Ukuthetha Inyani Xa Uchaza Ukuba Ungubani

Iinkcukacha zepolisi

TSHINTSHA ILOGU
Izizathu Zepolisi
Ubunyani ngawe ngoyena ndoqo kuluntu lwethu. Sikholelwa kwelokuba ubunyani ngawe bunceda kubekho uluntu apho abantu bekwazi ukuziphendulela kwabanye, kuMeta, ngeendlela ezinentsingiselo. Sifuna ukuvumela iindlela ngeendlela ezenza ukwazi ukuzichaza ubunguwe kulo lonke uluntu lwethu, ngoxa siyiphepha into yokuba umntu azenze omnye umntu ngobuxoki aze ebe isizisi somnye umntu. Ukuze kuhlale kukho ukhuseleko kwaye wonke umntu ekhululekile apho abantu benokuthembana baze bakhe uluntu, asikuvumeli ukuyilwa kweeakhawunti okanye iiprofayili eziyilelwe okanye ezisetyenziselwa ukuqhatha abanye abantu.
KuFacebook, sifuna abantu bayile iakhawunti enye besebenzisa igama abaziwa ngalo kubomi bemihla ngemihla elimela loo mntu banguye. Siyile Iiprofayili Ezongezelekileyo ukuze sincede abantu baveze iinkalo ngeenkalo ngeziqu zabo, njengezinto abanomdla kuzo okanye amashishini.
Asikuvumeli ukusetyenziswa kweenkonzo zethu ibe siza kubeka isithintelo okanye siziyekise ukusebenza iiakhawunti zikaFacebook noInstagram, kunye noThreads okanye ezinye izinto zikaFacebook (ezinjengamaKhasi, amaqela) ukuba:
  • Zezabantwana abakubudala obungaphantsi kobufunekayo
  • Uzenza omnye umntu okanye iziko xa:
    • Ukusebenzisa umfanekiso (imifanekiso yabo), igama, okanye ukuzifanisa nomntu kuba ufuna ukuqhatha abanye
    • Ukuthetha ngelizwi lomnye umntu okanye iziko apho iuser ingagunyaziswanga ukuba yenze oko (umz. ngokuyila iKhasi okanye Iprofayili)
  • Ukuzibandakanya ekuzenzeni omnye umntu kuba ufuna ukulahlekisa okanye ukuqhatha abanye, ukuphepha abonyanzeliso lomthetho, okanye ukunyhasha Imigangatho Yoluntu. Siye sijonge izinto eziliqela xa sihlola ukulahlekisa abantu ngokuzenza umntu ongenguye, ezinjengezi:
    • Ukuphinda okanye ukutshintsha kakhulu iinkcukacha ezichazayo ukuba ungubani, ezinjengegama okanye ubudala
    • Inkcazelo yeprofayili elahlekisayo, njengeenkcukacha ezimbalwa ngawe nendawo okuyo ngokweprofayili
    • Ukusebenzisa istock imagery
  • Zisebenzisa igama elinyhasha Imigangatho Yoluntu yethu.
KuFacebook, siza kufuna inkcazelo engakumbi ngaphambi kokuthatha inyathelo apho sisenokuqala ngokubeka isithintelo okwexeshana side siyekise ukusebenza iiprofayili okanye iiakhawunti xa wena:
  • Ukunikela ngomhla wokuzalwa wobuxoki
  • Ukusebenzisa igama elingelilo eli waziwa ngalo kubomi bakho bemihla ngemihla
  • Ukuyila iakhawunti enye emela okanye esetyenziswa ngabantu abangaphezu komnye.
  • Ukuyila okanye uhoya iiakhawunti eziliqela zikaFacebook
  • Ukuyila iakhawunti emela into engenguye umntu, njengeshishini, isilwanyana sasekhaya, okanye umntu wasentsomini
  • Ukuhlala uneeproayili ezingenanto ezihleli nje zingenzi nto ixesha elide
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo ngobunyani bokuba ungubani
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu