Ukubhulisha Nokuhlupha
Iinkcukacha zepolisi
TSHINTSHA ILOGU
Namhlanje
22 Januwari 2025
2 Julayi 2024
13 Disemba 2023
28 Septemba 2023
29 Juni 2023
30 uMatshi 2023
26 Januwari 2023
29 Septemba 2022
23 Disemba 2021
13 Oktobha 2021
26 Agasti 2021
4 Meyi 2021
2 uApr 2021
28 Januwari 2021
18 Novemba 2020
30 Julayi 2020
28 Meyi 2020
27 Februwari 2020
30 Januwari 2020
16 Disemba 2019
29 Septemba 2019
30 Julayi 2019
1 Julayi 2019
26 uApr 2019
Izizathu Zepolisi
Ukubhulisha nokuhlupha kuyaqhubeka kwiindawo ezininzi kwaye kuza ngendlela ngendlela ezingaqala njengezoyikiso kunye nokukhutshwa kwenkcazelo enokuchaza umntu siqu ziye kutsho ekuthumeleni imiyalezo ezizoyikiso nokumphatha ngendlela eyingozi angayifuniyo. Asiyinyamezeli le ndlela yokuziphatha ngenxa yokuba ithintela abantu ukuba bazive bekhuselekile kwaye behlonelwa kuFacebook, uInstagram, noThreads.
Siye sahlule phakathi kwabantu abadumileyo nabantu abangadumanga ngenxa yokuba sifuna ukuvumela iingxoxo, ezidla ngokuquka ukuncokola kugxekwa abantu abavela ezindabeni okanye abaziwa kakhulu nguwonkewonke. Kubantu abadumileyo, siye sizisuse izinto ezibahlasela ngokunzulu kwakunye nezinto ezihlasela loo mntu udumileyo kwindawo athegwe kuyo kwipowusti okanye kwikhomenti. Umntu odumileyo singamchaza ngokuthi ngamagosa aseburhulumenteni elizwe nakuzwelonke, abagqatswa bezopolitiko bezo zikhundla, abantu abanabalandeli abangaphezu kwemiliyoni okanye abalandeli abakumaziko onxibelelwano nabantu ekuthethwa kakhulu ngabo ezindabeni.
Kubantu abangadumanga, sithi chatha ukubakhusela. Siyayisusa ikhontenti eyenzelwe ukubathoba isidima okanye ukubahlaza, kuquka, ngokomzekelo, amabango aphathelele izenzo zesondo zomntu. Siyaqonda ukuba ukubhulisha nokuhlutshwa kunganefuthe kakhulu kwiimvakalelo zabantwana, kungenxa yoko ke iipolisi zethu zibakhusela kakhulu gqitha nabaphi na abo bangaphantsi kweminyaka eli18, kungakhathaliseki ukuba bakwesiphi isigxina eluntwini.
Ubalulekile umongo nenjongo yento, kwaye sivumela abantu bapowuste baze bashere xa kucace gca ukuba loo nto ibisherwa ngenjongo yokuba kugxekwe okanye kutsalelwe ingqalelo yabantu ekubhulisheni nasekuhlupheni abantu. Kwezinye iimeko, siye sifune ukuba umntu axele ngokwakhe ngenxa yokuba oku kusinceda siqonde ukuba umntu olixhoba uziva ebhulishwa okanye ehlutshwa. Ukongeza ekuxeleni loo ndlela yokuziphatha nekhontenti, sikhuthaza abantu ukuba basebenziseizixhobo ezifumaneka kwiiplatfomu zethu ukuze bakhuselwe kule nto.
Kwakhona sinayo Indawo Yokuthintela Ukubhulisha, nto leyo eluncedo kwabakwishumi elivisayo kubazali, nabahlohli abafuna ukuncedwa kwimiba ehambisana nokubhulishwa nezinye iingxabano. Kuyo kukho izikhokelo ezinamanyathelo, kuquka inkcazelo yendlela yokuqalisa iincoko ezibalulekileyo ngokuphathelele ukubhulisha. Funda okungambi ngoko sikwenzayo ukukhusela abantu ekubhulishweni nasekuvunyelelweniapha.
Phawula: Le polisi ayisebenzi kubantu abayinxalenye yemibutho ethile echongiweyo ephantsi kwepolisi yeMibutho Nabantu Abayingozi okanye abantu abaye basweleka ngaphambi konyaka we1900.
Inqanaba 1: Ukhuseleko olunikwa umntu wonke:
- Wonke umntu uyakhuselwa:
- Ekubeni kuqhagamshelwane naye xa loo nto:
- Iphindaphindwa, OKANYE
- Ehlutshwa ngumntu ofuna ukwabelana ngesondo naye, OKANYE
- Ijoliswe kubantu abaninzi kakhulu abangayicelanga loo nto.
- Ecela umntu, okanye iqela labantu, lizonzakalise okanye lizibulale.
- Kuhlaselo kuba nje bekhe baphathaphathwa ngendlela edibene nesondo ngaphandle kwemvume, baxhatshazwa ngokwesondo, bahlutshwa ngumntu efuna isondo, okanye baxhatshazwa ekhaya.
- Kumazwi avakalisa injongo yokwenza izenzo zesondo okanye akhuthaza ukwenza izenzo zesondo.
- Iikhomenti ezimasikizi ezidibene nesondo.
- Ukutshintshwa kweefoto okanye imizobo yenziwe eyesondo ngendlela enyelisayo
- Ukuhlaselwa kusetyenziswa amagama anyelisayo adibene nezenzo zesondo (ngokomzekelo: ihule, isifebe).
- Ukuthi intlekele enobundlobongela ayenzekanga.
- Ukuthi abantu bayaxoka xa besithi bangamaxhoba entlekele enobundlobongela okanye ohlaselo lwabagrogrisi, kuquka ukuthi abo bantu:
- Benza okanye bazenza ngathi bangamaxhoba esiganeko esithile, okanye
- Bayabhatalwa okanye baqeshiwe ukuze balahlekise abantu ngendima yabo kweso siganeko.
- Izisongelo zokubhenca inombolo yefowuni yabucala, idilesi yendawo yokuhlala, idilesi yeimeyili okanye iingxelo zonyango (njengoko zichazwe kwiPolisi Yokunyhashwa Kobumfihlo).
- Ukuhlaba ikhwelo, okanye ukuvakalisa injongo yokubandakanyeka ekubhulisheni kunye/okanye ekuhlupheni umntu.
- Ikhontenti ethoba isidima okanye ethi bayonyanyeka abantu ababonisiweyo kanye xa besexesheni, bechama, behlanza okanye bezithuma, kamsinya emva koko
- Wonke umntu ukhuselwe kwezi zinto zilandelayo, ngaphandle kwabantu abadala abadumileyo, abachanatywa kuyo ngenjongo:
- Ukuhlatywa kwekhwelo lokufa okanye amazwi akhuthaza ukosulelwa okanye ukuba nesifo esithile.
- Ukubhiyozela okanye ukuhlekisa ngokufa okanye ngesigulo.
- Amabango ngezifo ezosulela ngesondo.
- Amazwi ajongela phantsi umntu ngenxa yenkangeleko yakhe.
Inqanaba 2: Ukhuseleko olongezelekileyo lwabo bonke abantwana abasephantsi kwabazali, abantu abadala babucala nabantu abadumileyo bomkhamo osikelweyo (ngokomzekelo, abantu abadume kuphela ngenxa yezinto abazilwelayo, ukucholachola iindaba, okanye abantu abafumana udumo bengakhange balufune):
- Ukongeza kwizinto abakhuselwa kuzo bonke abantu, bonke abantwana abasephantsi kwabazali (abantu babucala nabantu abadumileyo), abantu babucala nabantu abadumileyo bomkhamo osikelweyo bayakhuselwa kwezi zinto:
- Kumabango malunga nezenzo zesondo, ngaphandle kwakwimeko apho kukho izityholo zokwaphula umthetho nxamnye nabantu abadala (ukuphathaphatha okudibene nesondo kungavunyelwananga).
- Ikhontenti eyenza omnye umntu omdala abe yinto yesondo (ukwenziwa kwabantwana babe zizinto zesondo kuthethwa ngako Kwipolisi Yokuxhatshazwa Kwabantwana Ngokwesondo, Impathombi Nobuze).
- Bonke abantwana abasephantsi kwabazali (abantu babucala nabantu abadumileyo), abantu babucala nabantu abadumileyo bomkhamo osikelweyo bayakhuselwa kwezi zinto zilandelayo, ngaphandle kwabantwana abaphantsi kwabazali abadumileyo, abaye bachanatywa ngenjongo:
- Ukuthelekiswa ngendlela ethoba isidima (ngokubhala okanye ngokubonisa) ngezi zinto okanye okumalunga nezi zinto:
- Izilwanyana nezinambuzane, kuquka izidalwa ezingengobantu, ezigqalwa luluntu njengeziphantsi kunabantu.
- Ibhaktheriya, iintsholongwane, iimayikhrowubhu, nezifo.
- Izinto ezingaphiiyo, kuquka inkunkuma, ubumdaka, ilindle.
- Ikhontenti etshintshiweyo ukuze kubalaseliswe, kwenziwe isazinge, okanye kutsalelwe ingqalelo kuphawu oluthile olusemzimbeni (impumlo, indlebe, njalo njalo).
- Ikhontenti emthelekisa nabanye abantu ngokusekelwe kwinkangeleko okanye ubuntu bakhe.
- Ikhontenti ethoba isidima sabantu ababoniswe bebhulishwa emizimbeni (ngaphandle kwaxa bezilwela nakwimeko yemidlalo yokulwa).
Inqanaba 3: Ukhuseleko olungakumbi Lwabantwana Abangezondumasi, Abantu Abadala Abangezondumasi, kunye Nabantwana Abazindumasi Kodwa Bona Bengafuni:
- Ukongezelela kulo lonke ukhuseleko oludweliswe ngasentla, bonke abantwana babucala abasephantsi kwabazali, abantu abadala babucala (abamele bazixele), nabantwana abadumileyo abasephantsi kwabazali abangazikhethelanga udumo:
- Ukuthuka okujolisiweyo.
- Amabango okuba bathandana nomntu othile, bathanda abantu bobuni obuthile okanye banabuphi ubuni.
- Ukuhlatywa kwekhwelo, ukuvakaliswa kwenjongo, ukuzimisela okanye amazwi abeka imiqathango, okanye amazwi amela okanye axhasa ukubukulwa.
- Amabango okuba banobuntu obungathandekiyo okanye abanasakhono, ngaphandle kwaxa kukho izityholo zolwaphulo mthetho naxa kuvezwa izimvo nxamnye nabo bantu badala kwimeko yezoshishino.
- Amazwi avakalisa ukudelela, ukonyanya, okanye ikhontenti ephikisayo ukuba ukho umntu othile, ngaphandle kwaxa kukho izityholo zokwaphula umthetho nxamnye nabantu abadala.
- Xa bezixelile, abantwana babucala abaphantsi kwabazali, abantu abadala babucala, nabantwana abadumileyo abangazikhethelanga ukuduma bayakhuselwa kwezi zinto zilandelayo:
- Ukubhulisha umntu ngelizwi.
- Imifanekiso etshintshiweyo engafunwayo.
- Ukufanisa nabanye abantu abadumileyo, abasentsomini okanye ababucala ngenxa yenkangeleko.
- Amabango amalunga nokuba lilungu lonqulo oluthile okanye ukunyelisa
- Ukufanisa nezilwanyana okanye izinambuzane uluntu olungazigqali njengezingenangqondo okanye ezibuthathaka ("ingwe," "ingonyama").
- Iingcaciso zenkangeleko ezingathathi cala okanye ezincomayo.
- Ukuchazwa kobuntu okanye isakhono ngendlela engagxekiyo.
- Ukuhlaselwa ngamagama anyelisayo okudibene nokungenzi izenzo zesondo.
Inqanaba 4: Ukhuseleko olongezelekileyo lwabantwana babucala abasephantsi kwabazali kuphela:
- Abantwana abasephantsi kwabazali ngabona bakhuselwayo phantsi kwepolisi yethu. Ukongezelela kuzo zonke ezi zinto zikhuselwayo zidweliswe ngasentla, abantwana babucala abasephantsi kwabazali bakhuselwa nakwezi zinto:
- Izityholo zokuba benze ulwaphulo mthetho okanye benze into engekho mthethweni.
- Iividiyo zokubhulishwa kwabantwana abasephantsi kwabazali okujoliswe esiqwini, ezisherwa kuyo nayiphi na imeko.
- Amagama akrwada adibene nezithuko ezayame amabhinqa.
Ukubhulisha nokuhlutshwa kusetyenziswa amakhasi, amaqela, iziganeko nemiyalezo
- Ukhuseleko olunikelwa kwiNqanaba 1 ukuya kutsho ku4 nalo luyanyanzeliswa kumakhasi, kumaqela, kwiziganeko nakwimiyalezo.
