Ukuxhaphaza Umntu Omdala Ngokwesondo

Iinkcukacha zepolisi

TSHINTSHA ILOGU
Izizathu Zepolisi
Siyakuqonda ukubaluleka kweenkonzo zethu njengendawo apho kuxoxwa izinto kuyo kuqwalaselwe nemiba yobundlobongela nokuxhatshazwa ngokwesondo. Sikholelwa ukuba le yinxalenye ebalulekileyo yokwakha ukuqondana noluntu. Ngelinge lokuzama indawo yokuncokola ngale miba nokukhuthaza indawo ekhuselekileyo, siye sinike ithuba abasinde kwezi zinto ukuba babalise okwenzeke kubo, kodwa ke siyayisusa ikhontenti ebonisa, esongela okanye ekhuthaza ubundlobongela ngokwesondo, ukunyanzelwa ngesondo, okanye ukuxhatshazwa ngokwesondo. Kwakhona siyayisusa ikhontenti ebonisa, ethethelela okanye eququzelela izenzo zesondo nabantu abangavumelananga ukuze kuphetshwe ukuququzelela izenzo zesondo zabantu abangavumelananga. Ukongeza, ukuba siye sazi ngayo nayiphi na ikhontenti esongela okanye ekhuthaza ukudlwengula, sisenokuyiyekisa ukusebenza loo akhawunti iyipowustileyo size sisebenzisane nabanyanzelisi bomthetho, ukongezelela ekuyisuseni loo khontenti.
Ukuze kukhuselwe amaxhoba nabo basinde kule nto, siyayisusa imifanekiso ebonisa ubundlobongela besondo kunye nemifanekiso eyimfihlo esherwe ngaphandle kwemvume yomntu (yabantu) abakulo mfanekiso. Njengokuba kutshiwo kwintshayelelo, sikwasebenza neengcali zokhuseleko zangaphandle ukuze sixoxe size siphucule iipolisi zethu nonyanzeliso lwazo kwimiba ephathelele ukhuseleko lweintanethi, kwaye singayisusa nekhontenti xa sifumana inkcazelo yokuba loo khontenti inxulumene nezenzo eziyingozi. Siye sabhala ngeteknoloji esiyisebenzisayo ukukhusela nxamnye nemifanekiso eyimfihlo ekungavunyelwananga ngayo kunye nophando olusincedayo kumsebenzi wethu. Siye saqokelela izinto eziluncedo ekuxeleni kuMeta izisongelo nemifanekiso yobuze esherwe ngaphandle kwemvume ukuze sisuke kuqala kumanyathelo okuthintela ukusasazwa komfanekiso wobuze womntu kwi-intanethi.
Asiyivumeli:
Ikhontenti ebonisa, emela, okanye ehlekisa ngokuphathaphatha okugudle isondo ngaphandle kokuvumelana, kuquka:
  • Imifanekiso ebonisa ukuphathaphatha umntu ngendlela egudle isondo engavumanga (ngaphandle kobugcisa obubonisa into eyenzeka ngokwenene kodwa obubonisa abantu abangengabo abokwenene, kubhalwe amagama ayigxekayo le nto okanye angathathi cala)
  • Amazwi azama okanye asongela ngokushera, ukuofarisha, okanye ukucela imifanekiso yokuphathaphathwa komntu okugudle isondo engavumanga
  • Ukucaciswa kwesenzo sokuphathaphatha umntu okugudle isondo ngaphandle kwemvume, ngaphandle kokuba kusherwe ngulowo ebephathaphathwa okanye kuxhaswa yena
  • Ukumela into ethile (kuquka amazwi avakalisa umnqweno okanye imiqathango), izisongelo zokwenza into, okanye ukuvuma ukuba uthathe inxaxheba ekuphathaphatheni umntu ngendlela egudle isondo engavumanga
  • Ikhontenti ehlekisa ngabantu abasinde okanye ngengcamango yokuphathaphathwa ngendlela egudle isondo ngaphandle kwemvume
  • Ikhontenti esherwe ngomnye umntu ediza abantu abasinde kuhlaselo oludibene nesondo xa kuxele ixhoba okanye umntu osindileyo
Ikhontenti, isenzo okanye uthethwano oluzama ukuxhaphaza abantu bokwenene ngokuthi:
  • Kunyanzelwe abantu ukuba bakunike imali, bakwenzelelele okanye bakunike imifanekiso eyimfihlo ubasongela ngokudiza imifanekiso eyimfihlo okanye inkcazelo eyimfihlo (isisongelo sokudiza amahlebo esondo)
  • Ukushera, ukusongela, ukuvakalisa injongo yokushera, ukuofarisha okanye ukucela imifanekiso eyimfihlo ngaphandle kwemvume (iNCII) okufikelela zonke ezi nkalo zintathu zilandelayo:
    • Loo mfanekiso awenzelwanga rhwebo kwaye uveliswe kwindawo yabucala.
    • Umntu okuloo mfanekiso akanxibanga nto (phantse akanxibanga nto), wenza isenzo sesondo okanye umi okanye ngendlela egudle isondo (oku kuquka imifanekiso yedijithali eveliswe ngeAI).
    • Ukungabikho kwemvume yokushera loo mfanekiso kuboniswa ngokufikelela nayiphi kwezi mpawu:
      • Imeko yempindezelo (izinto ezifana namazwi abhaliweyo kulo mfanekiso, iikhomenti okanye kumxholo wekhasi).
      • Imithombo ezimeleyo enjengeerekhodi zabanyanzelisi bomthetho, iingxelo zabeendaba (njengokukhutshwa ngepazamo kwemifanekiso eqinisekiswe ngabeendaba) okanye ngabameli balowo usinde kwiNCII
      • Ukuxelwa ngumntu oboniswe kuloo mfanekiso okanye onegama elifana nelomntu oboniswe kuloo mfanekiso.
  • Ukupromowutha, ukoyikisa ngokushera, okanye ukuofarisha ukwenza umfanekiso weNCII okanye wokuphuzana ngeeaplikheyishini okanye ngeenkonzo (eziquka iAI), okanye imiyalelo, kwanaxa yona ingenanto yokwenza nemifanekiso yezorhwebo okanye ingeyoyorhwebo esherwa kule khontenti (ngamanye amaxesha kubhekiselwa kuyo ngokuthi ziiapps "zokuhanjiswa ze" okanye “zokuphuzana ngeAI").
  • Ukushera imifanekiso yomntu engeyoyarhwebo efotwe engazi kujoliswe kumalungu akhe adla ngokwayamaniswa nesondo (njengamabele, amaphambili, iimpundu, okanye amathanga), umntu omi ngendlela egudle isondo, okanye umntu owenza isenzo sesondo, nesherwa ngenjongo yokuhlekisa ngaye, ukumenza ajongwe ngeliso lesondo okanye ukudiza ukuba ngubani okuloo mfanekiso. Le mifanekiso ngokuqhelekileyo yaziwa ngokuthi "ziicreepshot" okanye "iiupskirt".
  • Ukushera, ukusongela ngokushera okanye ukuvakalisa injongo yokushera iincoko zabucala zesondo apho ukungabikho kwemvume yokushera kuboniswa yiyo nayiphi kwezi zinto zilandelayo:
    • Imeko yempindezelo kunye/okanye imeko yokusongela,
    • Imithombo ezimeleyo efana neendaba okanye neerekhodi zabanyazelisi bomthetho, okanye
    • Xa umntu oboniswe kuloo mfanekiso okanye onegama elifana nelomntu oboniswe kuloo mfanekiso exela
Ikhontenti enokwenza nokwabelana ngesondo nesidumbu okanye ukunyanzela umntu ukuba akhulule impahla, kuquka:
  • Imifanekiso ebonisa ukwabelana ngesondo nesidumbu okanye ukunyanzela umntu ukuba akhulule impahla (ngaphandle kobugcisa obubonisa into eyenzeka ngokwenene kodwa obubonisa abantu abangengabo abokwenene, kubhalwe amagama ayigxekayo le nto okanye angathathi cala)
  • Amazwi azama ukushera, ukuofarisha, ukucela, okanye ukusongela ukushera imifanekiso yokwabelana ngesondo nesidumbu okanye ukunyanzela umntu ukuba akhulule impahla
  • Ukusebenzisa amazwi acacisa, amela, avakalisa umnqweno okanye imiqathango, amazwi avakalisa injongo okanye ahlaba ikhwelo lokwenza, avuma ukuthatha inxaxheba, okanye ahlekisa ngabantu abasinde kwisenzo sokwabelana ngesondo nesidumbu okanye abaye banyanzelwa ukuba bakhulule impahla
Kule khontenti ilandelayo, siquka iskrini esibonisa ukuba nochuku ukuze abantu bazi ukuba loo khontenti ingabakhathaza abanye abantu:
Amabali neentetho ezinengcaciso yokuphathaphathwa komntu engafuni (abhaliweyo okanye abaliswa ngomlomo) aquka iinkcukacha ezingaphaya kokuchaza okanye ukukhankanya nje eso senzo ukuba:
  • Sisherwe ngosinde kwesi senzo, okanye
  • Sisherwe ngomnye umntu (ngaphandle kosindileyo) oxhasa osindileyo okanye ogxeka eso senzo okanye owazisa abantu ngokubanzi kuya kugqitywa ngawo ngokwemeko/ngokwamagama abhalwe kuwo.
Kule Migangatho Yoluntu ilandelayo, sidinga inkcazelo eyongezelelekileyo kunye/okanye ingcombolo ethile ukuze sikwazi ukunyanzelisa ipolisi:
Singabeka isithintelo ukuze ibonakale kubantu abaneminyaka engaphezu kweli18 size siquke ileyibhuli elumkisayo kwikhontenti ethile kuquka:
  • Ikhontenti ebonisa ukuphathaphathwa komntu okugudle isondo engavumanga xa:
    • Kusherwa ngenjongo yokwazisa abantu (ngaphandle kokonwabisa okanye ukubaxa izinto).
    • Umntu osinde kwesi senzo engabonakali ukuba ngubani, kwaye
    • Loo khontenti ingabandakanyi ubuze
  • Ikhontenti ebonisa ukuphathaphathwa komntu okukokwenene okugudle isondo ngaphandle kwemvume (iitreyila zeemuvi, njl.) xa isherwa ngabo sinobudlelwane boshishino esibathembayo ukuze kwaziswe abantu kwaye kungabaxwa
We may restrict visibility to people over the age of 18 and include a warning label on certain content depicting non-consensual sexual touching, when it is shared to raise awareness and without entertainment or sensational context, where the victim or survivor is not identifiable and where the content does not involve nudity.
Ukongezelela kwipolisi yethu ethi izinto mazilungiswe ngomlinganiselo ozifaneleyo xa sisusa ikhontenti esongela okanye emela ukudlwengula okanye okunye ukuphathaphathwa okudibene nesondo komntu ongafuniyo, singayenza iyeke ukusebenza iakhawunti epowustileyo.
Kwakhona singanyanzelisa imithetho kwikhontenti esherwe ngumntu wesithathu ediza amaxhoba ohlaselo oludibene nesondo xa kuxele ummeli ogunyazisiweyo okanye Iqabane Elithenjiweyo.
Okubonwa yiuser
Jonga eminye imizekelo ebonisa ukuba lunjani unyazeliso lweepolisi kubantu abakuFacebook, njengokuthi: kuba njani ukuxela into ocinga ukuba ayimele ibe kuFacebook, ukuxelelwa ukuba unyhashe Imigangatho Yoluntu yethu kunye nokubona isikrini esilumkisayo kwikhontenti ethile.
Phawula: Sisoloko siphucula, ngoko into oyibona apha isengaba seyibuphelelwa lixesha xa ithelekiswa nento esiyisebenzisayo ngoku sithethayo.
OKUBONWA YIUSER
Ukuxela
OKUBONWA YIUSER
Unxibelelwano lwasemva kokuba kuxeliwe
AMAVA EUSER
Amava okukhutshwa
AMAVA EUSER
Izikrini ezilumkisayo
Unyazeliso lweepolisi
Sineepolisi ezifanayo ehlabathini lonke, ukwenzela wonke ubani okuFacebook.
Amaqela ohlolo
Iqela lethu elisehlabathini lonke elinabahloli abangaphezu kwama15000 lisebenza yonke imihla ukugcina abantu abakuFacebook bekhuselekile.
Ukuthethana nababandakanyekayo
Iingcali zangaphandle, izifundiswa, iiNGO nabaqulunqi beepolisi bayanceda ukufaka igalelo kwiMigangatho Yoluntu kaFacebook.
Fumana uncedo ngokuxhatshazwa komntu omdala ngokwesondo
Funda oko unokukwenza ukuba ubona into kuFacebook engqubana neMigangatho Yoluntu.
Ndwendwela iziko loncedo lethu