Imigangatho Yoluntu

Imigangatho Yoluntu yandlala izinto ezivumelekileyo nezingavumelekanga kuFacebook, kuInstagram, kuMessenger nakuThreads.
Intshayelelo
Le migangatho isekelwe kwiingxelo ezivela ebantwini namacebiso avela kwiingcali zeteknoloji, ukhuseleko lukawonkewonke namalungelo abantu. Ukuze siqinisekise ukuba zonke izinto ezithethwa ngabanye ziyaxatyiswa, ngononophelo sizakhela imigangatho equka iimbono neenkolelo, ngokukhethekileyo ezivela kubantu noluntu olusenokuba ngandlela ithile alunanzwa okanye luchwethelwa ecaleni.
Yonke imihla, abantu basebenzisa uFacebook, uInstagram, uMessenger noThreads ukubaliselana ngezinto, ukuncokola nabahlobo nosapho, kunye nokwakha uluntu. Iinkonzo zethu zenza abantu abaziibhiliyoni bakwazi ukuthetha ngokukhululekileyo kuwo onke amazwe neenkcubeko nangentaphane yeelwimi.
UMeta uyiqonda kakuhle indlela ekubaluleke ngayo ukuba uFacebook, uInstagram, uMessenger noThreads babe yindawo apho abantu beziva bexhotyisiwe ukuba banxibelelane kuyo, kwaye siyijonga ngendlela enzulu indima yethu yokuqiniseka ukuba le nkonzo siyinikelayo ayisetyenziswa kakubi. Yiloo nto sizakhele imigangatho yezinto ezivumelekileyo nezingavumelakanga kwezi nkonzo.
Sicela uphawule ukuba uhlelo lwesiNgesi saseMerika lwemigangatho yoluntu luneepolisi ezizezona zizezakutshanje kwaye lulo olumele lusetyenziswe njengoxwebhu oluyintloko.
Ukuzibophelela kwethu koko kuthethwayo
Injongo yemigangatho yoluntu kukudala indawo apho abantu beza kuthetha khona kuze oko bakuthethayo kuviwe. UMeta ufuna abantu bakwazi ukuthetha ngokukhululekileyo ngemiba ebalulekileyo kubo, enoba zizinto abazibhalayo, iifoto, umculo, okanye ngezinye iindlela zobugcisa, kwanaxa abanye besenokuphikisana nayo okanye bayifumanise imele ikhatywe. Kwezinye iimeko, siyayivumela ikhontenti—yona ngokunokwayo esenokungqubana nemigangatho yethu—xa ifanele ukuba sezindabeni kwaye iza kunceda uwonkewonke. Le nto siyenza ngokuthi sikale ixabiso layo kumdla abanawo abantu ngayo silithelekise nomonokalo enokuwenza, kwaye siye siqwalasele imigangatho yamazwe ngamazwe yamalungelo abantu xa sisenza esi sigqibo. Kwezinye iimeko, sisenokuyisusa ikhontenti ethetha ngento esenokuba neentsingiselo ezimbini okanye ekwekwayo xa umongo wayo owongezelelekileyo usenza siqonde ukuba ngendlela esengqiqweni loo khontenti iyangqubana nemigangatho yethu.
Into ebaluleke gqitha kuthi kukuba abantu bathethe, kodwa siyaliqonda nelokuba i-intanethi ivule amathuba amatsha nandileyo okuba isetyenziswe kakubi. Ngenxa yezi zizathu, xa sibeka imida kwindlela yokuthetha, sikwenza oko ngenxa yomnye wale migaqo okanye eminye engakumbi kule ilandelayo:
UBUNYANI
Sifuna ukuqinisekisa ukuba ikhontenti ebonwa ngabantu inobunyani. Sikholelwa kwelokuba ubunyani benza kubekho imeko ebhetele apho kungabelwana khona ngezinto, ibe ke seso sizathu esibangela singabafuni abantu abasebenzisela iinkonzo zethu ukuzenza abantu abangengabo okanye abangenzi le nto bathi bayayenza.
UKHUSELEKO
Sizibophelele ekwenzeni uFacebook, uInstagram, uMessenger noThreads babe ziindawo ezikhuselekileyo. Siyayisusa ikhontenti enganegalelo ekubekeni ukhuseleko lwabantu olungokwasemzimbeni engozini. Ikhontenti esisoyikiso kwabanye abantu ingabangela abanye boyike, bazive bechwethelwa ecaleni okanye bevalwe umlomo kwaye iinkonzo zethu aziyivumeli tu loo nto.
UBUMFIHLO
Sizibophelele ukuba sikhusele imfihlo nenkcazelo yakho. Imfihlo inika abantu inkululeko yokuba babe ngabo, bazikhethele indlela nexesha abafuna ukushera ngalo izinto kwiinkonzo zethu kwaye kuba lula ngakumbi nokukonektha.
ISIDIMA
Sikholelwa kwelokuba bonke abantu bayalingana ngesidima namalungelo. Silindele ukuba abantu baza kusihlonela isidima sabanye baze bangabaphathi kakubi okanye babathobe isidima.
Imigangatho Yoluntu
Imigangatho Yoluntu yethu isebenza kumntu wonke, ehlabathini lonke, kwaye nakuzo zonke iindidi zekhontenti, kuquka ikhontenti eyenziwe ngeAI.
Icandelo ngalinye leMigangatho Yoluntu yethu liqala "ngokucacisa ipolisi" apho kuye kuthiwe thaca iinjongo zepolisi ezisekelwe kuzo iipolisi ezithile ezandlala:
Ikhontenti engavumelekanga; kunye
Nekhontenti efuna inkcazelo eyongezelelekileyo okanye enomongo ekufuneka kunyanzeliswe umthetho ngayo, ikhontenti evumelekileyo kodwa ibe neskrini esilumkisayo okanye ikhontenti evumelekileyo kodwa enokubonwa ngabantu abadala abaneminyaka eli18 nangaphezulu.