Kule Migangatho Yoluntu ilandelayo, sidinga inkcazelo eyongezelekileyo kunye/okanye ingcombolo yepolisi emele inyanzeliswe:
Ungazenzi ezi zinto:
- Ukupowusta ikhontenti ejoliswe kubantu babucala usebenzisa Amakhasi, Amaqela Neziganeko ezingafunwayo. Siyayisusa le khontenti xa ixelwa ngulowo kujoliswe kuye okanye ngummeli ogunyazisiweyo wexhoba.
- Ukupowusta ikhontenti ebiya kufuna ukuba lowo kujoliswe kuye ayixele loo khontenti okanye apho ikhontenti ibonisa ukuba loo mntu uyipowustayo ujolise ngqo kuloo mntu (umzekelo: loo mntu kujoliswe kuye uthegiwe kwipowusti okanye kwikhomenti). Siza kuyisusa le khontenti ukuba sifumana isiqinisekiso esivela kulowo kujoliswe kuye okanye kummeli ogunyazisiweyo wexhoba sokuba akayifuni le khontenti.
- Ukupowusta ikhontenti yomntu ohlaba ikhwelo okanye othi unenjongo yokwenza into ebiya kujongwa njengokubhulisha okanye ukuhlupha omnye umntu kwiipolisi zethu. Siza kuyisusa le khontenti xa sifumana isiqinisekiso esivela kulo kujoliswe kuye okanye kummeli ogunyazisiweyo wexhoba sokuba aliyifuni le khontenti.
- Ukupowusta ikhontenti eyenza umntu odumileyo abe yinto yesondo. Siza kuyisusa le khontenti xa sifumana isiqinisekiso esivela kulo kujoliswe kuye okanye kummeli ogunyazisiweyo wexhoba sokuba aliyifuni le khontenti.
- Ukuqhagamshelana nomntu ngendlela emhlupha ngokumfuna isondo lowo iya kuye. Siza kuyisusa nayiphi na ikhontenti esherwa ngendlela engafunwayo xa sifumene isiqinisekiso esivela kulowo iya kuye, okanye ummeli ogunyazisiweyo walowo iya kuye sokuba akayifuni loo ncoko.
- Siyakususa ukuhlutshwa kwabantu abaninzi okujolisiweyo, xa:
- Kujoliswe, ngayo nayiphi indlela, 'kubantu abasemngciphekweni wokwenzakaliswa ngokoqobo', abachazwa ngale ndlela:
- Abalweli bamalungelo abantu
- Abantwana abasephantsi kwabazali
- Amaxhoba eziganeko/eentlekele ezinobundlobongela
- Amalungu amaqela aphikisayo kumazwe anomngcipheko ebudeni bamaxesha onyulo
- Amagosa onyulo
- Abantu abaphikisa urhulumente abaye bahlaselwa ngenxa yokuphikisa kwabo
- Iintlanga neenkonzo eziligcuntswana kwiindawo ekukho iimfazwe kuzo
- Amalungu eqela elisemngciphekweni elichongiweyo nelibonakala lula
- Ukujolisa iintlaselo kuye nabani na usebenzisa iindlela zakho, ezinjengeinbox okanye iiprofayili, xa:
- Ikhontenti inyhasha iipolisi zokubhulisha nokuhlupha abantu babucala okanye,
- Iyikhontenti engaginyekiyo esekelwe kuphawu olukhuselweyo
- Siyaziyekisa ukusebenza iiakhawunti ezihlupha abantu abaninzi njengenxalenye
- Yeenethiwekhi zikarhulumente okanye ezinxulumene norhulumente ezijoliswe kubantu abathile ngayo nayiphi indlela.
- Iinethiwekhi ezilwa naye nabani na zisebenzisa nayiphi indlela xa:
- Ikhontenti inyhasha iipolisi zokubhulisha nokuhlupha abantu babucala okanye,
- Ikhontenti ijoliswe kubo ngokusekelwe kuphawu olukhuselweyo, okanye,
- Ikhontenti okanye izenzo ebeziya kugqalwa njengezingaginyekiyo kwimeko yasekuhlaleni
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Inkcazelo
Jonga Ingxelo Yonyanzeliso LweMigangatho Yoluntu yakutshanje
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo ngokubhulisha nokuhlupha
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu