshazwa komntwana wokoqobo okanye ongenguye owokoqobo kungakhathaliseki ukuba yintoni injongo yokuyishera, ngaphandle kokuba loo mifanekiso yeyemizobo yokoqobo, oopopayi, iimuvi okanye imidlalo yevidiyo
Ikhontenti encoma, exhasa, ekhuthaza, emela, enikela ngemiyalelo okanye entyontyela ukuthatha inxaxheba ekuxhaphazeni abantwana okungadibenanga nesondo
Ukongezelela ekususeni iiakhawunti ezinyhasha iipolisi zethu ezimalunga nokuXhatshazwa Kwabantwana, Ukubaphatha Kakubi Nobuze [Child Sexual Exploitation, Abuse and Nudity (CSEAN)], abahloli bethu neenkqubo zethu zekhompyutha ziqwalasela iimpawu eziphangaleleyo ukuze kuthintelwe iinkqubano ezingafunwayo okanye ezingakhuselekanga.
  • Sisengayekisa iakhawunti ukusebenza okanye sibeke izithintelo ekufikeleleni kwiimveliso neefitsha (umz. ukukwazi ukulandla iiakhawunti ezithile) ukwenzela abantu abadala ngokusekelwe kwindlela oqhubana ngayo nekhontenti enyhashayo (umz. ukuthanda okanye ukuseyiva), okanye ubulungu kuluntu (umz. Amaqela) esiye sayisusa ngenxa yokuba inyhasha iipolisi zethu.
Kule khontenti ilandelayo, siquka iskrini esilumkisayo ukuze abantu bazi ukuba loo khontenti kungenzeka ibaphazamise size siyenze loo khontenti ibukelwe ngabantu abadala abaneminyaka elishumi elinesibhozo nangaphezulu kuphela:
  • Iividiyo okanye iifoto ezibonisa amapolisa okanye amajoni exhaphaza umntwana ngendlela engadibenanga nesondo
  • Iividiyo okanye iifoto zokuxhatshazwa kwabantwana okungadibenanga nesondo, xa abasemagunyeni abanyanzelisa umthetho, iiarhente ezikhusela abantwana, okanye amahlakani oshishino esiwathembileyo becela ukuba siyishiye le khontenti kule platfomu ngenjongo abayicacisileyo yokubuyisa umntwana kwindawo ekhuselekileyo
Kule khontenti ilandelayo, siquka iskrini esibonisa ukuba nochuku ukuze abantu bazi ukuba loo khontenti ingabakhathaza abanye abantu:
  • Iividiyo okanye iifoto zokutshoniswa komntwana phantsi kwamanzi ngobundlobongela kwimeko yezithethe zonqulo
Kule Migangatho Yoluntu ilandelayo, sidinga inkcazelo eyongezelelekileyo kunye/okanye ingcombolo ethile ukuze sikwazi ukunyanzelisa ipolisi ethi:
Kule khontenti ilandelayo, siquka ileyibhuli elumkisayo ukuze abantu bazi ukuba le khontenti kungenzeka ibe nochuku:
  • Imifanekiso epowustwe ziiarhente zeendaba ebonisa umntwana eze kwimeko yendlala, ukubulawa kwabantu bohlanga oluthile, kwizenzo zolwaphulo mthetho ezidibene nemfazwe, okanye kwizenzo zolwaphulo mthetho ezinxamnye noluntu, ngaphandle kokuba ikhatshwa ngamagama abhaliweyo anyhasha imigangatho yethu okanye isherwe kwimeko enyhasha imigangatho yethu, ibe xa kunjalo loo khontenti iyasuswa
Singayisusa imifanekiso ebonisa okwenzeke emva kokuxhatshazwa komntwana okungadibenanga nesondo xa ivela kumahlakani ethu amajelo eendaba, iiNGO okanye amanye amahlakani ethu okhuseleko esiwathembileyo.
Singayisusa ikhontenti echaza abo kuthiwa ngamaxhoba okuxhatshazwa ngokwesondo besengabantwana ngeendlela ezizezinye ngaphandle kokubachaza ngegama okanye ngomfanekiso ukuba loo khontenti iquka inkcazelo ekungenzeka ikhokelele ekubeni aziwe loo mntu.
Singayisusa ikhontenti eyilelwe injongo yokuchaza umntwana osephantsi kwabazali ukuba kukho umngcipheko kukhuseleko lwaloo mntwana usephantsi kwabazali, xa sicelwe ngaBanyanzelisi Bomthetho, uRhulumente, Ishishini Esilithembileyo Esinobudlelwane Nalo, okanye loo khontenti ixelwe nguloo mntwana okanye ngumzali/ngumgcini walo mntwana osemthethweni
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Inkcazelo
Jonga Ingxelo Yonyanzeliso LweMigangatho Yoluntu yakutshanje
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo ngokuxhaphaza umntwana ngokwesondo, ukuphatha kakubi nobuze
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu