Ukunceda Abaselula Babone Ikhontenti Efanele Ubudala Babo
IHLAZIYIWE 4 MEYI 2026
Sifuna abaselula babe namava akhuselekileyo, naluncedo kuFacebook nakuInstagram, aquka ukubanceda babone izinto abanomdla kuzo ngoxa siqiniseka ukuba babona ikhontenti efanele ubudala babo. Sisebenzela ukuthintela abakwishumi elivisayo ukuba babonke ikhontenti engafanelekanga ngeendlela eziyintloko ezintathu: ukususa ikhontenti ngokupheleleyo xa isophula imithetho yethu, sifihle ezinye iintlobo zekhontenti yabantu abadala okanye enochuku kwabakwishumi elivisayo kunye nokuba nomda ongqongqo woko sikuncomelayo.
Siqhubeka sitshintsha kwindlela esiqinisekisa ngayo ukuba sinika abaselula amava akhuselekileyo, nafanele ubudala babo, kwaye siquka olona phando lunzulu neengcebiso zeengcali ukuze sincede abazali bangabi naxhala. Kwakhona besifuna ukungqamanisa kakhulu umgaqo ozimele geqe osele uqhelekile kwiintsapho, ngoko siye sahlolisisa izikhokelo ezifanele ubudala - izikhokelo ezigqibayo ukuba yeyiphi ikhontenti esiyifihlela abakwishumi elivisayo size siphephe ukuyincomela kubo - zithelekiswa neereyithingi zemuvi zobudala obuthi 13+. Oku kuthetha ukuba sifuna abaselula babone ikhontenti kuInstagram nakuFacebook efanayo noko baya kukubona kwimuvi efanele ubudala babo, ngokuzenzekelayo.
Kanye njengokuba usenokubona ikhontenti engcolileyo okanye uve izithuko kwimuvi ereyithwe 13+, abaselula basenokuthi ngamathuba athile babone into efana naleyo kuInstagram - kodwa siza kuqhubeka sisenza konke okusemandleni ethu ukugcina iziganeko ezinjengezi zinqabe kangangoko kunokwenzeka. Siyaqonda ukuba akukho sistimu igqibeleleyo, kwaye sizibophelele ukuba siphucule izinto ngokuhamba kwexesha.
Kukho izinto ezininzi ahluke ngazo amakhasi onxibelelwano xa ethelekiswa neemuvi. Asisebenzisani neMPA xa sihlaziya iisetingi zeekhontenti zethu, kwaye abareyithi nayiphi na ikhontenti kuInstagram okanye/kunye nakuFacebook, kwaye abazixhasi okanye abazivumi iisetingi zekhontenti yethu ngayo nayiphi na indlela. Endaweni yoko, siye sakhuthazwa zizikhokelo zikawonkewonke zeMPA, zikhokelo ezo abazali sele bezazi, kwakunye neengxelo ezivela kubazali. Iinkqubo zethu zokulamla ikhontenti azifani nebhodi eyireyitha iimuvi, ngoko amava afanelekile ukuba afane ncam.
Amanqanaba Aliqela Okhuseleko
Ukwenzela wonke ubani: Sishenxisa ikhontenti enyhasha Imigangatho Yoluntu yethu. Sikwanawo nomda ophezulu wohlobo lwekhontenti esiyincomelayo.
❌ Ikhontenti EsiyisusayoImigangatho Yoluntu yethu idandalazisa iintlobo zekhontenti esingazivumeliyo kuFacebook nakuInstagram. Siyisusa ngokupheleleyo le khontenti kuye wonke umntu - kuquka nakwabaselula - nanini na sisazi ngayo. Xa sisusa ikhontenti eyaphula imithetho yethu, kungenzeka siyinike nesohlwayo loo akhawunti iyisherileyo, ibe sizenza zingasebenzi iiakhawunti ephindaphindayo ukunyhasha okanye ezizinyhasha ngokunzulu iipolisi zethu. Ezi polisi zenziwe ngendlela yokuba zikhusele wonke umntu kuluntu lwethu, kuquka abaselula.
Iintlobo zekhontenti esizisusa ngokupheleleyo ziquka, kodwa aziphelelanga kwezi:
Ukuphatha Kakubi Nokuxhaphaza
Asiyivumeli ikhonenti enokuphatha kakubi okanye ixhaphaze abantu, njengeepowusti ezikhuthaza izenzo zesondo nomntu enganikelanga ngemvume, okanye ukushera okanye ukucela imathiriyali yokuxhatshazwa komntwana. Ngokomzekelo, besiya kuyisusa:
❌ Ipowusti eofarisha okanye ecela umntu ukuba athumele iphonografi.
❌ Ifoto yomntu esenza isenzo esiyimfihlo okanye sesondo, esherwe ngaphandle kwemvume yakhe.
❌ Ipowusti eofarisha okanye ecela imathiriyali yokuxhaphaza umntwana okanye imifanekiso yabantwana abaze.Ukuzibulala, Ukuzenzakalisa, Nezigulo Ezinokwenza Nendlela Otya Ngayo
Asiyivumeli ikhontenti ekhuthaza, etyibela okanye epromowutha ukuzibulala, ukuzenzakalisa okanye izigulo ezinokwenza nendlela otya ngayo, ngoxa sibanika abantu isithuba sokuthetha ngamava abo nesokucela inkxaso. Ngokomzekelo, besiya kuyisusa:
❌ Ipowusti ethetha kakuhle ngokuzibulala, ukuzenzakalisa, okanye isigulo esinokwenza nendlela otya ngayo.
❌ Ibali elibonisa ukuzenzakalisa okumanyumnyezi.
❌ Ikhomenti ehlekisa ngomntu kuba enesigulo esinokwenza nendlela atya ngayo.
Indlela Yokuziphatha Enentiyo, Ukubhulisha Nokuhlupha
Asiyivumeli ikhontenti enokuyila imeko yokoyikiswa okanye yokubukulwa kwabantu, kuquka ukubhulisha nokuhlupha abantu. Ngokomzekelo, besiya kuyisusa:
❌ Ipowusti esebenzisa isigama esithoba isidiba sabantu ngenxa yebala, unqulo, uhlanga, ubuni, okanye ukhetho lwakhe kwezesondo.
❌ Ikhomenti ehlekisa ngamaxhoba okuxhatshazwa ngokwesondo.
❌ Ipowusti esongela ngokukhupha inkcazelo echaza umntu ukuba ungubani (njengenombolo yepasipoti) okanye ephembelela ukuhlutshw komntu.
Impahla neenkonzo ezibekelwe isithintelo
Asikuvumeli ukuthenga, ukuthengisa, okanye ukurhweba ngeempahla nangeenkonzo ezithile ezibekelwe isithintelo kwiiplatfomu zethu. Asibavumeli nabantu ukuba bapromowuthe iintlobo ezithile zemichiza okanye banikele ngemiyalelo yendlela yokuzisebenzisa. Ngokomzekelo, besiya kuyisusa:
❌ Ibali eliofarisha ukuthenga, ukuthengisa, okanye ukurhweba ngeentlobo ezithile zeziyobisi.
❌ Ipowusti ekhangela indlela yokuthenga, ukuthengisa, okanye ukurhweba ngecuba, inicotine, okanye utywala
❌ Ikhomenti eofarisha iipart zompu oprintwe nge3D.Siyawavumela amanye amashishini asemthethweni aofarisha ngokusemthethweni iintlobo ezithile zeempahla ezibekelwe isithintelo.
Ikhontenti Esongelayo Nehlasimlisayo
Asiyivumeli ikhontenti emanyumnyezi ngokugqithiseleyo, okanye ikhontenti engasongela ukhuseleko lomntu, njengezisongelo zobundlobongela ezenziwa ebantwini. Ngokomzekelo, besiya kuyisusa:
❌ Ipowusti esongela ngokubulala okanye ngokuthimba umntu, okanye ekhuthaza abanye abantu ukuba benze ubundlobongela.
❌ Ividiyo emanyumnyezi ebonisa umntu esonzakaliswa okanye etshiswa ngokugqithiseleyo.
Siyayivumela kwiimeko ezithile ikhontenti emanyumnyezi kwezonyango okanye xa isherwa ngenjongo yokulumkisa abantu. Kwiimeko apho siyivumelayo ikhontenti emanyumnyezi, ngokuqhelekileyo siyigquma ngeskrini esilumkisayo ukuze sazise abantu ukuba loo khontenti kungenzeka ibe nochuku ngaphambi kokuba bayiklike.
Ubuze, Ukwabelana Ngesondo, Kunye neSigama Esithetha Phandle Ngesondo
Sibeka imida kwindlela ekuboniswa ngayo ubuze okanye izenzo zesondo kwakunye nesigama esithetha phandle ngesondo. Ngokomzekelo, besiya kuyisusa:
❌ Siyayisusa imifanekiso neevidiyo ezinobuze okanye ezibonisa ngokuphandle izenzo zesondo, kuquka xa ziveliswe yiAI.
❌ Ibali elinengcaciso echaza ngokuphandle okanye ngokungafihlisiyo izinto ezidibene nesondo (ngaphandle kokuba liyahlekisa okanye lelokuqhula).
Siyaqonda ukuba ubuze bungasherwa ngezizathu ezingafaniyo, kuquka uhlobo lokuqhankqalaza, ukwazisa abantu ngomba othile, okanye ngezizathu zemfundo okanye zonyango. Xa kufanelekile kwaye loo njongo icacile, siyayivumela le khontenti.
Ukuze ufumane iinkcukacha ezipheleleyo ngekhontenti esiyisusayo, jonga Imigangatho Yoluntu Yethu.
🛡️ Ikhontenti Esikuphephayo UkuyicebisaSiye sicebise kwindawo ezifana neeReel zikaInstagram nakuExplore okanye Ezifakiweyo KuFacebook ukuze sincede abantu bafumane ikhontenti entsha abasenokuba banomdla kuyo. Thina sinezikhokelo eziphathelele ikhontenti enokuthi inconyelwe, kuze kuphetshwe ukwenza izincomelo ezinokuthi zithobe umgangatho, zingamkeleki, okanye zibe nochuku olukhethekileyo—kwanaxa loo khontenti ingekho nzulu ngokwaneleyo ukuba ingasuswa. Oku kungenxa yokuba sicinga ukuba kufanele kubekho imigangatho engqongqo xa kuboniswa abantu ikhontenti evela kwiiakhawunti abantu abangazikhethelanga ukuzilandela.
⚠️ Ikhontenti Eyongezelelekileyo Esiyifihlayo Kwabaselula
Abakwishumi elivisayo: Sibonelela ngokhuseleko olwenzelwe abo bangaphantsi kweminyaka eli18. Sifihla ikhontenti engakumbi, ukodlula oko siye sikushenxise sisenzela wonke umntu, kwaye siye siphephe ukuncomela ikhontenti yabakwishumi elivisayo enconyelwayo kubantu abadala. Sizimisele ukuba abaselula babone ikhontenti kuInstagram noFacebook efanayo noko baya kukubona kwimuvi efanele ubudala babo, ngokuzenzekelayo. Abaselula banokufikelela kuphela isetingi yesithathu, engekho ngqongqo - ebizwa ngokuthi Ikhontenti Engakumbi - ngemvume yomzali. KuInstagram, abaselula okanye abazali babo nabo basenokukhetha isetingi engqongqo ngakumbi ebizwa ngokuba yiKhontenti Enomda, kwaye abaselula abanokufikelela kuphela kwisetingi yesithathu, evumela izinto ngakumbi - ebizwa ngokuthi Ikhontenti Engakumbi - ngemvume yabazali
13+ (ezenzekelayo): Isetingi yekhontenti ethi 13+ ibangelwa yireyithingi yeemuvi zobudala obuthi 13+ nezimvo zabazali, kwaye ilungiselelwe abaselula ngokuzenzekelayo. Sisebenze neengcali zolutsha ehlabathini lonke ukuze siqonde ukuba luluphi uhlobo lwekhontenti esenokuba ifanele abantu abadala, kodwa ibe ingabufanelanga ubudala babo baselula abangaphantsi kweminyaka eli18, kwaye siye sazihlolisisa ezi zikhokelo zifanele ubudala obuthile sizithelekisa neereyithingi zemuvi zobudala obuthi 13+ nezimvo zabazali. Kule setingi, siza kufihla ikhontenti eyongezelelekileyo evela kwabakwishumi elivisayo ukodlula oko sele sikushenxisile kumntu wonke. Le nto ithetha ukuba, ngoxa abantu abadala beza kuqhubeka bekwazi ukuyibona le khontenti, abaselula abazukwazi ukuyibona okanye ukuqhubana nayo, kwanokuba isherwe yiakhawunti abayilandelayo kwindawo ethi Ezifakiweyo okanye Amabali. Sikwathintela abakwishumi elivisayo ukuba bangafumanisi, bangalandeli baze baqhubane neeakhawunti ezithi ngokuyintloko zishere ikhontenti engafanelekanga.
Klika apha ukuze ubone ezinye iintlobo zekhontenti esiza kuyifihlela kwabakwishumi elivisayo kule sethingi izenzekelayo
Ukuzibulala, Ukuzenzakalisa, Nezigulo Ezinokwenza Nendlela Otya Ngayo
Siyayifihla ikhontenti ethile enokwenza nokuzibulala nokuzenzakalisa ukuze sikhusele abaselula kwimathiriyali enokubaxhwalekisa okanye ibe nochuku kubo. Ngokomzekelo, siya kuyibekela isithintelo sobudala:
⚠️ Ipowusti apho umntu echaza amava akhe ngokuzibulala, ukuzenzakalisa okanye izigulo ezinokwenza nendlela yokutya, ngaphandle kwakwimeko apho umntu echacha.
⚠️ Ifoto okanye ividiyo ebonisa abantu esibhedlele besenza ieuthanasia okanye bencedisa umntu ukuba azibulale.
⚠️ Ibali apho umntu ethetha ngendlela yokuziphatha ebaxekileyo yokuhlisa umzimba.
Impahla neenkonzo ezibekelwe isithintelo
Siyayifihla kwabaselula ikhontenti enokubaphembelela ukuba benze izenzo ezinokubenzakalisa. Ngokomzekelo, siya kuyibekela isithintelo sobudala:
⚠️ Ipowusti eofarisha ukuthengisa icuba, iimveliso zenicotine, utywala, okanye imipu xa isherwa lishishini elinevenkile yokoqobo.
⚠️ Ibali elikhuthaza abantu ukuba basebenzise iziyobisi okanye iimveliso zentsangu.
⚠️ Imifanekiso eneeresiphi zotywala.
⚠️ Ipowusti ethengisa iimveliso zokuhlisa umzimba okanye iinkonzo.
Ikhontenti Esongelayo Nehlasimlisayo
Siyayifihla inkoliso yemifanekiso emanyumnyezi nephazamisayo kwabaselula, kwanokuba siyayivumela size siyigqume ngeskrini esilumkisayo kubantu abadala. Ngokomzekelo, siya kuyibekela isithintelo sobudala:
⚠️ Ifoto yomntu otshe ngendlela emasikizi, esiyigquma ngeskrini sokulumkisa kubantu abadala.
⚠️ Ifoto okanye ividiyo yokudutyulwa kwabantu, ukonzakaliswa okumanyumnyezi, okanye iingozi zemoto ezibulala abantu.
Ubuze, Ukwabelana Ngesondo, kunye neSigama Esithetha Phandle Ngesondo
Siyayifihla ikhontenti eyongezelelekilyo evela kwabakwishumi elivisayo engenabo ubuze obuphandle okanye izenzo zesondo kodwa enokujongwa njengengcolileyo ngokwesondo. Ngokomzekelo, siya kuyibekela isithintelo sobudala:
⚠️ Ipowusti ephantse ibe nobuze efana nobuze obugqunywe ngokugqunywa ngento yedijithali.
⚠️ Ifoto esondeze kakhulu iimpundu zomntu othile.
⚠️ Ibali elinesigama esingcolileyo kwezezondo sichaza izinto ezidibene nesondo, kuquka ukusebenzisa izangotshe zezesondo.
Ukuze ufumane iinkcukacha ezipheleleyo ngekhontenti esiyisusayo, jonga Imigangatho Yoluntu Yethu.
Kwakhona siyakuphepha ukuncomela iintlobo ezingakumbi zekhontenti, kwanaxa zihambisana neereyithingi zobudala obuthi 13+ kunye nengxelo yabazali. Uninzi lwekhontenti esikuphephayo ukuyicebisa kubantu abadala sele ifihlwe ngokupheleleyo kwabakwishumi elivisayo, kodwa asipheleli apho kwabakwishumi elivisayo ibe siyakuphepha ukucebisa iintlobo ezongezelekileyo zekhontenti - ezifana neefoto okanye iividiyo ezinokugqalwa njengezigudle isondo ngendlela engangqalanga, izithuko ezikhulu, okanye ukwenza izinto ezifana nokutsiba kwizakhiwo eziphezulu.
Ikhontenti Enemida: KuInstagram, ukwenzela abazali abakhetha ukulawula izinto ngakumbi, siye seza nentsha, enezithintelo ezingakumbi ebizwa ngokuba yiKhontenti Enemida. Xa isethingi yeKhontenti Enemida ivuliwe, siza kusebenzisa iifiltha zekhontenti zethu ngamandla kakhulu ukuze sifihle ikhontenti engakumbi evela kumava eAkhawunti Yabakwishumi Elivisayo. Kwakhona siza kubeka umda kwiziphumo zoPhando, size sicime into yokuba abakwishumi elivisayo babone, bashiye okanye bafumane iikhomenti phantsi kweepowusti.
Ikhontenti Engakumbi: Ulutsha lungaswitshela kuphela kwisethingi 'yeKhontenti Engakumbi' ngemvume yabazali, apho abazali banokuthi kuphela babonelele ngokubeka esweni komzali. Kule sethingi, abakwishumi elivisayo bayazuza kwiindlela zokukhusela ezizenzekealyo ezifihla ikhontenti engakumbi kwabakwishumi elivisayo kunokuba sisenza kubantu abadala, kwaye siza kuqhubeka sisusa ngokupheleleyo ikhontenti xa inyhasha Imigangatho Yoluntu yethu. Kodwa ke, abakwishumi elivisayo basenokucetyiswa ikhontenti ethile esenokungabi kwiisethingi ze13+ neKhontenti Enomda, kwaye asiyi kuyifihla yonke iakhawunti eshera ikhontenti engabufanelanga ubudala obuthile. Isetingi yeKhontenti Engakumbi ayiyi kubonelela ngemiqathango ethile engqongqo yekhonteti yosasazo, Kwiikhomenti, nakuKhangelo oluyinxalenye lweesethingi ze13+ kunye nezeKhontenti Engenamda.
Isilumkiso: Kukho izinto ezininzi ahluke ngazo amakhasi onxibelelwano xa ethelekiswa neemuvi. Asisebenzisananga neMPA xa sihlaziya iisetingi zekhontenti zethu, kwaye abareyithi nayiphi na ikhontenti kuInstagram nakuFacebook, kwaye abazixhasi okanye abazivumi iisetingi zekhontenti yethu ngayo nayiphi na indlela. Endaweni yoko, siye sakhuthazwa zizikhokelo zikawonkewonke zeMPA, zikhokelo ezo abazali sele bezazi, kwakunye neengxelo ezivela kubazali. Iinkqubo zethu zokulamla ikhontenti azifani nebhodi eyireyitha iimuvi, ngoko amava afanelekile ukuba afane ncam.
Indlela Yokuxela Ikhontenti Enyhashayo
Sizama ngamandla ukubhaqa ikhontenti eyaphula imithetho yethu, ibe uninzi lwaloo khontenti siyalubhaqa size silususe kwangaphambi kokuba ibonwe sisebenzisa iteknoloji yethu ngaphambi kokuba ixelwe kuthi. Ukuba ubona into esiye sayiphosa, nceda usincede senze iiplatfomu zethu zibe yindawo ekhuselekileyo ngokuyixesla enoba kukuFacebook okanye kukuInstagram. Zonke iingxelo azichazwa ukuba zenziwe ngubani.
Izinto Zokusebenza Ezongezelelekileyo
Imigangatho Yoluntu yethu iqulethe iinkcukacha zeentlobo zekhontenti esizisusayo nesizibekela isithintelo sobudala kwipolisi nganye. Ukuze uyifunde, klika apha.
Siye saphuhlisa neteknoloji ebhaqa kwangaphambili abantu abadala abakrokrelekayo, njengomntu omdala obhlokwe okanye waxelwa ngabaselula ngokuphindaphindiweyo, okanye ukuba umntu omdala ukhangela ngokuphindaphindiweyo ikhontenti enyhashayo. Asisoze sicebise abantu abadala abakrokrisayo abanjalo kwabaselula, ibe asisoze sicebise abaselula kubantu abadala abakrokrisayo. Ungafunda okungakumbi ngale nto apha.
Ungafunda okungakumbi ngeendlela esigcina ngazo uluntu lwethu lukhuselekile kwiZiko Lokhuseleko lethu, nendlela esixhasa ngayo abaselula neentsapho kwiZiko Lentsapho lethu.